Ukubhukisha iindawo zokuhlala apha naphaya
Ukuhlala apha naphaya kukwenza ukwazi ukwahlula ukuhlala ixesha elide phakathi kwezindlu eziyi-2 ezahlukahlukeneyo. Ukuhlala apha naphaya ngakunye kudibanisa iindawo ezilandelelanayo eziyi-2 ngeentsuku zakho, nto leyo ekuvumela ukuba uhlale kwizindlu ezahlukahlukeneyo, iingingqi, okanye iindawo zokuya ezahlukahlukeneyo, ebudeni bohambo lwakho.
Apho kuvela khona iindawo zokuhlala apha naphaya
Xa ukhangela indawo yokuhlala iintsuku ezilingana neveki nangaphezulu, ukuhlala apha naphaya kuza kuvela ngokuzenzekelayo ekupheleni kweziphumo zokukhangela kudidi Lwezindlu zonke ukuba zingaphantsi kweziyi-300 izindlu ezinezinto ozifunayo. Vele nje uhle ukuze ubone izindlu onokukhetha kuzo ukuze wahlule uhambo lwakho phakathi kwezindlu eziyi-2 ezingakudanga enye kwenye.
Unokufumana neendawo zokuhlala apha naphaya xa ukhangela iindidi eziyi-14 ezahlukahlukeneyo eziquka Ezokukhempisha, Ezakhiwe ngobuchule, Ezeepaki Zelizwe, Eze-skiing, Eze-surfing, Ezinemozulu Eshushu, nezingakumbi. Ezi zindlu zidityanisiweyo zikuvumela wonwabele izindlu ezifanayo okanye izinto onokuzenza ezifanayo kwiindawo eziyi-2 ezahlukeneyo.
Indlela okusebenza ngayo ukuhlala apha naphaya
Ukuhlala apha naphaya kuza kukubonisa iindlela onokukhetha kuzo zokwahlula uhambo lwakho phakathi kwezindlu eziyi-2 ezahlukeneyo (umz: iveki enye kwindlu yokuqala neveki elandelayo kwindlu yesibini). Nazi ezinye izinto omele uzazi:
- Ukuhlala apha naphaya kuza kuvela kwiziphumo zokukhangela ngokusekelwe kwiintsuku ozifakileyo. Inkqubo yokudibanisa iyazenzekela ngokupheleleyo.
- Ukuhlala apha naphaya akugqithi ekudibaniseni iindawo eziyi-2 ezilandelelanayo. Usuku lokuphuma kwindawo yokuqala luza kufana nosuku lokubhalisa xa kufikwa kwindawo yesibini.
- Ukuhlala apha naphaya kuza kuveza kuphela izindlu ezihambiselana nazo naziphi na izihluzi ozikhethileyo (ixabiso, inani lamagumbi okulala, izinto ezinokusetyenziswa, njl., njl.)
- Ukuhlala apha naphaya kubonakala emephini ngophawu olukhethekileyo nomgca ozotyiweyo odibanisa izindlu eziyi-2. Ngoko uza kukwazi ukubona ukuba zindawoni zombini ezi zindlu uze wazi ukuba yeyiphi indlu ekuhlalwa kuqala kuyo kwezi ziyi-2.
