Izinto ezicetyiswayo ziza kubonakala emva kokubhala kwindawo yokukhangela. Sebenzisa iaro enyukayo nehlayo ukuze uwahlole. Sebenzisa iqhosha elingu-enter ukuze uyikhethe. Ukuba ukhethe amabinzana, loo mabinzana ngawo aza kukhangelwa. Ukuba ucetyiswa ngelinki, ibhrawza iza kuya kwelo phepha.

Ukubeka ixabiso

Izinto ezisisiseko ngokubeka ixabiso

  • Indlela yokuyenza • Umbuki zindwendwe

    Ukubeka ixabiso lendlu yakho

    Njengombuki Zindwendwe, nguwe osoloko elawula amaxabiso akho. Ungawatshintsha nanini na—nguwe owalawulayo.
  • Indlela yokuyenza • Umbuki zindwendwe

    Seta uze ubeke amaxabiso osuku alungele wena

    Lungisa indlu yakho ukuze ulawule ixabiso lakho losuku. Nantoni na oyitshintshayo iza kusebenza ekubhukisheni kwexesha elizayo kuphela.
  • Indlela yokuyenza • Umbuki zindwendwe

    Hlola kwangaphambili indlela ixabiso lakho elahlulahlulwe ngayo

    Ungasebenzisa into yokwahlulahlula ixabiso losuku ukuze ubone kwangaphambili imali eza kubhatalwa lundwendwe lwakho—nemali oza kuyifumana.
  • Indlela yokuyenza • Umbuki zindwendwe

    Hlola kwangaphambili ukuba iindwendwe zibhatala malini

    Ungajonga kwangaphambili ukuba iindwendwe ziza kubhatala malini ukuze zihlale kwindawo yakho ngokuya kwikhalenda yezindlu zakho, ngokukhetha iintsuku uze ucofe indawo ethi Iyonke imali yeendwendwe.
  • Indlela yokuyenza • Umbuki zindwendwe

    Izindlu ezifanayo

    Ukusebenzisa izindlu ezifanayo kukwenza ukwazi ukuthelekisa indlu yakho nezinye ukuze sikuncede ubeke ixabiso elikhuphisana kakuhle namanye.

Ixabiso ngosuku

Imali omele uyibhatale nokubhataliswa

  • Indlela yokuyenza

    Iimali ezibhatalelwa ukusebenzisa uAirbnb

    Ukuze uAirbnb aqhube kakuhle nokuze kubhatalwe iindleko zeemveliso neenkonzo esinikela ngazo, sibiza imali ebhatalelwa ukusebenzisa uAirbnb xa ukubhukisha kuqinisekisiwe.
  • Indlela yokuyenza • Umbuki zindwendwe

    Faka iimali zokucoca

    Imali yokucoca inceda ababuki zindwendwe babhatalele iindleko ezingakumbi aba banazo xa belungiselela indlu yabo ngaphambi kokuba iindwendwe zifike okanye emva kokuba zimkile.
  • Indlela yokuyenza • Umbuki zindwendwe

    Faka imali yondwendwe olongezelelekileyo

    Ungafaka imali emele ibhatalelwe undwendwe ngalunye ozimisele ukulubeka ngaphaya komda oqhelekileyo.
  • Indlela yokuyenza • Umbuki zindwendwe

    Faka imali yesilwanyana sasekhaya

    Ukuba ukhetha ukubiza imali yesilwanyana sasekhaya, iza kwahlulwa ngokulinganayo ebudeni bexesha eliza kuhlalwa ize ivezwe njengenxalenye yemali yosuku, nakwixabiso elipheleleyo kwindawo yokubhatala.
  • Indlela yokuyenza • Umbuki zindwendwe

    Amashishini Okubuka Iindwendwe: Faka ezinye iimali ezimele zibhatalwe kwindlu yakho

    Izixhobo zamashishini okubuka iindwendwe zikwenza ukwazi ukufaka ezinye iimali ezimele zibhatalwe, kuquka nemali yokusebenzisa ezinye izinto.
  • Indlela yokuyenza • Umbuki zindwendwe

    Faka ezinye iimali ezimele zibhatalwe

    Ungayilungisa indlela owabeka ngayo amaxabiso ngokuquka ezinye iimali eziyi-3, nezinye eziyi-4 ukuba usebenzisa izixhobo zethu zamashishini okubuka iindwendwe.

Izaphulelo