Dlulela kumxholo
    Qhubeka uye phambili ukuze ufikelele kwiziphumo ezicetyisiweyo

    Kumbindi Tshayina: Imeko ongenakuyinceda ye-COVID-19

    Ihlaziyiwe ngoJuni 25, 2020

    Eli nqaku licacisa izinto eziqukiweyo nezifunekayo xa urhoxisa ngenxa yeCOVID -19 ngokwepolisi yethu yeemeko ongenakuzinceda yokubhukisha okwenziwe ziindwendwe zakumbindi Tshayina nokubhukishwa kweendawo zokuhlala Nokwezinto Ezinokonwatyelwa zakwa-Airbnb kumbindi Tshayina. Ukuba ubhukisho sele luqalile (umhla wokufika sowudlulile), ayizukusebenza le meko ongenakuyinceda. Kuko nakuphi na ukubhukisha, ngaphandle kokubhukisha indawo yokuhlala kumbindi Tshayina, yiya kwinqaku elithetha ngeemeko ongenakuzinceda zeCOVID-19 lomhlaba wonke ukuze ufumane iinkcukacha ngeemeko ezibhatalelwayo. Ukuze urhoxe phantsi kwale polisi, kuza kufuneka amaxwebhu abonisa ukuba le ibiyimeko ongenakuyinceda.

    Kokuphi ukubhukisha okuqukiweyo

    Le polisi isebenza kukubhukisha kweendawo zokuhlala okanye Izinto Ezinokonwatyelwa zakwa-Airbnb ezikumbindi Tshayina okwenziwe ziindwendwe ezivela kumbindi Tshayina. Ivumela ukurhoxiswa kokubhukisha ukuba konke oku kulandelayo kuyinyani:

    • Kuchaphazelwe sisithintelo okanye licebiso lohambo elisemthethweni elivela kurhulumente elibangela ungakwazi ukuhamba ukusuka kwindawo ovela kuyo okanye ukuya kufika kwindawo oya kuyo ibe
    • Kwenziwe ngosuku lokwaziswa kwesithintelo okanye kwecebiso okanye ngaphambi koko ibe
    • Usuku lokubhalisela ukufika alikho ngaphezulu kweentsuku eziyi-30 ngaphambi kosuku lokurhoxisa

    Ipolisi ayisebenzi kukubhukisha okusele kurhoxisiwe:

    • Ngaphambi kosuku lwezasizo zikarhulumente ezisebenzayo okanye
    • Ngokusekelwe kwisivumelwano phakathi kombuki zindwendwe kunye nondwendwe

    Ngokomzekelo, ukuqhambuka kweCOVID-19 kwaseBeijing ngoJuni 2020. URhulumente Woluntu waseBeijing kunye nesebe lokulawula izifo uye wazisa ngoJuni 13, 2020 ukuba umlinganiselo womngcipheko kwiindawo ezithile eBeijing uye wenyuka waba phakathi okanye phezulu. Kulo mzekelo, le polisi ayisebenzi kuko nakuphi na ukurhoxiswa okwenziwe ngaphambi koJuni 13, 2020, okanye kukubhukisha okwenziwe emva kolo suku.

    Amaxwebhu afunekayo

    Ukuba ukubhukisha kwakho kuyafaneleka, nceda uqhakamshelane nathi zingekapheli iintsuku eziyi-14 emva kosuku lokurhoxisa. Uza kucelwa ukuba uveze amaxwebhu abonisa isizathu sokuba ungenakukwazi ukuhamba okanye ukubuka iindwendwe. Siza kuhlola loo maxwebhu size sibuyele kuwe. Kusenokubakho ukulibaziseka ngenxa yemeko eqhubekayo yeCOVID-19.

