Indlela entsha yokufumana kweendwendwe iindawo ezahlukileyo ebezinokuziphosa.
Ziquka izindlu ezingathi ncamatshi kwaphela kwinto ekhangelwayo, ukuze iindwendwe ziboniswe ezingakumbi.
Ngoku iindwendwe zingakhangela izinto ezintsha, ukususela kwiholide yempela-veki ukuya kwiindawo zokuhlala ixesha elingangenyanga nangaphezulu.
Ingqokelela zeendawo onokuhlala kuzo Nezinto Ezinokonwatyelwa—ukuqala Ngokubethwa Ngumoya Phandle.
Inkcazelo yokufika edingwa zindwendwe, ukususela kwindlela yokuya ukuya kutsho kwi-wifi, yonke ifumaneka kwindawo enye ngoku.
Siwanciphisile amanyathelo afunekayo ukuze iindwendwe ezintsha ziqinisekise ukubhukisha kwazo kokuqala.
Ngoku iindwendwe ezifika okokuqala zingavula iakhawunti ka-Airbnb lula ngexesha ezibhukisha okokuqala ngalo.
Kulula ngoku ukubona ezona zihluzi zithandwayo xa ukhangela indlu ekulungeleyo.
Imida emitsha nephuculiweyo yokukhangela ukuze izinto ozikhangelayo zicace zize zibe lula ngakumbi.
Izihluzi ezihambelana nomxholo ziyavela xa kulixesha lazo lonyaka—ngokomzekelo, ukutyibiliza kwikhephu xa usiya okanye ubuya.
Iindlela zokuhluza ngoku zivela kuphela ukuba ziyahambelana nalapho undwendwe olukhetha ukuya khona.
Iinkcukacha ezingakumbi zezinto ezinokusetyenziswa, ezinjengokuba iziko libaswa ngegesi okanye ngeenkuni.
Uyakwazi ukubona ulwandle? Ibhayisekile emileyo? Ezi nkcukacha ziluncedo ngoku ziyabonakala ezindlini.
Zigcina iziphumo zokukhangela zihleli ngaphambili nasembindini kwimephu ngoxa ukhangela.
Iipini zemephu azizuphinda zivele zinyamalale zize ziphinde zivele ngoxa usazuma okanye usajika. Intle!
Iimpawu zemephu ezenziwe ntsha ziveza iindawo ezithandwayo nezinye izinto xa kukhangelwa.
Imephu ngoku iveza iindawo ezikuyo Izinto Ezinokonwatyelwa zakwa-Airbnb ukusuka kwindawo oluza kuhlala kuyo undwendwe.
Ngaphambili ibifumaneka efowunini kuphela kwiselfowuni, iimephu ezigcwalisa isikrini ngoku zenza ukhangele izinto ezininzi ekhompyutheni.
Imenyu yeendwendwe entsha izivumela ziye ngqo kwiindawo, Izinto Ezinokonwatyelwa, ukuba Ngumbuki Zindwendwe nokunye.
Izihluzi ezilandelelaniswe ngendlela entsha zenza kube lula ukufumana iindawo ezineendlela zokungena.
Ukwanda kweendawo Nezinto Ezinokonwatyelwa ekungeneka lula kuzo kuAirbnb.
Iindawo ezingaqhelekanga ezingakumbi ezinezinto ezenza kube lula ukungena kuzo ukuze sizifikelele ngakumbi izinto ezidingwa yintsapho yethu.
Isihluzi esitsha sivumela iindwendwe zikhangele izinto ezenziwayo oya ubuqu kuzo ezineendlela zokungena.
Izinto zokwenza ezikwi-intanethi noya ubuqu kuzo ezenzelwe ukuba ziquke nabantu abaneziphene.
Ababuki Zindwendwe Bezinto Ezinokonwatyelwa abababhatalisi abantu abahoya nabanceda iindwendwe ezineziphene.
Iindawo zokuhlala Nezinto Ezinokonwatyelwa ezikusa kwindawo epholileyo engqongwe yindalo.
