Izinto ezicetyiswayo ziza kubonakala emva kokubhala kwindawo yokukhangela. Sebenzisa iaro enyukayo nehlayo ukuze uwahlole. Sebenzisa iqhosha elingu-enter ukuze uyikhethe. Ukuba ukhethe amabinzana, loo mabinzana ngawo aza kukhangelwa. Ukuba ucetyiswa ngelinki, ibhrawza iza kuya kwelo phepha.
Indlela yokuyenza
Umbuki zindwendwe

Yenza indlu yakho isebenze

Halala! Wenze indlu enomtsalane ibe ukulungele ukwenza indlu yakho ibonwe ngumntu wonke kwiziphumo zokukhangela nakwiprofayile yakho—nantsi indlela yokulungiselela ukwamkela iindwendwe zakho zokuqala!

Ukuba awukayilungeli kakuhle imibuzo okanye izicelo, akho ngxaki— ungayilungisa imeko yendlu yakho ude ukulungele ukwamkela iindwendwe.

Ukuze wenze indlu yakho isebenze:

Yenza indlu yakho isebenze kwikhompyutha

  1. Yiya kwindawo ethi Izindlu uze ukhethe indlu ofuna ukuyilungisa
  2. Kwindawo ethi Indawo yokulungisa indlu, cofa indawo ethi Indawo yakho
  3. Cofa indawo ethi Imeko
  4. Cofa kwindawo ethi Ifakiwe, uze ucofe kwindawo ethi Faka indawo yakho

Ixesha okulithathayo ukuba izindlu ezintsha zivele xa kukhangelwa

Emva kokuba utshintshe imeko yayo yathi Iyabonakala, idla ngokubonakala zingekapheli iiyure eziyi-24, kodwa kusenokuthatha iiyure ezifikelela kweziyi-72 ukuba ezi zinto zihlaziyiweyo zibonakale kwiziphumo zokukhangela.

Eli nqaku likuncedile?

Amanqaku asondele kweli

Fumana uncedo ngokubhukisha kwakho, ngeakhawunti yakho, nangokunye.
Ngena kwiakhawunti okanye uvule iakhawunti