    Amaxwebhu abantu abachaphazelekileyo

    Kwiindwendwe nakubabuki zindwendwe beendawo zokuhlala Nezinto Ezinokonwatyelwa zakwa-Airbnb:

    • Ukuba indawo ohlala kuyo iphawulwe ngabasemagunyeni njengendawo enomngcipheko weCOVID-19 ophakathi okanye ophezulu, okanye ukuba ikhowudi yombala weHealth Kit yakho ibomvu okanye imthubi, kufuneka uthumele ifoto yeskrini seHealth Kit yakho, isaziso esisemthethweni sezinga lomngcipheko nobungqina bendawo ohlala kuyo kunye nobungqina bendawo yakho njengefoto yeskrini semephu yakho kwi-app
    • Ukuba ufunyaniswe uneCOVID-19, kurhanelwa ukuba uneCOVID-19 okanye uhlaliswe wedwa ngenxa yeCOVID-19, kuza kufuneka unikezele ngamaxwebhu ezonyango owafumene kwabasemagunyeni

    Amaxwebhu ezithintelo zeendawo

    Ukuba ingingqi yendawo yokuhlala okanye Yento Enokonwatyelwa yakwa-Airbnb inezithintelo zohambo ngenxa yeCOVID-19, umbuki zindwendwe kufuneka anikezele ngamaxwebhu abonisa ukuba iphi le ndawo yokuhlala okanye Into Enokonwatyelwa yakwa-Airbnb. Oku kuquka:

    • Umyalelo wokuvalelwa wedwa ovela kwabasemagunyeni
    • Izithintelo ezisemthethweni zohambo okanye ezinye izinto zeCOVID-19 ezifunwa ngamagunya asekuhlaleni
    • Isaziso sokuthintelwa kokungena okanye ukuphuma sesakhiwo okanye sendawo

    Amaxwebhu ezinye iimeko zeCOVID-19

    • Ubungqina bokuba ukuhamba ngeenqwelo-moya okanye izithuthi kurhoxisiwe ngumboneleli wezothutho ngenxa yeCOVID-19 okanye ezinye iipolisi zoluntu ezisebenzayo
    • Ibheji yakho yomsebenzi okanye amaxwebhu afanayo owafumene kumqeshi wakho abonisa ukuba umsebenzi wakho ngowezonyango okanye ngowokulawula izifo ibe unento yokwenza neCOVID-19

    Indlela esebenza ngayo

    Ukuba ulundwendwe, unokuhlola imithetho engokurhoxa yendawo yakho yokuhlala uze ufumane iindlela zokurhoxa nezokubuyiselwa imali ngokukhetha uhambo lwakhokwiphepha loHambo. Ukuba ukubhukisha kwakho akuqukwanga, ipolisi yokurhoxa yombuki zindwendwe iza kusebenza njengesiqhelo.

    Ukuba ungumbuki zindwendwe, uza kufumana inkcazelo kwideshibhodi yakho yombuki zindwendwe.

    Siyakukhuthaza ukuba uqhakamshelane nombuki zindwendwe okanye undwendwe lwakho ukuze nincokole ngokurhoxisa nokubuyiselwa imali.

    Iinkcukacha ezingakumbi

    Sibhale amanqaku okunceda intsapho yethu ngeli xesha Kwiziko Lolwazi. Ungafumana inkcazelo yakutshanje ngendlela esiyilwa ngayo iCOVID-19, ukusuka kwiipolisi zethu ezilungisiweyo ukuya kutsho kwizixhobo zababuki zindwendwe kunye neendwendwe.

    Kwakhona ungafunda ipolisi yeemeko ongenakuzinceda ukuze wazi ngeemeko eziqukiweyo ezingenanto yakwenza neCOVID-19.

    Sicela ukuba onke amalungu entsapho yethu angalibali ukuhlonipha, nokungakhethi, angayilibali nepolisi yethu yokungacaluli xa enxibelelana namanye amalungu entsapho yethu.

    Siza kuqhubeka sikuhlola ukusetyenziswa kwale polisi. Nceda uhlale ulijonga eli phepha ukuze ufumane inkcazelo entsha nehlaziweyo.

    Amanqaku asondele kweli
    Ngaba ulufumene uncedo obulufuna?

    Ngena kwiakhawunti yakho ukuze ufumane uncedo olulungele wena kanye

    Fumana uncedo ngokubhukisha kwakho, ngeakhawunti yakho, nangokunye.
    Bhalisa