USHWANKATHELO LWEINSHORENSI YASEJAPAN

I-inshorensi Yokuzonwabisa

Yintoni I-inshorensi Yokuzonwabisa?

Inkqubo yethu yeInshorensi Yokuzonwabisa ikhusela Ababuki Zindwendwe bezinto ezinokonwatyelwa xa kufuneka bebhatalele ukwenzakala okanye umonakalo wezinto zondwendwe okanye abanye abantu ngenxa yengozi ebudeni bento enokonwatyelwa yombuki zindwendwe. Inkqubo yethu Yeinshorensi Yokuzonwabisa ayibakhuseli ababuki zindwendwe kumonakalo okanye ukulahleka kwezinto zabo okwenzeka ebudeni bento enokonwatyelwa.

Inkqubo yethu Yeinshorensi Yokuzonwabisa eJapan ikhusela ngepolisi efumaneka kwiSompo Japan Insurance Inc. ngaphandle kokuyibhatalela okongezelelekileyo kubabuki zindwendwe.

Ukuze ufunde ngendlela yokufaka isicelo sokubhatalwa kwinkqubo Yeinshorensi Yokuzonwabisa, nceda ufunde inkcazelo engezantsi.

Amazwe aqukiweyo

Inkqubo yethu yeInshorensi Yokuzonwabisa ikhusela bonke ababuki zindwendwe emhlabeni wonke, ngaphandle kwemimandla elawulwayo ephantsi kwemithetho ethintelayo yaseMerika.

I-inshorensi Yokuzonwabisa yaseJapan ifumaneka phantsi kwepolisi eyahlukileyo kwiSompo Japan Nipponkoa Insurance Inc.

Kusenokusebenza imida nemimiselo yokukhuselwa eyahlukileyo.

Kuqala kuze kuphele nini ukukhuselwa?

Ixesha langoku lepolisi ekwinkqubo Yeinshorensi Yokuzonwabisa liqale nge-31 kaJulayi 2021 ibe liphelelwa nge-31 kaJulayi 2022.

Ngoobani abafanelekela ukukhuselwa?

Ababuki zindwendwe bezinto ezinokonwatyelwa bakhuselwa phantsi kwenkqubo yeInshorensi Yokuzonwabisa ukuba into eyenzekileyo iphumela kwityala abamele balibhatalele lokwenzakala okanye umonakalo kwizinto okwenzeka ebudeni bento enokonwatyelwa yombuki zindwendwe ebudeni bexesha lepolisi.

Into enokonwatyelwa ichazwa njengento eyenziwa ngumbuki zindwendwe(ababuki zindwendwe) nefumaneka kwiwebhusayithi okanye i-app ka-Airbnb.

Umbuki zindwendwe wento enokonwatyelwa uchazwa njengomntu okanye inkampani evunyiweyo ukuba ifake into enokonwatyelwa kwiwebhusayithi okanye i-app ka-Airbnb.

Ukuze siyisebenzise kwezi zinto zichazwayo, umbuki zindwendwe wento enokonwatyelwa uza:

(i) kuquka nomnye umntu owenza itikiti okanye owenza into enokonwatyelwa enye okanye ezingakumbi neendwendwe zika-Airbnb, nokuba akayenzi ngqo into enokonwatyelwa; kunye

(ii) nomntu oncedisayo onikezela ngeenkonzo ezinento yokwenza nento enokonwatyelwa, abanye abantu abathile abasebenzisana nombuki zindwendwe ukuze banikezele ngendawo yokwenza izinto enento yokwenza nento enokonwatyelwa.

Imida yokubhatalela umonakalo

Inkqubo yethu Yeinshorensi Yokuzonwabisa iquka ukukhuselwa okunomda we ¥100 000 000 JPY qho isenzeka.

Yintoni engaqukwanga kwi-Inshorensi Yokuzonwabisa?

I-inshorensi Yokuzonwabisa ayiquki ezi zinto ziphambili:

  • Ityala elimele libhatalelwe elibangelwe yinto eyenziwe ngabom ngumbuki zindwendwe
  • Ityala elimele libhatalelwe elibangelwe yimfazwe, izenzo zamajoni elinye ilizwe, imvukelo, ukubhukuqwa kukarhulumente, imilo yelizwe okanye imvukelo kusetyenziswa izixhobo
  • Ityala elimele libhatalwe lezizalwana ezihlala nombuki zindwendwe
  • Ityala elimele libhatalwe elibangelwe kukuba nesiphene komsebenzi wombuki zindwendwe ebudeni bokusebenza kombuki zindwendwe
  • Ityala elimele libhatalwe elibangelwe lugutyulo okanye imitha
  • Ityala elimele libhatalelwe elinyuswe sisivumelwano esikhethekileyo somonakalo phakathi kombuki zindwendwe nabanye abantu
  • Umngcipheko wenyukliya, umngcipheko we-asbestos, umngcipheko wokungcoliseka
  • Umngcipheko womsebenzi
  • Ityala elimele libhatalelwe elibangelwe kukuba ngumnikazi, ukusebenzisa okanye ukulungisa inqwelo-moya okanye imoto okanye ukuba ngumnikazi, ukusebenzisa okanye ukulungisa inqwelo-moya okanye imoto ngaphandle kwendawo
  • Ityala elimele libhatalelwe lezinto okanye ukutya okanye iziselo ezingasekho kubabuki zindwendwe okanye ezinye izindlu ezingasekho kubabuki zindwendwe nezingaphandle kwendawo
  • Ityala elimele libhatalelwe elibangelwe ngumonakalo wezinto ekumele kunikezelwe ngazo, njl.

Amabango einshorensi

Nceda uchazele uAirbnb kwangoko xa uye wazi ngokonzakala okanye ukonakala kwezinto okusenokwenzeka kuqukiwe kule polisi.

La magqabantshintshi eInshorensi Yokuzonwabisa awaquki yonke imimiselo yepolisi yeinshorensi. Ukuze ucele ikopi yepolisi yeinshorensi, nceda uqhakamshelane ne-Marsh Japan, Inc. uze uquke inkcazelo yeakhawunti yakho ka-Airbnb.