Dlulela kumxholo
    Qhubeka uye phambili ukuze ufikelele kwiziphumo ezicetyisiweyo

    Ipolisi yeemeko ongenakuzinceda necoronavirus (COVID-19)

    Ihlaziywe ngoMatshi 30, 2020

    NgoMatshi 11, uMbutho Wezempilo Wehlabathi (iWHO) ubhengeze ukuvela kwecoronavirus, eyaziwa ngokuba yiCOVID-19, njengobhubhane wehlabathi lonke. Ukusukela ngoko, lo bhubhane uye wanda ngokukhawuleza baza noorhulumente emhlabeni wonke bathatha inyathelo ngokukhawuleza ukunciphisa ukusasazeka kweCOVID-19.

    Kwelethu icala, thina sinikezela ngale nkxaso yemali elandelayo kumaxhoba eCOVID-19 aphantsi kwepolisi yethu yeemeko ongenakuzinceda ukuze sikhusele intsapho yethu ize ibe noxolo lwengqondo. Nceda ujonge eli phepha ukuze ufumane ezakutshanje ngenkxaso yemali.

    Icebiso: Ukuba ulundwendwe, ungafumana iindlela zokurhoxa nezokubuyiselwa imali ngokukhetha uhambo lwakho kwiphepha loHambo. Ukuba ungumbuki zindwendwe, uza kufumana inkcazelo kwideshibhodi yakho yombuki zindwendwe.

    Ushwankathelo

    Ukubhukishela ukuhlala nokuya Kwizinto Ezinokonwatyelwa ze-Airbnb ngoMatshi 14, 2020 okanye ngaphambi koko, nokunosuku lokungena oluphakathi kukaMatshi 14, 2020 noMeyi 31, 2020, kuqukiwe kwipolisi ibe kungarhoxiswa ngaphambi kokungena. Iindwendwe ezifuna ukurhoxa zineendlela ezahlukahlukeneyo zokurhoxa ezinokukhetha kuzo, kwaye ababuki zindwendwe bangarhoxisa ngaphandle kokubhataliswa okanye kokuchaphazela ilungelo labo lokuba yiSuperhost. UAirbnb uya kubuyisa imali, okanye akhuphe imali enokusetyenziselwa ukuhamba, equka yonke imali yeenkonzo zokubhukisha okurhoxisiweyo okukufanelekelayo ukubuyiselwa imali. Ukuze urhoxe phantsi kwale polisi, kuza kufuneka uveze ubungqina okanye amaxwebhu abonisa ukuba le ibiyimeko ongenakuyinceda.

    Umthetho ongokurhoxa wombuki zindwendwe uza kusebenza njengesiqhelo kubhukisho olwenziwe emva kukaMatshi 14, 2020. Ukurhoxiswa okwenziwe ngaphambi kukaMatshi 14, 2020 kuza kuqukwa kwiimeko ongenakuzinceda ukususela ekufakweni kwesicelo.

    Ukuba sele lufikile usuku ebelubhukishiwe (ixesha lokubhalisela ukufika sele lidlulile) le polisi yemeko ongenakuyinceda ayisebenzi.

    Kusebenza iipolisi ezahlukileyo kubhukisho lwendlu kumbindi Tshayina kunye nakubhukisho lwezindlu ze-Luxury okanye eze-Luxury Retreats.

    Kokuphi ukubhukisha okubuyiselwayo imali

    Kukubhukisha okwenziwe ngoMatshi 14, 2020 okanye ngaphambi koko

    Ukubhukishwa kwendawo yokuhlala nokubhukishwa Kwezinto Ezinokonwatyelwa ze-Airbnb okwenziwe ngoMatshi 14, 2020 okanye ngaphambi koko, nokunosuku lokungena oluphakathi kukaMatshi 14, 2020 noMeyi 31, 2020, kusenokurhoxiswa ngaphambi kokungena. Oku kuthetha ukuba iindwendwe ezirhoxayo ziza kubuyiselwa yonke imali yazo ngoku okanye ibe sisaphulelo sohambo olulandelayo, ababuki zindwendwe baza kukwazi ukurhoxa ngaphandle kokubhataliswa okanye singakhange sichaphazeleke isimo sabo sokuba yiSuperhost, ibe uAirbnb uza kuyibuyisela yonke imali yabo, kuquka eyeenkonzo.