Bonisa abahlobo, iintsapho nabantu abakulandelayo Ezibawelayo zakwa-Airbnb ozithandayo kumajelo okuncokola.
Iipolisi zokurhoxa zihlaziyiwe ukuze zicace ngakumbi kwiindwendwe Nakubabuki Zindwendwe
Ngoxa iindwendwe ziceba ukuba ziza kuhlala phi, ziye zicetyiswe Ngezinto Ezinokonwatyelwa ezifanelekileyo.
Ithebhu Yohambo ngoku icebisa ngezinto zokwenza ezimnandi nezikufuphi ngoxa ukuhambo.
Ababuki zindwendwe banokuthumelela iindwendwe zabo ezikhoyo amacebiso Ngezinto Ezinokonwatyelwa ezikufuphi ezifumanekayo ngoxa zisahleli.
Zinceda ekuqinisekiseni ukuba ilayisensi nenkcazelo yeinshorensi Yombuki Zindwendwe Yezinto Ezinokonwatyelwa ezifana nezesikhephe zisexesheni.
Ababuki zindwendwe bezinto ezinokonwatyelwa banokulungisa iingcaciso zabo lula ukuze zichane.
Kulula ngakumbi kunangaphambili ukuba abantu osebenza nabo bathathe iindawo zabo Kwinto Enokonwatyelwa Kwi-intanethi yeqela.
Intsapho Yababuki Zindwendwe ezinikele ngokukhethekileyo kwintsapho yethu esakhulayo Yababuki Zindwendwe Bezinto Ezinokonwatyelwa Kwi-intanethi.
Ababuki Zindwendwe Bezinto Ezinokonwatyelwa banganikezela ngezaphulelo ngoku ukuze kube lula ukuba iintsapho ezingakumbi zibe nenxaxheba.
Kufakwe uluhlu oluzintlobo eziyi-9 lweendawo ezahlukileyo onokukhetha kuzo—ukususela kwizindlu zezi mini ezenziwe ngodaka ukuya kutsho kwiinqwelo.
Uluhlu olutsha lweendawo ezahlukileyo ezikwindalo—ukususela kwiintente ezirawundi ukuya kwiifama.
Iindwendwe zinokufumana iindawo kufuphi nento ekhethekileyo, njengengxangxasi okanye indawo yewayini.
Yenziwe yantsha ukuze ibancede ngakumbi Ababuki Zindwendwe xa beqalisa.
Akuzange kube lula kangaka ukufaka indawo yakho kuAirbnb, uze uncedwe xa uyifaka.
Indlela entsha Yababuki Zindwendwe yokulawula ukubhukisha, imisebenzi nezinye izinto kwindawo enye.
Iphepha elihlaziyiweyo elithi "Ukuba Ngumbuki Zindwendwe" lineendawo nezinto eziluncedo ezintsha Zababuki Zindwendwe Bezinto Ezinokonwatyelwa.
Amanqaku neevidiyo zokunceda Ababuki Zindwendwe abatsha nabadala.
I-calculator ehlaziyiweyo ikunceda uqikelele ingeniso yendawo yakho ngokukhawuleza.
Inkqubo yokubhalisa engenabugocigoci yenza kube lula ukuba ube Ngumbuki Zindwendwe Wezinto Ezinokonwatyelwa.
Ababuki Zindwendwe Bezinto Ezinokonwatyelwa Abaninzi ngoku bayakwazi ukufaka iividiyo ukuze babonise abanye into yabo abayithanda nyhani.
Iinkcukacha zendlu ezikwinkcazelo yezindlu yomntu wonke zinceda Ababuki Zindwendwe bakhawuleze bafake iindawo zabo.
Amaphawu azotyiweyo enza kube lula ukukhetha nokuveza izinto zendlu ezibalulekileyo.
Iimodeli zokubona zekhompyutha eziphucukileyo zihlola iifoto zize zizilandelelanise ngeyona ndlela eziza kubonakala ngcono ngayo.
