UKUKHUSELA UMBUKI ZINDWENDWE

I-inshorensi Yokukhusela Umnikazi Wendawo

Xa kuvela imeko engaqhelekanga yokwenzakala komntu okanye ukonakala kwento yakhe ngoxa ehlala kwindawo yakho ekhuselwe yi-inshorensi, usenokubhatalwa ukuya kufikelela kwi$1 000 000 yeedola zaseMerika.

*Ayisebenzi kubabuki zindwendwe abanikela ngeendawo zokuhlala ngoAirbnb Travel LLC, ababuki zindwendwe abakwimimandla yaseTshayina, ababuki zindwendwe abaseJapan, okanye ababuki zindwendwe bezinto ezinokonwatyelwa.

Yintoni ekhuselweyo?

I-inshorensi Yokukhusela Umnikazi Wendawo ikhusela:

  • Imbopheleleko yakho ngokwasemthethweni yokwenzakala kweendwendwe okanye kwabanye abantu -Imbopheleleko yakho ngokwasemthethweni yomonakalo wezinto zeendwendwe okanye zabanye abantu -Imbopheleleko yakho ngokwasemthethweni yomonakalo owenziwe ziindwendwe okanye ngomnye umntu kwiindawo ezisetyenziswa ngumntu wonke njengeendawo zokwamkela iindwendwe kwizakhiwo nezindlu eziselumelwaneni

I-inshorensi Yokukhusela Umnikazi Wendawo ayikukhuseli oku:

Umonakalo okanye ukwenzakala okubangelwe yinto eyenziwe ngabom (okungeyongozi)

  • Ukuphulukana nomvuzo -Umonakalo kwindawo yakho okanye kwizinto zakho (ezo zinokukhuselwa [Sisiqinisekiso Sokubuyiselwa Okulahlekileyo] (/isiqinisekiso)*)

*Isiqinisekiso Sokubuyiselwa Okulahlekileyo sakwa-Airbnb asinanto yakwenza neInshorensi Yokukhusela Umnikazi Wendawo okanye iAirbnb UK Services Limited.

Sizimisele ukwenza intsapho ekhuselekileyo nenokuthenjwa ehlabathini lonke.

Sizimisele ukwenza intsapho ekhuselekileyo nenokuthenjwa ehlabathini lonke.

Ekubeni ndakhe ndalundwendwe ngaphambili, 
bendingaxhalabi kakhulu xa kuza kuhlala umntu ekhayeni lam. Bendisazi ukuba indawo yam ineinshorensi ... ibe
 bendisazi ukuba iindwendwe ziza kuba nembeko.”
Ekubeni ndakhe ndalundwendwe ngaphambili, 
bendingaxhalabi kakhulu xa kuza kuhlala umntu ekhayeni lam. Bendisazi ukuba indawo yam ineinshorensi ... ibe
 bendisazi ukuba iindwendwe ziza kuba nembeko.”

u-Uslan, umbuki zindwendwe eLondon

Inkqubo yokufaka ibango

1. Ifomu yokufaka ibango igqityiwe

Xa umbuki zindwendwe, undwendwe okanye omnye umntu eqhakamshelana Nabaxhasi Bentsapho, uAirbnb uza kunikezela ngenkcazelo yendlela elifakwa ngayo ibango.

2. Inkampani yeinshorensi imisela umntu oza kuphanda ibango, aze yena ahlole elo bango

Emva kokuba ifomu yokufaka ibango igqityiwe, umntu ophanda ibango omiselwe yinkampani yeinshorensi uza kuqhakamshelana nawe ukuze nincokole ngebango aze aqokelele nenkcazelo efunekayo.

3. Ibango liyaphandwa

Umntu ophanda ngamabango uza kubhatala ibango ngokwemimiselo Yeinshorensi Yokukhusela Umnikazi Wendawo kunye nemithetho esebenzayo kulo ndawo.

I-inshorensi Yokukhusela Umnikazi Wendawo isebenza phantsi kweemeko ezithile, inemilinganiselo neemeko engazibhataleliyo. 
Ukuze ufunde ngakumbi, dawunlowuda ushwankathelo lwenkqubo oluneenkcukacha ezingakumbi.

Iimpendulo zemibuzo yakho

Ngaba kukho into ekufuneka ndiyenze ukuze ndikhuselwe phantsi kweInshorensi Yokukhusela Umnikazi Wendawo?

Hayi. Ngokuvuma ukufaka indlu kuAirbnb okanye ngokuqhubeka ubenendlu ekuAirbnb, ababuki zindwendwe* bayavuma ukukhuselwa yi-Inshorensi Yokukhusela Umnikazi Wendawo xa kusenzeka into ngexesha ekuhlelwe ngalo kwindawo ka-Airbnb. Qaphela ukuba i-Inshorensi Yokukhusela Umnikazi Wendawo isebenza phantsi kwemimiselo, imiqathango neemeko ezingabhatalelwayo zepolisi.

Ababuki zindwendwe abafuna ukuphuma kwinkqubo yeInshorensi Yokukhusela Umnikazi Wendawo, kufuneka benze ezi zinto zilandelayo:

  • Sithumelele i-imeyile ngedilesi yeimeyile ekwiakhawunti yakho yombuki zindwendwe
  • Faka igama lakho nefani kunye nenombolo yefowuni ekwiakhawunti yakho yombuki zindwendwe
  • Faka isihloko sendlu yakho njengokuba sinjalo

Nceda uphawule ukuba idilesi ye-imeyile yokuphuma kwi-inshorensi ayijongelwa enye into ngaphandle kwezicelo zokuphuma kwi-inshorensi.

*Ayisebenzi kubabuki zindwendwe abanikela ngeendawo zokuhlala ngoAirbnb Travel, LLC, ababuki zindwendwe abakwimimandla yaseTshayina, ababuki ziindwendwe baseJapan, kunye nababuki zindwendwe bezinto ezinokonwatyelwa.

Ngaba ukulungele ukuqalisa ukwamkela iindwendwe?

Ngaba ukulungele ukuqalisa ukwamkela iindwendwe?

Ifumaneka kubabuki zindwendwe emhlabeni wonke*
Sikhusela ababuki zindwendwe ukususela ekubhaliseleni ukufika ukuya kutsho kwixesha lokuphuma