Indlela yokukhusela abantwana ekuxhaphazweni ngokwesondo
NjengaBabuki Zindwendwe, ningathatha amanyathelo okugcina abantwana bekhuselekile ekuxhaphazweni ngokwesondo kwizindlu zenu. Sicinga ngale nto, sicebisa ukuba uxele naziphi na iimeko ekugcingelwa ukuba kuxhaphazwa abantwana kwiCyberTipline. Kwakhona, kufuneka uthobele ipolisi ka-Airbnb engokusetyenziswa kweekhamera nezixhobo zokurekhoda ukuba usebenzisa iikhamera kwindlu yakho. Njengoko kuchaziwe kule polisi, iikhamera nezinye izixhobo zokurekhoda azivumelekanga ukuba zifote umphakathi wendlu ibe izixhobo zangaphandle kufuneka zichazwe kwingcaciso yendlu.
Ukucacisa ukuxhaphazwa kwabantwana ngokwesondo
Ukuxhaphazwa kwabantwana ngokwesondo kunokuba zintlobo ezahlukeneyo ibe ngokuqhelekileyo kucaciswa ngolu hlobo:
- Ukunyanzela okanye ukukhuthaza umntwana ukuba enze nantoni na yesondo
- Ukusetyenziswa kwabantwana xa kuthengiswa ngomzimba okanye kusenziwa ezinye izinto zesondo
- Ukusetyenziswa kwabantwana xa kusenziwa izinto ezinamanyala
Izinto ekufuneka uziphawule
Abantwana abaxhaphazwayo ngesondo basenokuziphatha ngeendlela ezininzi ezahlukeneyo ezifana nezomntu owehlelwe yinto ebuhlungu kakhulu. Apha ngezantsi kukho izinto ezimbalwa eziqhelekileyo ezibonisa ukuba kusenokwenzeka umntwana uyaxhaphazwa ngokwesondo:
- Iimpawu ezisemzibeni zokuxhaphazwa
- Ubonakala ngathi usebenzisa iziyobisi okanye usele utywala
- Ukuphathaphathana ngendlela engafanelekanga phakathi komntwana nomntu omdala
Ukuxhaphazwa komntwana kunokwenzeka kwi-intanethi nangobuqu, kwaye uphando lubonisa ukuba intombazana eyi-1 kweziyi-5 nenkwenkwe eyi-1 kwayi-20 iza kudibana nohlobo oluthile lokuxhaphazwa ngesondo ngaphambi kokuba neminyaka eyi-18. Ulutsha olukwiLGBT ngokomlinganiselo lunamathuba ayi-7.4 angakumbi okudibana nokuxhaphazwa ngokwesondo kunolutsha oluthandana nesini esahlukileyo.
Ukunciphisa umngcipheko wokuxhaphazwa kwabantwana ngokwesondo
Ababuki Zindwendwe abasebenzisa iikhamera abavumelekanga ukuba benze ezi zixhobo zijonge umphakathi wendlu, nokuba azikonektwanga okanye zicinyiwe. Zonke iikhamera zangaphandle okanye ezinye izixhobo zokurhekoda kufuneka zichazwe kwiindwendwe ukuze zikwazi ukuthatha amanyathelo afanelekileyo ukuqinisekisa ukuba iikhamera azifoti iifoto zabantwana abanganxibanga abahleli endlini. Ababuki Zindwendwe kufuneka basebenzise iindlela zokuzikhusela kwi-intanethi ukuze banciphise amathuba okuba kufikelelwe kuzo naziphi na iikhamera zize zisetyenziswe ukufota iifoto zabantwana benganxibanga.
Ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi ngendlela yokuphepha ukuxhaphazwa kwabantwana ngesondo, ungafunda izinto zokufundisa ezifumaneka Kwiziko Lelizwe Labantwana Abalahlekileyo Nabaxhaphazwayo, kwiCPAT-USA, nakwiZiko Lamazwe Ngamazwe Labantwana Abalahlekileyo Nabaxhaphazwayo.
Amanqaku asondele kweli
- Undwendwe
Indlela onokunceda ngayo ekupheliseni ukuthengiswa kwabantu
UAirbnb uye wasebenzisana noPolaris ukuze intsapho yethu ikuqonde ngakumbi ukuthengiswa kwabantu ngokukunceda wazi ngezinto ezibonisa ukuba … - Undwendwe
Izinto zempilo nokhuseleko ezifunekayo kwiindawo zokuhlala zakwa-Airbnb
Impilo yakho ibalulekile kuthi. Ziqhelanise namacebiso okhuseleko nezikhokelo zempilo yakho ngexesha lobhubhane weCOVID-19. - Umbuki zindwendwe
Ukufaka Abantu Abakuncedisayo kwindlu yakho
Ungafaka Abantu Abancedisayo abaya kutsho kwi-10 kwindlu—khetha amalungu entsapho, abahlobo, abamelwane, okanye umntu omthembileyo oye wamqe…