UKUZIKHUSELA KWICOVID-19

Imigangatho ephuculiweyo yazo zonke iindawo

IMIGANGATHO ETSHINTSHILEYO

Ukhuseleko luxanduva lomntu wonke

Ukukhuseleka kwentsapho yethu yeyona nto ibalulekileyo. Ababuki zindwendwe emhlabeni wonke bayazibophelela kwiinkqubo zethu ezihlaziyiweyo zokuzikhusela kwiCOVID-19 nezokucoca ukuze ungabi naxhala xa kufuneka uzikhuphile. Intsha le nto kwimigaqo yokhuseleko yakwa-Airbnb, ibe sicele bonke ababuki zindwendwe * ukuba bazibophelele kwezi zinto zintsha bamele bazenze ingadlulanga i-20 kaNovemba 2020.

Ukukhuseleka kwentsapho yethu yeyona nto ibalulekileyo. Ababuki zindwendwe emhlabeni wonke bayazibophelela kwiinkqubo zethu ezihlaziyiweyo zokuzikhusela kwiCOVID-19 nezokucoca ukuze ungabi naxhala xa kufuneka uzikhuphile. Intsha le nto kwimigaqo yokhuseleko yakwa-Airbnb, ibe sicele bonke ababuki zindwendwe * ukuba bazibophelele kwezi zinto zintsha bamele bazenze ingadlulanga i-20 kaNovemba 2020.

Ukunxiba imaski
Iindwendwe kunye nababuki zindwendwe kufuneka banxibe iimaski xa bedibene.
Ukungasondeli kwabanye abantu
Ababuki zindwendwe kunye neendwendwe kufuneka bangasondeli kwabanye abantu kangangemitha ezimbini (six feet) okanye ezingaphezulu—njengoko kucetyisiwa yimibutho yezempilo yehlabathi.
Ukucoca okuphuculiweyo
Ababuki zindwendwe emhlabeni wonke bayazibophelela kwinkqubo yethu yokucoca ephuculiweyo exhaswa zingcali nenamanyathelo amahlanu.

UKUCOCA OKUPHUCULIWEYO

Ukuthi zava ngenxa yokucoceka

Sicela bonke ababuki zindwendwe ukuba bazibophelele kwinkqubo yokucoca ephuculiweyo enamanyathelo amahlanu eyenza okungakumbi kunokucoca okuqhelekileyo enciphisa iintsholongwane kuyo yonke indlu. Le nkqubo exhaswa ziingcali linyathelo elibalulekileyo lokunceda ekuqinisekiseni ukukhuseleka kwentsapho yethu.

Sicela bonke ababuki zindwendwe ukuba bazibophelele kwinkqubo yokucoca ephuculiweyo enamanyathelo amahlanu eyenza okungakumbi kunokucoca okuqhelekileyo enciphisa iintsholongwane kuyo yonke indlu. Le nkqubo exhaswa ziingcali linyathelo elibalulekileyo lokunceda ekuqinisekiseni ukukhuseleka kwentsapho yethu.

IINDAWO EZIKUFUPHI

Indawo yabucala, ekude ebantwini abaninzi

Indawo yabucala. Ukubhalisela ukungena okungakudibanisi nabantu. Iindawo eziphandle ezivulekileyo. Indawo yanele. Fumana iindawo zokuhlala ezinezona zinto onokuzisebenzisa zibalulekileyo kuwe xa uceba uhambo lwakho oluzayo.

Indawo yabucala. Ukubhalisela ukungena okungakudibanisi nabantu. Iindawo eziphandle ezivulekileyo. Indawo yanele. Fumana iindawo zokuhlala ezinezona zinto onokuzisebenzisa zibalulekileyo kuwe xa uceba uhambo lwakho oluzayo.

Iimpendulo zemibuzo yakho

Ndazi njani ukuba indlu ilandela izikhokelo ezintsha zokhuseleko nezokucoca?

Ukuqala nge-20 kaNovemba, bonke ababuki zindwendwe (ngaphandle kwaseTshayina) kuza kufuneka bazibophelele kwizinto ezintsha abamele bazenze ukuzikhusela kwiCOVID-19 naxa becoca, kungenjalo kusenokukhutshwa izilumkiso kwiiakhawunti zabo, zinqunyanyiswe ibe kwezinye iimeko zisuswe kwiwebhusayithi ka-Airbnb. Uza kwazi ukuba umbuki zindwendwe uzibophelele na kwinkqubo yokucoca ephuculiweyo enamanyathelo amahlanu - jonga nje uphawu lococeko namagama athi "Ukucoca Okuphuculiweyo" phezulu kwiphepha lendlu yombuki zindwendwe. Funda ngakumbi Ngokucoca Okuphuculiweyo kuka-Airbnb.

Bonke ababuki zindwendwe neendwendwe kufuneka bathobele izinto abamele bazenze zokuzikhusela kwiCOVID-19 ezicetyiswa Ngumbutho Wezempilo Wehlabathi neCenter for Disease Control yaseMerika ngexesha abaza kulihlala. Le nto iquka ukunxiba imaski nokungasondeli kubantu odibana nabo ongabhukishanga nabo, njengombuki zindwendwe wakho. Kwaye, sicebisa ukuba ungamkeli zindwendwe okanye uhambe ukuba ubusesichengeni sokosulelwa yiCOVID-19 okanye uneempawu zayo. Jonga izikhokelo zethu zempilo zentsapho ezingeCOVID-19.

