Ukusebenzisa izihluzi zokukhangela
Ngamanye amaxesha ufuna nje ukukhangela. Ngamanye amaxesha, uyazi kakuhle into oyifunayo. Izihluzi zokukhangela ziyindlela entle yokunciphisa izinto onokukhetha kuzo xa ukhangela indawo yokuhlala. Ukuba ubhetyebhetye, ungakhetha usuku lokuqala nelokugqibela neentlobo zeendawo ukuze ulungelelanise indlela yakho yokukhangela.
Qala ngezinto ezisisiseko
Ukuze ufumane ezona ziphumo zichanileyo, hlala uqalisa indlela okhangela ngayo ngokukhetha:
- Indawo oya kuyo
- Usuku lokufika nelokuphuma
- Inani elipheleleyo leendwendwe nezilwanyana zasekhaya
Khangela iindawo zokuhlala iintsuku ezingangenyanga
Senze indlela elula nebhetyebhetye ngakumbi yokukhangela iindawo zokuhlala iintsuku ezingangenyanga. Cofa kwindawo ethi Iinyanga ukuze uchaze ubude bexesha oza kulihlala uze ulungise ngokulula usuku lwakho lokuqala nelokugqibela. Litshintshe usuku lwakho lokuqala nelokugqibela ukuya kutsho kwiintsuku eziyi-14 ukuze ubone izindlu ezahlukahlukeneyo ezifumanekayo.
Izihluzi ezithandwayo
Ngokukhetha Izihluzi kwiphepha leziphumo zokukhangela, uza kubona izihluzi ezithandwayo, ezifana nezi:
- Uhlobo lwendawo: Ukususela kumagumbi asetyenziswa nangabanye abantu ukuya kwindlu epheleleyo, funda okungakumbi ngeentlobo zeendawo zokuhlala.
- Ixabiso eliphantsi ukuya kweliphezulu: Sebenzisa iskali onokusisa ekhohlo okanye ekunene ukuze unciphise indlela okhangela ngayo kumaxabiso akho. Ukhumbule ukuba iindawo ezininzi zokuhlala azifani ibe nezinto ezikuzo zinokuchaphazela ixabiso losuku.
- Uvel' Ubhukishe: Fumana iindawo ongazibhukisha ngaphandle kokulindela ukuba kuvume Umbuki Zindwendwe.
Unokusebenzisa Neendidi zakwa-Airbnb ukuze uhluze ngezindlu ezikhethekileyo. Khetha kwiindidi ezifana neenqaba ezinezibane phezulu, izindlu zamaplanga okanye izikhephe.
Qaphela: Okwangoku, indawo yokulungelelanisa iziphumo zokukhangela ayikabikho kwa-Airbnb, kodwa unokuhluza ngokwexabiso ukuze ufumane iindawo ezihambelana nexabiso elithile.
Izihluzi ezingakumbi
Ufuna ukucacisa ngakumbi? Nazi izihluzi ezingakumbi zokukunceda ukhethe indawo efanelekileyo.
Amagumbi neebhedi
Amagumbi okulala, amagumbi okuhlambela, iibhedi—khetha inani elilungele iqela lakho.
Uhlobo lwendlu
Kuza kuhlala wena apha, ngoko uthanda kube njani? Khangela izindlu ezinendawo yokuphola, iihostele, iiflethi okanye izindlu ezikwicomplex, nokungakumbi.
Izinto ezinokusetyenziswa
Abanye abantu badinga ikhitshi abanokulisebenzisa, abanye bafuna iTV, ibe abanye bafuna indawo yokupaka yasimahla. Khetha into oyidingayo ukuze uhlale kamnandi.
Izinto zokubhukisha ekunokukhethwa kuzo
Nciphisa iziphumo zakho zokukhangela ukuze ufumane kuphela iindawo ezineepolisi Zokuvel' Ubhukishe, zokuzingenela okanye zokurhoxa simahla.
Izinto Onokuzisebenzisa
Ipuli? Ijim? Kukho izinto ongakhetha kuzo.
Ukulungela wonke umntu
Ufuna indawo yokungena engenazitepsi okanye iindawo zokubambelela xa ukwishawa? Khetha izinto eziza kukunceda uphole uze ukhuseleke.
Ulwimi lombuki zindwendwe
Khetha Ababuki Zindwendwe abathetha ulwimi olwaziyo.
Imithetho yekhaya
Ngaba ufuna indawo ezivumelayo izilwanyana zasekhaya? Ngaba uceba ukuba neendwendwe zasekuhlaleni ngexesha oza kube uhleli ngalo? Khangela iindawo ezinemithetho ekulungelayo.
Iindawo ezikwizinga eliphezulu
Khetha kwiindidi ezifana nezi:
- Ezithandwa zindwendwe: Zezona ndawo zithandwayo kuAirbnb, ngokutsho kweendwendwe.
- I-Luxe: Iindawo ezimangalisayo ezakhiwe ngendlela ephucukileyo, ezihloliweyo ukuba zisemgangathweni na.
Qaphela: Okwangoku awuzokwazi ukukhangela ngegama eliphambili.
Amanqaku asondele kweli
- Umbuki zindwendwe
Qinisekisa ukuba iindwendwe zinokuyifumana indlu yakho
Ungajonga ukuba indlu yakho iyavela na kwiziphumo zokukhangela ngokujonga ukuba indlu yakho ibukwe kangaphi kwingxelo yamanani yendlu yakho. - Umbuki zindwendwe
Ukuthelekisa indlela eqhuba ngayo indlu yakho
Kwinkcazelo yakho yokuba uqhuba njani, ungafumana izindlu ezifanayo uAirbnb azisebenzisayo ukuze athelekise. - Undwendwe
Ukukhangela iindawo zokuhlala
Sebenzisa izihluzi, jonga iimephu uze ufunde iinkcazelo zezindlu ukuze unciphise iindawo onokukhetha kuzo uze ufumane elungele uhambo lwakho…