Icebiso elithunyelwa ngomyalezo lokwenza isihloko sendlu esibangela umdla ngokusekelwe kwinkcazelo enikezelweyo.
Linceda Ababuki Zindwendwe abatsha ukuba bachaze ngokukhawuleza izinto ezenza izindlu zabo zohluke kwaye zinqweneleke.
Ukubeka ixabiso elifanelekileyo lendlu yakho akunabugocigoci ibe kulula ngoku.
Ngoku sikunika uqikelelo lomyinge wamaxabiso endlu yakho ngokusekelwe kwizindlu ezifana neyakho.
Senze lula elinye lamanyathelo asekugqibeleni kwenkqubo yokufaka indlu.
Bona kwangaphambili yonke indlela indlu yakho entsha eza kuvela ngayo kwiindwendwe. Ekugqibeleni!
Xa uyigqiba indlu yakho entsha, uSandy noBrian baza kube belapho ukuze bavuyisane neso sihlandlo.
Amanqaku anceda Ababuki Zindwendwe abatsha kuyo yonke inkqubo yokuqalisa.
Iiklasi ezikwi-intanethi ezikhokelwa ziSuperhost zinceda Ababuki Zindwendwe abatsha baqalise ngokukhawuleza.
Ababuki Zindwendwe abatsha abaya kwiiklasi ezikwi-intanethi banokuthumela i-imeyile kwiiSuperhost ngqo ukuze bafumane uncedo olungiselelwe bona ngokukhethekileyo.
Xa kufakwa indlu, Umbuki Zindwendwe omtsha angafumana amacebiso ngokubhalela iSuperhost ecaleni.
Ababuki Zindwendwe banokubhalisela Izinto Ezinokonwatyelwa Kwi-intanethi ukuze bafunde Kubabuki Zindwendwe abanamava.
Emva kokufaka indawo entsha ize ibonakale, ulwalathiso lufumaneka kumanyathelo alandelayo—afana nokubeka imithetho yekhaya.
Ababuki Zindwendwe abatsha bacetyiswa ngendlela yokufumana ukubhukishwa abakufunayo ngexabiso abalilindeleyo.
Ababuki Zindwendwe banokufaka izinto abazifunayo kwiindwendwe ezibhukishayo, njengokuba kufuneka zinconywe ngabanye Ababuki Zindwendwe.
Umyalezo onesilumkiso othunyelwa ngokuzenzekelayo ukhumbuza Ababuki Zindwendwe abatsha ukuba bafake indlela abaza kubhatalwa ngayo, ukuze babhatalwe kuselithuba.
Ithebhu ethi Namhlanje yenza ukuba Ababuki Zindwendwe babone izicelo nemibuzo yokubhukisha engekahoywa.
Ithebhu ethi Namhlanje yenza nokuba Ababuki Zindwendwe babone ukubhukisha kondwendwe okukhoyo ngoku nokusezayo apha phambi kwabo.
Ithebhu ethi Namhlanje yenza indlela elula yokuba Ababuki Zindwendwe bafikelele kwizixhobo zamaxabiso nezokufumaneka.
Amanqaku ancedayo kwithebhu ethi Namhlanje anamacebisa ngokubuka iindwendwe ngendlela ephumelelayo.
Imiyalezo iqinisekisa ukuba Ababuki Zindwendwe bayakhunjuzwa ngayo nantoni na ekufuneka beyihoyile.
Imiyalezo ephakathi kweendwendwe Nababuki Zindwendwe ngoku ivela ngokukhawuleza ngakumbi ngokuphindwe kayi-10.
Ivumela Ababuki Zindwendwe bayifumane ngolula imiyalezo kwiindawo yemiyalezo ngokubaneendlela zokukhangela ezahlukahlukeneyo.
Izinto ezihlaziyiweyo kwimiyalezo zenza ukuba Ababuki Zindwendwe bakwazi ukuhluza imiyalezo—kuqula naleyo engekafundwa.
