Dawunlowuda ingeniso yakho
Ufuna ukuhlola ingeniso yakho? Ideshibhodi Yengeniso inetshati ecofekayo yendlela oqhuba ngayo nezinto ezibonisayo:
- Imali oyenzileyo kwiinyanga eziyi-6 ezidlulileyo
- Imali oyenzileyo ukuza kuthi ga ngoku kule nyanga
- Imali ekuqikelelwa ukuba uza kuyenza kwiinyanga eziyi-5 ezizayo ngokusekelwe ekubhukisheni okuzayo
Indawo onokufumana kuyo ingeniso yakho
Ukuze ufumane indlela oqhuba ngayo, yiya Kwingeniso yakho uze ukhethe indawo yokwandisa ekwitshati yebha ukuze uveze ingeniso yakho ngenyanga okanye ngonyaka, nangendlu. Ungasebenzisa isihluzi ukuze ukhethe ukuba yeyiphi indlu okanye izindlu oza kuziveza.
Funda okungakumbi Ngedeshibhodi Yengeniso yakho nangetshati yendlela oqhuba ngayo.
Ingxelo yokubhukishwa kwendawo
Ukuba ufuna ukuhlola ingeniso yakho, uAirbnb wenza iingxelo zakho zenyanga nezonyaka ngokuzenzekelayo. Ungafumana iingxelo ukususela kunyaka owaqalisa ngawo ukubuka iindwendwe, uzahlule ngendlu nangendlela yokubhatalwa, uze uzidawunlowude okanye uthumele nge-imeyile ingxelo nganye njengePDF.
Ingxelo nganye ibalaselisa iinkcukacha zengeniso yaloo nyanga okanye yoloo nyaka, eziquka:
- Iinkcukacha zendlela ingeniso epheleleyo ayahlulahlulwe ngayo, iimali ekufuneka ezibhatele umbuki zindwendwe, imali ebhatalelwa ukusebenzisa uAirbnb Yombuki Zindwendwe, nayiphi na irhafu ebanjiweyo, nemali epheleleyo ebhatelweyo
- Ingxelo yeencukacha zamanani, njengeentsuku ezibhukishwayo nomyinge weentsuku ezihlalwayo
- Ingeniso ngokwendlu nendlela yokubhatalwa
- Ingeniso yenyanga nganye yonyaka okhethiweyo (yeengxelo zonyaka kuphela)
Ukuze uzifumane lula, ungakhetha ukufumana iingxelo nge-imeyile okanye ngokudawunlowuda iingxelo ngefomathi yePDF.
Ukuze uthumele ingeniso kwispredishithi:
Thumela ifayile yeCSV yengeniso kwikhompyutha
- Cofa kwindawo ethi Ingeniso
- Yiya kwindawo ethi Ezayo okanye Ebhatelweyo
- Hluza izindlu, iindlela zokubhatalwa, kunye neentsuku ozifunayo
- Cofa indawo ethi Fumana ingxelo
- Khetha ethi Vula kwisixhobo sakho okanye ethi Imeyila ingxelo yakho
- Lungisa iindawo zakho zokufaka inkcazelo
- Cofa indawo ethi Yenza ingxelo
Thumela ifayile yeCSV yengeniso kwi-app ka-Airbnb
- Cofa kwindawo ethi Imenyu uze ucofe kwindawo ethi Ingeniso
- Yiya kwindawo ethi Ezayo okanye Ebhatelweyo
- Hluza izindlu, iindlela zokubhatalwa, neentsuku ozifunayo
- Cofa kwindawo ethi Fumana ingxelo
- Khetha indawo ethi Vula kwisixhobo sakho okanye ethi Imeyila ingxelo yakho
- Lungisa iindawo zakho zokufaka inkcazelo
- Cofa kwindawo ethi Yenza ingxelo

Thumela ifayile yeCSV yengeniso kwibhrawuza yefowuni
- Cofa indawo ethi Ingeniso
- Yiya kwindawo ethi Ezayo okanye Ebhatelweyo
- Hluza izindlu, iindlela zokubhatalwa, kunye neentsuku ozifunayo
- Cofa indawo ethi Fumana ingxelo
- Khetha ethi Vula kwisixhobo sakho okanye ethi Imeyila ingxelo yakho
- Lungisa iindawo zakho zokufaka inkcazelo
- Cofa indawo ethi Yenza ingxelo
Ifayile yeCSV inokuvulwa nangeyiphi na inkqubo ye-spreadsheet eqhelekileyo (njengoMicrosoft Excel, uGoogle Sheets okanye uApple Numbers). Esi si-spreadsheet siquka inkcazelo eyongezelelekileyo, njengengeniso yakho, imali yeenkonzo Zombuki Zindwendwe okanye imali yokucoca (ukuba uyayibhatalisa), nengeniso epheleleyo nayo nayiphi na irhafu ebanjiweyo yengeniso nganye.
Ukuze udawunlowude ingeniso kwi-PDF:
Dawunlowuda ingxelo yengeniso ye-PDF kwikhompyutha
- Cofa kwindawo ethi Ingeniso
- Yiya kwindawo ethi Iisetingi namaxwebhu, emva koko ethi Iingxelo zengeniso
- Khetha unyaka owufunayo wengxelo Yengeniso yakho
- Cofa ingxelo yenyanga okanye yonyaka ukuze uyivule
- Cofa indawo ethi Fumana ingxelo yePDF
- Khetha ethi Dawunlowuda iPDF okanye ethi Thumela ngeimeyile
- Cofa kwindawo ethi Dawunlowuda okanye ethi Thumela
Dawunlowuda ingxelo yengeniso ye-PDF kwi-app ka-Airbnb
- Cofa indawo ethi Imenyu uze ucofe ethi Ingeniso
- Yiya kwindawo ethi Iisetingi nethi amaxwebhu , emva koko ethi Ingeniso iingxelo

Dawunlowuda ingxelo yengeniso ye-PDF kwibhrawuza yefowuni
- Cofa indawo ethi Ingeniso
- Yiya kwindawo ethi Iisetingi namaxwebhu, emva koko ethi Iingxelo zengeniso
- Khetha unyaka owufunayo wengxelo Yengeniso yakho
- Cofa ingxelo yenyanga okanye yonyaka ukuze uyivule
- Cofa indawo ethi Fumana ingxelo yePDF
- Khetha ethi Dawunlowuda iPDF okanye ethi Thumela ngeimeyile
- Cofa kwindawo ethi Dawunlowuda okanye ethi Thumela
Ezi ngxelo zinokwenziwa ngokuzenzekelayo nyanga nganye nangonyaka (xa zifumaneka).
Amanqaku asondele kweli
- Indlela yokuyenza•Umbuki zindwendwe
Fumana ingxelo yengeniso yakho
Unokujonga imeko yengeniso yakho uze ubone iinkcukacha ngengeniso yakho kwideshibhodi yakho yengeniso. - Indlela yokuyenza•Umbuki zindwendwe
Ixesha oza kuyifumana ngalo imali omele uyibhatalwe
Sidla ngokubhatala kwiiyure eziyi-24 emva kokuba undwendwe lubhalisile ukufika. Kodwa ke, ixesha oza kuyifumana ngalo imali omele uyibhatalw… - Indlela yokuyenza•Umbuki zindwendwe
Indlela imali ekufuneka eyibhatele umbuki zindwendwe eza kuchaphazeleka ngayo ingeniso yakho
Imali ekufuneka uyibhatale yimali ekufuneka ibhatalwe ngumbuki zindwendwe kuba kurhoxiswe ukubhukisha, kutshintshwe ukubhukishwa okanye koph…