Qhubeka uye phambili ukuze ufikelele kwiziphumo ezicetyisiweyo

    Ipolisi Yezinto Ezifakwa Kwi-Airbnb

    Xa ufaka izinto kuAirbnb, uyavuma ukuthobela le polisi. Sinelungelo lokususa naziphi na izinto, ngokupheleleyo okanye inxalenye yazo, ezaphula le polisi, Imimmiselo yethu Yenkonzo, Imilinganiselo yethu yentsapho, Ipolisi yethu Yezimvo, okanye ngenxa yaso nasiphi na esinye isizathu esigqibe ngaso.

    Kwiimeko apho kumane kusaphulwa ipolisi okanye yaphulwe kakhulu, sisenokuyinqumamisa okanye siyenze ingaphinde isebenze iakhawunti (iiakhawunti) eyenze loo nto.

    Ungayixela into efakiweyo ngqo okanye uqhakamshelane nathi ukuze uxele into engathi yaphula le polisi.

    Ezi zinto zilandelayo azivumelekanga kuAirbnb:

    • Izinto ezenzelwe ukuthengisa okanye ezinye izinto zokushishina, kuquka amaphawu eenkampani, iilinki okanye amagama eenkampani
    • Imiyalezo eqhathayo, ukuqhakamshelana nabantu bengafuni okanye izinto ezimane zifakwa oko zide ziphazamise
    • Izinto ezikhuthaza ukwenziwa kwezinto ezingekho mthethweni okanye ezenzakalisayo, okanye izinto eziveza isondo, ezinobundlobongela, eziveza izinto ezoyikisayo, ezigrogrisayo okanye ezihlukumezayo
    • Izinto ezicalulayo (hlola Ipolisi yethu Yokungacaluli ukuze ufumane inkcazelo engakumbi)
    • Ukuzama ukuzenza omnye umntu, enye iakhawunti okanye ishishini, kuquka umntu omela uAirbnb
    • Izinto ezingekho mthethweni okanye ezaphula amalungelo omnye umntu okanye inkampani, kuquka amalungelo okuceba okanye ezinto eziyimfihlo
    • Izinto eziquka inkcazelo eyimfihlo yomnye umntu, kuquka izinto ezaneleyo ukuze yaziwe eyona ndawo ikuyo indlu

    Ukwaphulwa kwepolisi

    Ezi zinto zilandelayo zikukwaphulwa kwepolisi ngokukhethekileyo kwizinto ezithile:

    Izihloko zezindlu

    • Izihloko zezindlu ezinenkcazelo engenanto yakwenza nohlobo lwendlu, indlela eyenziwe ngayo okanye into enokonwatyelwa
    • Izihloko zezindlu eziquka iimpawu okanye ii-emoji

    Amaphepha ezindlu okanye eeprofayile

    • Izindlu okanye iiprofayile ezinenkcazelo eqhathayo, engeyonyani okanye elahlekisayo

    Iziko Lentsapho

    • Izinto eziphume emxholweni, ezingabuzi mbuzo okanye ezinganikezeli ngenkcazelo ephendula umbuzo kwincoko yabantu abaninzi
    • Ukuthana nca okanye ukulandelelana namalungu entsapho

    Izimvo

    • Izimvo ezikhethayo okanye ezineempawu zokufuna imali okanye ukufumana into, ukungenelwa kwenye into okanye ukukhuphisana
    • Izimvo ezingenayo inkcazelo enento yokwenza nombuki zindwendwe okanye undwendwe, indlu okanye into enokonwatyelwa zisenokususwa. Izimvo ezinenkcazelo eninzi engeloncedo nazo zisenokususwa, kodwa kuphela xa inkcazelo ekhoyo eluncedo bekungena kulindeleka ukuba incede amanye amalungu entsapho abe nenkcazelo engakumbi xa ebhukisha.

    Funda okungambi Ngepolisi Yezimvo ka-Airbnb nendlela uAirbnb ahlola ngayo ukungavisisani kwezimvo.

    IiURL ezikhethekileyo

    Ngaba ulufumene uncedo obulufuna?