Ngoku ababuki zindwendwe bangazenzela lula Iimpendulo Ezikhawulezayo zemibuzo eqhelekileyo.
Yenza imiyalezo ethumela ngokuzenzekelayo imiyalezo ethetha kamnandi yokukhumbuza, njengemiyalelo yaxa kuphunywa.
Ithebhu Yolwazi inenkcazelo ngokwenzekayo ekuhlaleni ukuze Ababuki Zindwendwe bazi ngamathuba.
Indawo Yababuki Zindwendwe Bezinokonwatyelwa enengeniso, imilinganiselo, njl.
Indlela elula yokuba iindwendwe zifake izimvo zokuba bekunjani ezinenkcazelo eluncelo Kubabuki Zindwendwe.
Izikhokelo zezimvo zinceda undwendwe lufakele izimvo ezincedayo nezichaza okungakumbi.
Uluhlu olutsha kwizimvo ukuze iindwendwe zifake ushwankathelo lwento yonke ngokuhlala kwazo.
Iindwendwe zinokuthetha ngakumbi, zigxeke, zincome, okanye zifake umlinganiselo...ekugqibeleni!
Amanani amatsha enza uvuyele yonke into ukususela kwinani leendwendwe oye wazibuka ukuya kutsho kwizinto oye wazonwabela.
Indlela entsha yokuba Ababuki Zindwendwe babonise abanye baze bavuyele amanani omsebenzi wabo onzima kumajelo okuncokola.
Iinkcukacha zendlu ziyenza icace into eyenza Umbuki Zindwendwe nendawo zohluke.
Indlela elula yokukhangela kwiZiko loNcedo elinoncedo olupheleleyo lweendwendwe Nelababuki Zindwendwe.
Isikhokelo esenzelwe wena sinceda iindwendwe nababuki zindwendwe ukuba basombulule lula iingxaki eziqhelekileyo ngamanyathelo ambalwa.
Yonke imiyalezo yokubhatala yondwendwe ngoku ikwindawo enye nekulula ukuyifumana.
Uncedo ngoxa ukuhambo lunenombolo yemizuzwana eyi-30, enetoliki ngeelwimi ezininzi.
Inkcazelo yasekuhlaleni ngeenkonzo zongxamiseko zomlilo, zamapolisa neyeengcali zezonyango longxamiseko kwiingingqi ezininzi.
Uncedo olungxamisekileyo ngoxa ukuhambo ngoku lufumaneka ngeelwimi ezininzi.
Uncedo lweeSuperhosts olutsha—eMntla Merika kuqala, nakwezinye iindawo ungekapheli unyaka.
Uncedo olutsha olubeka phambili Iinkokheli Zababuki Zindwendwe Ekuhlaleni.
Indlela engcono yokunceda iindwendwe Nababuki Zindwendwe ngexesha lohambo lwabo ngenkcazelo ebalulekileyo.
Khangela ngaxeshanye kwizinto zonke zoncedo zika-Airbnb ube neempendulo ngokukhawuleza.
Amanqaku oncedo enziwe alula anikezela ngenkcazelo echanileyo—kwindawo nangexesha adingeka ngalo.
Uncedo lwenyathelo ngalinye lokucombulula iingxaki eziqhelekileyo zohambo njengezinto ezinokusetyenziswa ezaphukileyo okanye ezingekhoyo.
Iipolisi ezicace nezilula ngakumbi zikwindawo enye Kwiziko Loncedo.
Izixhobo zokunceda amagosa alawule iipolisi zokuqeshisa ixesha elifutshane nemithetho.
Ipolisi evumela Ababuki Zindwendwe baphikise izimvo zendwendwe ezophula umthetho weepati.
Siliphindile inani labancedi emhlabeni wonke ukuze siyisebenzele bhetele intsapho yethu.
Sizandisile iilwimi ezifumanekayo esinceda ngazo zasuka kweziyi-11 zaya kweziyi-42.
Kwimenyu Yababuki Zindwendwe entsha baya ngqo kuncedo, izindlu, kubuSuperhost nakwezinye.