Lo mxholo awufumaneki ngolwimi olukhethileyo, ngoko siwenze wafumaneka ngolona lwimi esinalo olusondeleyo kolwakho.

Ukwenza indawo entle netofotofo

Mazihlale zikhona izinto ezisisiseko, yigcine icocekile, uze wenze ubuntu bakho bubonakale.
Ngu-Airbnb nge-18 Dis 2019
Lifundeka ngemizuzu eyi-2
Ihlaziywe nge-18 Dis 2019

Izinto eziphambili

  • Nceda iindwendwe zizive zisekhaya ngokuzinika indawo yokubeka izinto zazo

  • Faka izinto ezicingisiswe kakuhle njengeentyatyambo neetshaja zefowuni

  • Nikezela ngeetawuli ezongezelelekileyo, iphepha langasese nezinto ezisisiseko ezifana nekofu neti

Nokuba unoluphi uhlobo lwendawo kuAirbnb, kukho izinto ezimbalwa onokuzenza ukuze ibe yindawo ekumnandi ukuhlala kuyo njengoko ulungiselela ukwamkela iindwendwe zakho zokuqala.

Ziqhelise ukuhombisa ucinga ngeendwendwe

Izinto zokuhombisa ezicingwe kakuhle zinokunceda indawo yakho ibe likhaya nabantu bazive besekhaya—ibe akuyomfuneko ukuba ibe zizinto ezinobugocigoci okanye ezibiza imali eninzi.

Nanga amacebiso ambalwa okuhombisa kakuhle:

  • Faka izinto eziveza ubuntu bakho, njengezinto ezikukhumbuza iindawo okhe waya kuzo
  • Zama ukuba ungashiyi ndawo ingenanto, enokubonakala ingabangeli mdla
  • Khetha imibala oza kuyisebenzisa ize ihambelane imizobo yakho, amalaphu nezinye izinto zokuhombisa
  • Cinga ngokufaka into ethi ndijonge, njengesibane esikhulu okanye isitulo esikhulu sokuthi zava
  • Hombisa ngezityalo okanye ngeentyatyambo ukuze wenze indawo yakho ibe nomtsalane

Yiba nezinto ezinokusetyenziswa

Ubuncinane, kufuneka unikezele ngephepha langasese, isepha, itawuli enye nomqamelo omnye wondwendwe ngalunye, namashiti ebhedi zondwendwe ngalunye.

Iindwendwe zidla ngokuzixabisa kakhulu:

  • Iitawuli ezingakumbi, iingubo nemiqamelo
  • Ishampu ne-conditioner
  • Isixhobo sokomisa iinwele
  • Izinto ezifana nekofu, iti neketile
  • Izinto zokucoca ezisisiseko

Fumana iinkcukacha ezingakumbi ngezinto onokuzisebenzisa

Yenza igumbi lokulala elitofotofo

Igumbi lokulala kulapho iindwendwe zakho ziza kulala khona zize zigcine izinto zazo, ngoko kubalulekile ukuba ulenze libe tofotofo. Cinga ngento enokukunceda uzive usekhaya xa ukwindawo yomnye umntu.

Ngokomzekelo, unokwenza ezi zinto:

  • Unokwenza indawo yezinto zomntu ngokubonelela ngetafile eneedrowa ezingenanto, iwodrophu eneehengari ezingenanto okanye indawo yokubeka imithwalo
  • Unokubeka itafile encinci enesibane ecaleni kwebhedi, ukuze iindwendwe zikwazi ukubeka izipeksi zazo, ifowuni okanye incwadi kufuphi nebhedi
  • Makubekho umatrasi osemgangathweni, imiqamelo embalwa engakumbi, neengubo ezingasindiyo ukuze ube namanqanaba obutofotofo obahlukahlukeneyo
  • Faka izityalo ezimbalwa, isipili, into yokugalela amanzi, iglasi yokusela, i-adapter yamanye amazwe, netshaja yeefowuni ezininzi ukuze wenze igumbi lokulala lenze iindwendwe zizive zamkelekile

Faka izinto ezingakumbi ezimbalwa

Unokunceda iindwendwe zakho zilonwabele ixesha ezilihleliyo ngokwenza izinto ezingakumbi ezimbalwa ukuze uzibuke kakuhle iindwendwe.

1. Susa imfucumfucu. Ukuba nawe uhlala kule ndawo ziza kuhlala kuyo iindwendwe, kubalulekile ukucinga ngezinto oza kuziyeka nezinto oza kuzibeka kwenye indawo. Ukuqoqosha nokubeka izinto zakho ngendlela entle kunokukunceda wenze indawo yakho ibonakale ivuleke ngakumbi kwaye isithi yiza.

2. Beka imiyalelo. Nceda iindwendwe ziqonde indlela yokusebenzisa zonke izixhobo nezinto ezithile (ezifana nendawo yokubasa igesi, umatshini okhupha umoya obandayo okanye umnyango wegaraji) ezifumanekayo ukuze zizisebenzise. Ungafaka le miyalelo kwincwadi yakho ezixelela ngendlu.

3. Lala kuyo usuku. Ukulala kwindawo yakho usuku olunye ngamanye amaxesha kwenza kube lula ukufumanisa ukuba yintoni engekhoyo okanye efuna ukuphuculwa. Ngaba le ndawo ibonakala ngathi umntu unokwazi ukuthi zava kuyo aze azive amkelekile? Ngaba unayo yonke into oyidingayo ukuze uzive ukhululekile kwaye usekhaya? Tshintsha izinto de ukwazi ukuphendula uthi “ewe” kuyo yomibini le mibuzo.

4. Makuhlale kucocekile. Nokuba indawo yakho uyicoca ngokwakho okanye uqesha umntu, kubalulekile ukuba indawo yakho ihlale iqoqoshekile uze ulandele inkqubo yokucoca enamanyathelo amahlanu ngaphambi kokufika nasemva kokuphuma kondwendwe ngalunye. Ungafaka imali yokucoca ukuze ubhatalele iindleko zexesha lakho okanye elomntu okucocelayo. Ukuze sikuncede ulungiselele iindwendwe indawo yakho, senze uludwe lwezinto ekufuneka ube uyazenza onokulusebenzisa.

Inkcazelo ekweli nqaku isenokuba itshintshile emva kokuba lipapashiwe.

Izinto eziphambili

  • Nceda iindwendwe zizive zisekhaya ngokuzinika indawo yokubeka izinto zazo

  • Faka izinto ezicingisiswe kakuhle njengeentyatyambo neetshaja zefowuni

  • Nikezela ngeetawuli ezongezelelekileyo, iphepha langasese nezinto ezisisiseko ezifana nekofu neti

Airbnb
18 Dis 2019
Ngaba oku bekuluncedo?