Ipolisi yentsapho
Ukuzichaza ukuba ungubani ngendlela eyiyo
Ukuzichaza ukuba ungubani ngendlela eyiyo
Ukunikezela ngenkcazelo esebenzayo nechanileyo yeakhawunti kubalulekile ukuze uAirbnb, Ababuki Zindwendwe neendwendwe bathembane.
Izinto esizivumelayo
- Ukuphindwa kweeakhawunti ngenjongo yokulawula indlu: Ababuki Zindwendwe Abangamashishini abafake izindlu ezininzi basenokuba neeakhawunti ezininzi ngenjongo yokuzilawula kakuhle izindlu zabo.
- Ukulungiswa komhla wokuzalwa (DOB) ukuze uhambisane nobhalwe kwisazisi esisemthethweni: Kusenokubakho impazamo yokungachani komhla wokuzalwa kwiiakhawunti ngenxa yezizathu eziliqela ezahlukeneyo (ngokomzekelo ukwenza impazamo xa ubhala, ukubhidanisa umhla nenyanga, njl. njal.). Ungalungisa umhla ozelwe ngawo ngokuqhakamshelana nathi.
Izinto esingazivumeliyo
- Iizazisi ezingachananga: Izazisi ezimoshakeleyo, eziphelelweyo, ezitshintshiweyo ukuze ziqhathe, ezingekho mthethweni (xa zifuniwe) izazisi ezingenankcazelo esisiseko ngawe, okanye ezijongwa njengezexeshana azizokwamkeleka.
- Ukungakwazi ukuqinisekisa iiakhawunti: Xa uthetha nommeli wakwa-Airbnb ngezinto ezithile zeakhawunti, kuza kufuneka uthathe amanyathelo athile okuqinisekisa ukuba ungubani.
- Ukugcina iiakhawunti eziphindeneyo: Ngaphandle kwabanye Ababuki Zindwendwe Abangamashishini ekufuneka babeneeakhawunti ezininzi ukuze balawule izindlu zabo, Ababuki Zindwendwe neendwendwe akufanelanga basebenzise iakhawunti engaphezu kwenye okanye basebenzise isazisi esinye kwiakhawunti engaphezu kwenye.
Silapha ukuze sikuncede
Ukuba ubona okanye kwenzeka into kuwe engahambisani neepolisi zethu, nceda usixelele.
Nangona ezi zikhokelo zingathethi ngazo zonke iimeko, zenzelwe ukuba zinike ulwalathiso olubanzi ngeepolisi zentsapho ka-Airbnb.
Eli nqaku likuncedile?
Amanqaku asondele kweli
- Undwendwe
Ixabiso liyatshintsha ngokusekelwe kwiintsuku
Abanye Ababuki Zindwendwe banamaxabiso akhethekileyo asebenza endaweni yexabiso elihlala likhethiwe okanye elona xabiso lincinci kwiintsuku … - Undwendwe
Ukunyaniseka xa unxibelelana
Akukho mntu omele achaze yena okanye iinjongo zakhe ngendlela engachananga xa esebenzisa uAirbnb. - Umbuki Zindwendwe Wento Enokonwatyelwa
Izikhokelo zobudala Kwizinto Ezinokonwatyelwa zakwa-Airbnb
Ukuba yinto ekunzima ukuyenza, inezinto ezifanele abantu abadala kuphela okanye ikwindawo engena abantu abaneminyaka ethile kuphela, ayibafa…