Dlulela kumxholo
    Qhubeka uye phambili ukuze ufikelele kwiziphumo ezicetyisiweyo
    Izinto ezintsha nge-COVID-19
    Ukuze ufumane iindlela zokurhoxisa nezokubuyiselwa imali onokukhetha kuzo, khetha ukubhukisha kwiphepha elithi Uhambo. Ipolisi yethu yemeko ongenakuyinceda isebenza kukubhukisha okuthile kuphela. Sinikezela ngenkcazelo ehlaziyiweyo nge-1 nange-15 nyanga nganye.

    Yintoni i-Airbnb kwaye isebenza njani?

    Abahlali abaqhele ukuhlalisana

    I-Airbnb yaqala ngo-2008 xa abaseki bayo ababenendawo yokwamkela abakhenkethi abathathu ababefuna indawo yokuhlala. Ngoku, izigidi zabamkeli ndwendwe nabakhenkethi zikhetha ukuvula i-akhawunti yamahala ye-Airbnb ukuze zifake iindawo zazo zokwamkela zize zibhukishe iindawo ezahlukileyo naphi na emhlabeni. Abamkeli ndwendwe abanamava, bavuyiswa gqitha kukwabelana nabakhenkethi kwakunye nabantu basekuhlaleni ngezinto abazithandayo.

    Iinkonzo ezithembekileyo

    I-Airbnb inceda ukwenza ukwabelana kube lula, konwabise kuze kukhuseleke. Siqinisekisa iinkcukhacha zobuqu nezindlu, sigcina inkqubo yemiyalezo iphucukile ukuze abamkeli ndwendwe kunye neendwendwe zincokole ngokuthembana kuze kubekho ukuthembana naxa kuqokelelwa okanye kuthunyelelwana imali yokubhatala.

    Ukhuseleko lwakho yeyona nkxalabo yethu. Funda ngakumbi kwi- Ziko lethu lokuthembana nokukhuseleka.

    inkxaso yemini nobusuku

    Siyiphendule imibuzo eqhele ukubuzwa nge-Airbnb kwindawo yethu yoncedo. Funda okungakumbi malunga nokufumana indawo yokuhlala,nokubhatalela ubhukisho lwakho okanye noko kuthethwa kukuba ngumamkeli ndwendwe kwindawo yokuhlala okanye kukuba ngumamkeli ndwendwe ekuzonwabiseni.

    Kwaye iqela lethu lokunceda elikho emhlabeni jikelele, luhlala lukhona ubusuku nemini, ngelwimi eziyi- 11 ezahlukeneyo ukuze lwenze izinto zibe lula kwimiba efana nokuncediswa ngobhukisho lwesibini, ukubuyiselwa imali, imbuyekezo, isiqinisekiso sethu se-$1 yezigidi kubamkeli ndwendwe bethu neenkqubo ze-inshorensi zamakhaya nezokuzonwabisa. Qhagamshelana nathi nangayiphi na imibuzo.

    Ngaba ulufumene uncedo obulufuna?