Qhubeka uye phambili ukuze ufikelele kwiziphumo ezicetyisiweyo

    Ngawaphi amacebiso okukhuseleka kweendwendwe kwiindawo ezihlala kuzo?

    Nanga amanye amacebiso aza kukunceda uhambe ngokuzithemba.

    Khangela uze ubhukishe ngokuzithemba

    Fumana kanye le ndawo uyifunayo ngokukhangela amaxabiso, uhlobo lwendlu nezinto ezikuyo. Khangela indlu oyithandayo? Qiniseka ukuba uyazifunda iinkcukacha, uyayijonga indlu nezinto anokukonwabisa ngazo umbuki zindwendwe, ujonge kakhulu izinto enazo, imithetho yekhaya okanye izinto ezifunekayo xa uzikhuphile nemithetho ngokurhoxa.

    Funda ngemilinganiselo nezinto ezithethwayo ngendawo

    Khangela okuthethwa ziindwendwe ebezisele ziyile kuloo ndlu ukuze uncedakale ukhangele indawo ekufaneleyo. Unokubona kwizinto ezininzi ukuba isemgangathweni na, njengokuba icocekile na, nokuba bathini abantu ngayo. Iindwendwe zinokubhala uluvo lwazo kuphela emva kokuba sezimkile kuyo, ukuze ubone ukuba le nto ithethwayo ngale ndawo iye yenzeka nyhani.

    Hlola ukuba indlu ikhuselekile

    Xa ubhukisha indawo kwa-Airbnb, kufuneka uhlole enoba umbuki zindwendwe wakha waripota ngomatshini owakhalayo ngenxa yomsi okanye igesi eyingozi ekhe yasendlini. Ezi nkcukacha uza kuzifumana kwiphepha elineenkcukacha zendlu phantsi kwendawo ethi Izinto Eziluncedo Endlini.

    Kwiindawo ezininzi azikho ezi zixhobo zokuva xa kukho umoya otyhefayo, ngoko sicebisa uzithengele esi sixhobo uze uhambe naso xa usiya kwezinye iindawo, ngokukodwa xa ufumanisa ukuba indawo oza kuhla kuyo ayinaso. Nanku omnye umzekelo wesixhobo sokuva umoya otyhefayo.

    Fumana iimpendulo zemibuzo yakho

    Isixhobo sethu semiyalezo ekhuselekileyo yindlela ekhuselekileyo nelula yokuba ubuze lowo usenokuba ngumbuki zindwendwe wakho nayiphi na imibuzo onayo phambi kokuba ubhukishe. Emva kokuba ubhukishile, ungamthumelela umyalezo umbuki zindwendwe ukuze nithethe ngexesha lokungena nize niqhubeke ninxibelelana ebudeni bohambo lwakho.

    Soloko unxibelelana uze ubhatale kwa-Airbnb

    Zikhusele wena, nemali yakho, neenkcukacha zakho ngokusebenzisa indlela ekhuselekileyo xa unxibelelana, ubhukisha naxa ubhatala. Awufanele ucelwe ukuba uthumele imali kwi-intanethi, udlulisele iinkcukacha zekhadi lokuthenga ngetyala okanye kuthiwe bhatala umbuki zindwendwe. Ukuba ziyafunwa ezo nkcukacha, nceda ukhawuleze usazise.

    Hlola ukuba ukhuselekile na

    Xa sele ufikile kwindlu okanye kwindawo enezinto onokuzonwabela, qiniseka ukuba uyayibona apho ibekwe khona inkcazelo yendlela yokuzikhusela. Ukuba awuqinisekanga ukuba zindawoni izinto zoncedo lokuqala okanye isixhobo sokucima umlilo, khawuleza ubuze umbuki zindwendwe. Kusoloko kukuhle ukuba uzilungiselele.

    Phanda ngezilumkiso zasekuhlaleni zohambo

    Enoba uhamba usebenzisa u-Airbnb okanye akunjalo, kusoloko kukuhle ukuba uphande ngendawo oza kuya kuyo kwangethuba uze utshekishe nendlu yozakuzo yasekuhlaleni ukuba ayinazilumkiso okanye izinto ezithile ezifunwayo na. Ngokomzekelo, abakhenkethi abasuka eMerika bafanele bathethe neSebe likaRhulumente ngeVisa nangezilumkiso ngohambo.

    Funda okungakumbi kwindawo ethi Ukuthembeka Nokhuseleko.

    Khumbula: Kwimeko yongxamiseko, okanye ukuba awukhuselekanga, khawuleza uqhagamshelane namapolisa asekuhlaleni.

    Ngaba ulufumene uncedo obulufuna?

    Amanqaku asondele kweli