Dlulela kumxholo
    Qhubeka uye phambili ukuze ufikelele kwiziphumo ezicetyisiweyo

    Ipolisi yeemeko ongenakuzinceda iyasebenza kukubhukisha kwam ngexesha lobhubhane weCOVID-19?

    Inqaku lethu elisemthethweni liyichaza ngokweenkcukacha indlela ipolisi yeemeko ongenakuzinceda esebenza ngayo xa kurhoxiswa ngenxa yeCOVID-19.

    Nalu ushwankathelo lokukunceda ubone ukuba ukubhukisha kwakho kuyafaneleka.

    Ukubhukisha kwakho kuyafaneleka ukuba konke oku kuyinyani

    • Ubhukishe ngaphambi okanye ngoMatshi 14, 2020
      • kwaye usuku lokungena luphakathi kwangomso no 31 Oktobha 2020
      • ibe awukarhoxisi
      • kwaye awukabhaliseli ukufika
      • ibe ubhubhane ukwenza ungakwazi ukugqiba ukubhukisha kwakho

    Ukuba zonke ezi zinto ziyinyani, ungakurhoxisa ngokwakho kwaye uza kunikwa iindlela zokurhoxisa nokubuyiselwa imali onokukhetha kuzo xa urhoxisa. Ukuze urhoxise phantsi kwale polisi, kuza kufuneka ubonise ngobungqina bamaxwebhu okanye ungqine ukuba awukwazi ukukugqiba ukubhukisha kwakho ngenxa yeCOVID-19.

    Phawula: Ukuba ugula yiCOVID-19, ungarhoxisa phantsi kwale polisi kungakhathaliseki ukuba zithini iinkcukacha zokubhukisha kwakho ngokuqhakamshelana neqela labaxhasi bentsapho. Uza kucelwa ukuba ungqine oku ngamaxwebhu.

    Ukubhukisha kwakho akufaneleki ukuba urhoxisa ngenxa yeCOVID-19 ibe enye yezi zinto zilandelayo ziyinyani

    • Bekubhukishwe emva koMatshi 14, 2020 okanye
    • Usuku lokungena lusemva ko31 Oktobha 2020 okanye
    • Sele kurhoxisiwe okanye
    • Sele ubhalisele ukufika

    Ukuba awufaneleki uze urhoxise, imali oza kuyibuyiselwa iza kusekelwa kwipolisi yokurhoxa yombuki zindwendwe wakho ibe siza kukubonisa ixabiso lemali oyibuyiselwayo ngaphambi kokuba uqinisekise ukurhoxisa. Kule meko, imali emele ibhatalwe umbuki zindwendwe nemali emele ibuyiselwe kundwendwe ikhutshwa ngokwepolisi yokurhoxisa yombuki zindwendwe obuyamkele ngokuya ububhukisha.

    Phawula: Xa ukubhukisha kurhoxiswa, uAirbnb unika umbuki zindwendwe nayiphi na imali amele ayibhatalwe aze abuyisele undwendwe imali olumele luyibuyiselwe ngokwepolisi yokurhoxisa yombuki zindwendwe. Ngenxa yeso sizathu, ukubhukisha okurhoxiswe ngaphambi kokwaziswa kwepolisi okanye ukwandiswa kwexesha esebenza ngalo akuzukuqukwa.

    Izinto ezongezelekileyo onokukhetha kuzo ukuba ukubhukisha kwakho akufaneleki

    Ukuba uhambo lwakho lunokutshintshwa, unokucinga ngokusebenzisana nombuki zindwendwe wakho ukuze utshintshe ukubhukisha kube ngelinye ixesha.

    Unokuqhakamshelana nombuki zindwendwe wakho ukuze ucele ukubuyiselwa imali eyongezelelekileyo, ibe ukuba uyavuma, angasebenzisa Iziko Lezemali ukuze akuthumelele imali ngendlela ekhuselekileyo.

    Iinkcukacha ezingakumbi

    Siqhubeka siyijongile imeko yobhubhane weCOVID-19 ibe sizimisele ukukhupha inkcazelo ehlaziyiweyo ngale polisi nge-1 nange-15 yenyanga nganye. Ukuba ukubhukisha kwakho kuqala emva ko31 Oktobha 2020, nceda uphinde ujonge ngo1 Oktobha 2020 ukuze ufumane inkcazelo ehlaziyiweyo ngokufaneleka.

    Amanqaku asondele kweli
    Ngaba ulufumene uncedo obulufuna?

    Ngena kwiakhawunti yakho ukuze ufumane uncedo olulungele wena kanye

    Fumana uncedo ngokubhukisha kwakho, ngeakhawunti yakho, nangokunye.
    Bhalisa