Uyakwazi nokunxibelelana nombuki zindwendwe umbuze imibuzo ethile ngezinto ezingempilo nazenzayo yena ukuzikhusela usebenzisa i-app yakwa-Airbnb.

Ndikutshintsha okanye ndikurhoxise njani ukubhukisha esele kukhona?

Ukuba ufuna ukutshintsha okanye ukurhoxisa ukubhukisha kwakho, yiya kwicandelo elithi Uhambo kwiwebhusayithi okanye kwi-app yakwa-Airbnb ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi ngeendlela zokurhoxa onokukhetha kuzo zokukubhukisha kwakho kwangoku. Senze le nto iluncedo ukuze sincede iindwendwe zikhangele iinkqubo neepolisi zokurhoxa. Iindwendwe ezingakwaziyo ukuhamba ngenxa yeCOVID-19 ezibhukishe nge-14 kaMatshi okanye ngaphambi koko zinokufanelekela ukurhoxa ngaphandle ngokubhataliswa. Funda ngakumbi ngepolisi yemeko ongenakuyinceda.

Njengomhambi, ndingafunda phi ngokungakumbi ngento eyenziwa nguAirbnb njengokuba kukho iCOVID-19?

Yiya kwiziko lethu lolwazi ngeCOVID-19 labahambi ukuze ufumane amanqaku kunye nezinto eziluncedo ezingemiqathango yokuhamba, iipolisi nokunye okungakumbi.

Zeziphi iipolisi zeCOVID-19 eziye zenzelwa Izinto Ezinokonwatyelwa zakwa-Airbnb?

Izinto Ezinokonwatyelwa zakwa-Airbnb zivuliwe kwakhona kumazwe apho imithetho karhulumente esebenza kuzo izivumela. Iindwendwe kunye nababuki zindwendwe kulindeleke ukuba balandele imigaqo ethile yokuzikhusela kwizinto ezinokonwatyelwa ekuyiwa ubuqu kuzo, kuquka ukungasondeli kwabanye abantu, ukunxiba imaski nokuhlala ekhaya ukuba kusenokwenzeka ube sesichengeni sokufumana iCOVID-19 okanye awuziva kamnandi. Funda ngakumbi ngezikhokelo zethu zezempilo nezokhuseleko Zezinto Ezinokonwatyelwa.

Ukuba ukhetha ukwenza into enokonwatyelwa neqela lakho kuphela, unokukhetha ukubhukisha kwabucala. Ukuba akukhululekanga ukuba ube kunye neqela okanye ukuba izinto ezinokonwatyelwa ekuyiwa ubuqu kuzo azikavulwa kwakhona kwimakethi yakho, jonga izinto zethu ezinokonwatyelwa kwi-intanethi.

Zeziphi iindlela ezibhetyebhetye zokubhukisha onokukhetha kuzo kuAirbnb?

Iipolisi zokurhoxa zimiselwe ngababuki zindwendwe, ibe ziyahluka phakathi kwezibhetyebhetye, kwezilinganiselweyo kunye nezingqongqo, kuxhomekeka kwindlu. Unokufumana iinkcukacha malunga nepolisi yokurhoxa yendawo yokuhlala nganye kwiphepha lokuqala lendlu nganye. Songeze ifiltha entsha yokukhangela ukuze kube lula ngakumbi ukuba ufumane iindawo ezineepolisi zokurhoxa ezibhetyebhetye. Funda okungakumbi ngale filtha intsha.

Ndingafunda phi ngokungakumbi njengombuki zindwendwe?

Ababuki zindwendwe banokuya kwiziko lethu lolwazi ngeCOVID-19 ukuze bafumane amanqaku kunye nezinto eziluncedo eziza kubanceda bakwazi ukubuka iindwendwe ngeli xesha lobhubhane weCOVID-19 naxa selidlulile. Okanye baye kwisikhokelo sethu sokucoca okuphuculiweyo ukuze bafunde okungakumbi ngenkqubo yokucoca ephuculiweyo enamanyathelo amahlanu yakwa-Airbnb.

Ukuqala nge-20 kaNovemba, bonke ababuki zindwendwe kuza kufuneka bazibophelele kwizinto ezintsha abamele bazenze zokuzikhusela kwiCOVID-19 naxa becoca. Ukuba olu suku ludlula ungekavumelani nezi zinto zifunwayo, iakhawunti yakho isekusenokukhutshelwa izilumkiso, isenokunqunyanyiswa, ibe kwezinye iimeko isenokususwa kuAirbnb.

Ezinye izinto eziluncedo

Izikhokelo zempilo zentsapho ezingeCOVID-19

Imiqathango yokuhamba namacebiso emhlabeni wonke

Iipolisi zokurhoxa

Izinto zombuki zindwendwe eziluncedo