Qhubeka uye phambili ukuze ufikelele kwiziphumo ezicetyisiweyo

    Ndingayibhukisha njani into enokonwatyelwa ekwi-intanethi?

    Ungabhukisha into enokonwatyelwa kwiwebhusayithi ka-Airbnb ngendlela obhukisha ngayo into enokonwatyelwa omele uye ubuqu kuyo. Izinto ezinokonwatyelwa kwi-intanethi zenziwa ngoZoom. UZoom yenye iwebhusayithi esetyenziselwa ukuba neentlanganiso ngevidiyo ibe ingasetyenziswa kwikhompyutha, kwithablethi nakwifowuni.

    Amaxabiso

    Izinto ezinokonwatyelwa kwi-intanethi zinexabiso lomntu ngamnye ngokuzenzekelayo. Kufuneka ubhukishe indawo yomntu ngamnye oza kujoyina into enokonwatyelwa. Kodwa ke, ukuba umbuki zindwendwe akanangxaki neendwendwe ezininzi ezisebenzisa isixhobo esinye, uza kuzichazela ukuba zidinga nje ukubhukisha indawo enye kwiphepha lento yazo enokonwatyelwa kwindawo ethi Into Oza Kuyenza nethi Indlela Yokuthatha Inxaxheba.

    Ukurhoxiswa kokubhukisha

    Ungarhoxa ubuncinane kusashiyeke iitsuku eziyi-7 ngaphambi kwexesha lokuqalisa kwayo okanye zingekapheli iiyure eziyi-24 ubhukishile. Ukurhoxa kuphantsi kweepolisi ezifanayo xa urhoxisa into enokonwatyelwa kwiwebhusayithi ka-Airbnb nomele uye ubuqu kuyo.

    Ukutshintsha ukubhukisha

    Ungakutshintsha ukubhukisha ubuncinane xa kushiyeke iintsuku eziyi-7 ngaphambi kokuba iqale into enokonwatyelwa Iipolisi zokutshintsha ukubhukisha okusele kwenziwe ziyafana Kwizinto Ezinokonwatyelwa kwiwebhusayithi ka-Airbnb nomele uye ubuqu kuzo.

    Ukulungiselela into enokonwatyelwa kwi-intanethi

    Ungajonga indawo ethi Indlela yokuthatha inxaxheba nethiIzinto ezifunwa kundwendwe kwiphepha lezinto ezinokonwatyelwa ukuze ufumanise ukuba yintoni ekufuneka uyilungiselele ngaphambi kokuba kuyo, kwaye uza kuyifumana nakwi-imeyile eqinisekisa ngokubhukisha kwakho.

    Indawo oza kudibana nombuki zindwendwe wakho kuyo

    Uza kufumana ilinki yokujoyina into enokonwatyelwa kwi-intanethi kwi-imeyile yokuqinisekisa ukubhukisha kwakho, nakwi-imeyile ekukhumbuzayo ethunyelwa ngaphambi kokuba into enokonwatyelwa kwi-intanethi iqale. Ungayifumana nakwinkcazelo engokubhukisha kwakho kwiphepha elithi Uhambo .

    Indlela yokusebenzisa uZoom

    Ukuba usebenzisa ikhompyutha, ungayijoyina ngebrawza okanye udawunlowde i-app kaZoom. Ukuba unefowuni esebenza nge-iOS okanye ngeAndroid, kuza kufuneka udawunlowde i-app kaZoom. Akuzukuba yimfuneko ukuba ubhalisele iakhawunti kaZoom. Funda malunga nento ekufuneka uyazi ngaphambi kokuba kwinto enokonwatyelwa ekwi-Intanethi eyenziwa ngoZoom.

    Sunika iindwendwe ongaziqukanga xa ububhukisha ilinki kaZoom, ibe qaphela ukuba umbuki zindwendwe angalukhupha undwendwe oluzingenela ecaleni kwigumbi lentlanganiso kaZoom.

    Iingxaki noZoom

    Qinisekisa ukuba unelinki echanileyo yento yakho onokuyonwabela ekwi-intanethi. Ukuba ilinki ayisebenzi, vala uZoom uze uphinde uzame ukusebenzisa ilinki. Ukuba nangoku ayisebenzi, thumelela umbuki zindwendwe wakho umyalezo ukuze uqinisekise ukuba akanangxaki noZoom.

    Ukuba uZoom ufuna iphasiwedi, thumelela umbuki zindwendwe wakho umyalezo ngoAirbnb ukuze ucele iphasiwedi.

    Okokugqibela, ukuba umbuki zindwendwe wakho akanangxaki noZoom, yiyaKwiziko Loncedo likaZoom.

    Into engafanelekanga

    Ukuba udibana nayo nayiphi na into engafanelekanga, nxibelelana nabaxhasi bentsapho yakwa-Airbnb ukuze uyixele. Nikezela ngenkcazelo eninzi kangangoko kunokwenzeka kwaye uAirbnb uza kuwuphanda lo mbandela.

    Ukubuyiselwa imali

    Iindwendwe ziyakufanelekela ukubuyiselwa yonke imali yazo ukuba kuye kwakho iingxaki kwezobugcisa, njengengxaki yokungasiva isandi okanye ukuba nengxaki kwevidiyo, ezibakho ngenxa yezixhobo ezizisebenzisayo okanye esisetyenziswa ngumbuki zindwendwe kwinto enokonwatyelwa. Funda yonke ipolisi yokubuyiswa kwemali kwinqaku Lepolisi Yokubuyiselwa Kondwendwe Imali Yento Enokonwatyelwa.

    Ngaba ulufumene uncedo obulufuna?

    Amanqaku asondele kweli