Dlulela kumxholo
    Qhubeka uye phambili ukuze ufikelele kwiziphumo ezicetyisiweyo
    Izinto ezintsha nge-COVID-19
    Ukuze ufumane iindlela zokurhoxisa nezokubuyiselwa imali onokukhetha kuzo, khetha ukubhukisha kwiphepha elithi Uhambo. Ipolisi yethu yemeko ongenakuyinceda isebenza kukubhukisha okuthile kuphela. Sinikezela ngenkcazelo ehlaziyiweyo nge-1 nange-15 nyanga nganye.

    Ndingayibhukisha njani indawo kwi-Airbnb?

    Xa ubhukishela indawo kwi-Airbnb, wenza amalungiselelo okuhlala kwikhaya lomntu. mbuki zindwendwe ngamnye unendlela yakhe yokwamkela iindwendwe, ukususela nje kwindlela azama ngayo ukuzazi iindwendwe zakhe. Abanye ababuki zindwendwe bafuna ukuqala baluvume ngokwabo ubhukisho, ngoxa abanye bekuyeka ubhukishe ngaphandle kokulindela ukuvunywa.

    1. Gcwalisa iinkcukhacha zakho

    Enoba kukweyiphi imeko, kubalulekile ukwazi ukuba abahlali be-Airbnb bakuxabisa gqitha ukuthembana. Gcwalisa iinkcukhacha zakho ngaphambi kokuba ucele ubhukisho kumbuki zindwendwe, ukwenzela ukuba kube khona okuthile akwaziyo ngawe ngaphambi kokuba aqinisekise ubhukisho lwakho. Iinkcukhacha zakho zimele ziquke iifoto neziqinisekiso, ingakumbi xa abanye ababuki zindwendwe befuna iindwendwe zibenefoto ekwiinkcukhachanohlolo oluqinisekisa ukuba ungulo mntu uthi unguye nyhani ukuze zikwazi ukubhukisha.

    2. Fumana indawo efanelekileyo

    Kwizindlu ezahlukileyo ezimalunga ne-800,000 ehlabathini lonke, kuza kufuneka uqiniseke ukuba ukhetha eyona ndlu inazo zonke izinto ozidingayo ukuze uthi zava ze wonwabele ukuzikhupha kwakho .

    Xa ukhangela indawo, qiniseka ukuba uyayifaka imihla kunye nenani leendwendwe ukuze ufumane elona xabiso lichanileyo. Funda ukuhlola, inkcazelo, imithetho yekhaya, nezinto ozifumanayo kwindawo nganye oyibona ifanelekele ukuzikhupha kwakho. Ungakwazi nanini naukuqhagamshelana nombuki zindwendwe ukuba unemibuzo malunga nendawo yakhe.

    3. Yibhukishe!

    Ufumene eyona ndawo igqibeleleyo, kwaye ngoku lixesha lokuyenza ibe yeyakho ngokusemthethweni. Ufike kwindawo apho ubhukisho lwakho luya kuqinisekiswa ngendlela ethandwa ngumbuki zindwendwe.

    • Ukuvela ubhukishe

      Kubamkeli ndwendwe abangafuni kuqinisekisa ubhukisho kuqala, uza kubona iqhosha kwindlu yabo oluthi Vela ubhukishe. Njengokuba igama lisitsho, uqinisekisa ubhukisho kulo ndawo ngoko nangoko. Funda okungakumbi malunga Ukuvela ubhukishe.

    • Ukucela ukubhukisha

      ababuki zindwendwe abaninzi bakhetha ukuluvuma kuqala ubhukisho ngaphambi kokuba kuthiwe lugqityiwe. Kule meko, uza kubona iqhosha elikwindlu elithiCela ukubhukisha. Ukuze uhambise isicelo sokubhukisha, kuya kufuneka ufake iinkcukacha zakho zokubhatala. ababuki zindwendwe baneeyure eziyi-24 zokwamkela isicelo sakho, ibe xa benze njalo, ubhukisho lwakho luya kuqinisekiswa ngokuzenzekelayo. Funda okungakumbi malunga nokufaka isicelo sokubhukisha.

    • Ithemba lokuba ungayifumana indawo neminikelo ekhethekileyo

      Ukuba ugqiba kwelokuba uqhagamshelane nombuki zindwendwe umbuze imibuzo ngaphambi kokubhukisha, umbuki zindwendwe usenokuphendula ngokukumemela ukuba wenze ubhukisho kwindawo ethi ithemba lokufumana indawo okanye kwiminikelo ekhethekileyo. Indawo ethi ungayifumana indawo, sisimemo sokugqibezela ubhukisho lwemihla nenani leendwendwe olibhale kumyalezo wakho. Umnikelo okhethekileyo unika umbuki zindwendwe ithuba lokunikisa ngamaxabiso akhethekileyo, imihla, nezinye iinkcukhacha zobhukisho ngaphambi kokuba undwendwe lubhukishe. Funda okungakumbi malunga ukubhukishela indawo ongayifumana okanye umnikelo ekhethekileyo.

    Amanqaku asondele kweli
    Ngaba ulufumene uncedo obulufuna?