    Ubhukisho lwendawo yokuhlala okanye Lwezinto Ezinokonwatyelwa ze-Airbnb olwenziwe ngoMatshi 14, 2020 okanye ngaphambi koko nolunosuku lokungena olusemva kukaMeyi 31, 2020 aluzokuqukwa kwipolisi yethu yemeko ongenakuyinceda yeCOVID-19. Ipolisi yokurhoxa kombuki zindwendwe iza kusebenza njengesiqhelo.

    Ukuba sele lufikile usuku ebelubhukishiwe (ixesha lokubhalisela ukufika sele lidlulile) le polisi yemeko ongenakuyinceda ayisebenzi.

    Ukubhukisha okwenziwe emva koMatshi 14, 2020

    Ubhukisho lwendawo yokuhlala okanye Lwezinto Ezinokonwatyelwa ze-Airbnb olwenziwe emva koMatshi 14, 2020 aluzokuqukwa kwipolisi yethu yemeko ongenakuyinceda, ngaphandle kokuba undwendwe okanye umbuki zindwendwe wosulelwe yiCOVID-19. Iimeko ezinxulumene neCOVID-19 ezingagutyungelwanga zibandakanya: ukuphazamiseka nokurhoxiswa kwezothutho; amacebiso nezithintelo zohambo; amacebiso ezempilo kunye nokuhlaliswa wedwa; utshintsho kumthetho osebenzayo; nokunye okugunyazisiweyo ngurhulumente—njengemiyalelo yokufuduka, ukuvalwa kwemida, izithintelo kwirente yethutyana, kunye nemfuneko yokuhlala endlini. Ipolisi yokurhoxa yombuki zindwendwe iza kusebenza njengesiqhelo.

    Ipolisi yethu yeemeko ongenakuzinceda yenzelwe ukukhusela iindwendwe kunye nababuki zindwendwe kwiimeko ezingalindelekanga ezivela emva kokubhukisha. Emva kokubhengezwa kweCOVID-19 njengobhubhane wehlabathi nguMbutho Wezempilo Wehlabathi, ipolisi yeemeko ongenakuzinceda ayizukusebenza ngenxa yokuba iCOVID-19 kunye nomonakalo ewenzayo ayisezozinto zingalindelekanga. Nceda ungalibali ukuyihlolisisa kakuhle ipolisi yokurhoxa yombuki zindwendwe xa ubhukisha uze ucinge ngokukhetha ubhukisho onokukwazi ukulutshintsha.

    Indlela esebenza ngayo

    Ukuba ulundwendwe, unokuhlola imithetho engokurhoxa yendawo yakho yokuhlala uze ufumane iindlela zokurhoxa nezokubuyiselwa imali ngokukhetha uhambo lwakho kwiphepha loHambo. Ukuba ungumbuki zindwendwe, uza kufumana inkcazelo kwideshibhodi yakho yombuki zindwendwe.

    Ezakutshanje ngecoronavirus kunye nezixhobo

    Sibhale amanqaku okunceda intsapho yethu ngeli xesha Kwiziko Lolwazi. Ungafumana inkcazelo yakutshanje ngendlela esiyilwa ngayo iCOVID-19, ukusuka kwiipolisi zethu ezihlaziyiweyo ukuya kutsho kwizixhobo zababuki zindwendwe kunye neendwendwe.

    Kwakhona ungafunda ipolisi yeemeko ongenakuzinceda ukuze wazi ngeemeko eziqukiweyo ezingenanto yakwenza neCOVID-19.

    Sicela ukuba onke amalungu entsapho yethu angalibali ukuhlonipha, nokungakhethi, angayilibali nepolisi yethu yokungacaluli xa enxibelelana namanye amalungu entsapho yethu.

    Siza kuqhubeka sikuhlola ukusetyenziswa kwale polisi. Nceda uhlale ulijonga eli phepha ukuze ufumane inkcazelo entsha nehlaziweyo.

    Ngaba ulufumene uncedo obulufuna?

    Ngena kwiakhawunti yakho ukuze ufumane uncedo olulungele wena kanye

    Fumana uncedo ngokubhukisha kwakho, ngeakhawunti yakho, nangokunye.
    Bhalisa