Bhukisha ukuhlala apha naphaya
- Fumana indawo ethi ukuhlala apha naphaya phantsi kwendawo ethi Uhambo olunye, iindawo zokuhlala ezimbini xa ukhangela
- Cofa indlu nganye kweziyi-2 eziveziweyo ukuze ubone kwangaphambili iinkcukacha zendlu nganye
- Cofa kwenye yezindlu uze uqalise inkqubo yokubhatala
- Gqiba inkqubo yokubhatala yendlu yokuqala
- Xa loo ndlu uyibhukishile, uza kuncedwa ugqibe indlu yesibini
- Fumana indawo yokuhlala apha naphaya phantsi kwendawo ethi Uhambo olunye, iindawo zokuhlala ezimbini kwiziphumo zakho zokukhangela
- Cofa indlu nganye kweziyi-2 eziveziweyo ukuze ubone kwangaphambili iinkcukacha zendlu nganye
- Khetha noba yeyiphi kwezo zindlu uze uqalise inkqubo yokubhatala
- Gqiba inkqubo yokubhatala yendlu yokuqala
- Xa loo ndlu uyibhukishile, uza kuncedwa ugqibe indlu yesibini
- Fumana indawo ethi ukuhlala apha naphaya phantsi kwendawo ethi Uhambo olunye, iindawo zokuhlala ezimbini xa ukhangela
- Cofa indlu nganye kweziyi-2 eziveziweyo ukuze ubone kwangaphambili iinkcukacha zendlu nganye
- Khetha noba yeyiphi kwezo zindlu uze uqalise inkqubo yokubhatala
- Gqiba inkqubo yokubhatala yendlu yokuqala
- Xa loo ndlu uyibhukishile, uza kuncedwa ugqibe indlu yesibini
- Fumana indawo ethi ukuhlala apha naphaya phantsi kwendawo ethi Uhambo olunye, iindawo zokuhlala ezimbini xa ukhangela
- Cofa indlu nganye kweziyi-2 eziveziweyo ukuze ubone kwangaphambili iinkcukacha zendlu nganye
- Khetha noba yeyiphi kwezo zindlu uze uqalise inkqubo yokubhatala
- Gqiba inkqubo yokubhatala yendlu yokuqala
- Xa loo ndlu uyibhukishile, uza kuncedwa ugqibe indlu yesibini
Ukubhukisha indlu enye kuphela
Ukuba ufuna ukubhukisha indlu enye kuphela kwizindlu ezivelayo, ungagqiba ukubhatala indlu enye uze uphume kwindawo yokubhatala yenye indlu. Indlu yokuqala iza kuhlala ibhukishiwe ngegama leakhawunti yakho. Emva koko ungakhetha ukukhangela ezinye izindlu zeentsuku zakho ezishiyekileyo.
Ukuhlala apha naphaya akukuvumeli ukuba utshintshe iintsuku ebudeni benkqubo yokubhatala. Ukuba ufuna ukulungisa ezi ntsuku, ungavula loo ndlu ecaleni uze ulungise ezo ntsuku, uze ubhukishe loo ndlu yodwa njengokuba ubuza kwenza ngokwesiqhelo. Uza kususwa kwiindawo onokukhetha kuzo zokuhlala apha naphaya.
Emva kokuba ubhukishe ukuhlala apha naphaya
- Indlu nganye yokuhlala apha naphaya inokubhukisha okwahlukileyo ibe iza kuvela njengezihlandlo zohambo eziyi-2 ezilandelelanayo kwithebhu yakho Yohambo.
- Ukuba utshintsha indlela obucebe ngayo, ungarhoxisa enye okanye zombini ezi zindlu zibhukishiweyo, kodwa kuza kusebenza ipolisi yokurhoxa yendlu nganye.
- Indlu nganye yokuhlala apha naphaya inoMbuki Zindwendwe owahlukileyo ibe kuza kufuneka uncokole Nombuki Zindwendwe ngamnye ngokwahlukileyo kwindlu nganye yokuhlala apha naphaya.
Amanqaku asondele kweli
- Undwendwe
Ukubhukisha uhambo: into omele uyenze ukuba usemtsha
Funda ngendlela yokubhukisha yakwa-Airbnb, indlela yokuqinisekisa ukubhukisha kwakho, izaphulelo ezikhethekileyo ezivela kuMbuki Zindwendwe … - Undwendwe
Izihlandlo ezibhukishiweyo ezininzi phantsi kohambo olunye
Ukuba unohambo oluphelayo kube kukho olunye oluza kuqala kwiintsuku eziyi-4, lube lukwiindawo ezisondeleleneyo, sizaku kuludibanisa ibe luha… - Umlawuli wezohambo
Ukubhukisha uhambo lomnye umntu
UAirbnb uvumela abantu ababhaliswe kwiAirbnb Yomsebenzi ukuba babhukishe uhambo lwezoshishino egameni labanye abantu—aba bantu kuthiwa ngaba…