Qhubeka uye phambili ukuze ufikelele kwiziphumo ezicetyisiweyo
    Lo mxholo awufumaneki ngolwimi olukhethileyo, ngoko siwenze wafumaneka ngolona lwimi esinalo olusondeleyo kolwakho.

    Indlela obhatalwa ngayo ngokubuka iindwendwe

    Funda izinto ezisisiseko ngexesha nendlela oza kubhatalwa ngayo.
    Ngu-Airbnb nge-12 Feb 2020
    Lifundeka ngemizuzu eyi-2
    Ihlaziywe nge-13 Aga 2021

    Izinto eziphambili

    Ababuki Zindwendwe abatsha badla ngokubuza, “Ndibhatalwa njani?” UAirbnb wenza kube lula ukufumana imali—okanye into esiyibiza ngokuba kukubhatalwa—ngamanyathelo alula ambalwa. Nantsi indlela esebenza ngayo:

    Indlela oza kubhatalwa ngayo

    Ukuze ubhatalwe kuAirbnb, kufuneka ukhethe indlela yakho yokubhatalwa kwicandelo Lokubhatala Nokubhatalwa kwiakhawunti yakho. Iindlela zokubhatalwa ziquka ukufakelwa ebhankini okanye uACH, uPayPal, Amakhadi ePayoneer neWestern Union, kuxhomekeka ukuba uphi.

    Nanga amagqabantshintshi ambalwa endlela yokufaka indlela yakho yokubhatalwa kwiakhawunti yakho:

    Indlela oza kubhatalwa ngayo iza kuqinisekiswa ukuze sincede ekuqinisekiseni ukuba yonke imali yakho oyisebenzele nzima ifika kakuhle. Inkqubo yokuqinisekisa inokuthatha iintsuku eziyi-2 ukuya kweziyi-10, kuxhomekeke kwindlela yokubhatalwa oyikhethileyo.

    Imali oza kuyibhatalwa

    Ukuze ubale imali oza kuyibhatalwa, yongeza naziphi na iimali ezingakumbi ezimele zibhatalwe (njengemali yakho yokucoca okanye imali yondwendwe olongezelelekileyo) kwimali yakho yosuku. Le yimali xa iyonke yokuqala.

    Xa uyibalile imali xa iyonke yokuqala, tsala iimali omele uzibhatale nerhafu. Ngoxa irhafu isenokwahluka ngokwendawo ohlala kuyo, Ababuki Zindwendwe abaninzi babhatala imali ebhatalelwa ukusebenzisa uAirbnb eyi-3%. Le mali imele ibhatalwe inceda ukubhatalela iindleko zika-Airbnb zeemveliso neenkonzo esinikela ngazo (njengokunceda abathengi imini nobusuku!) ibe ibalwa kwimali xa iyonke yokuqala yokubhukisha.

    Ungalibali ukuba ingeniso yakho iza kwahluka ngokwexesha undwendwe eliza kulihlala, naziphi na izaphulelo ozifakileyo, njl. Ukuba ukubhatalwa kwakho kulibazisekile okanye imali oyibhatelweyo ibonakala ingaphantsi kunaleyo ubuyilindele, kusenokubangelwa kukubhukisha okurhoxisiweyo okanye okutshintshiweyo okwenze undwendwe lwakho lwabuyiselwa yonke okanye inxalenye yemali.

    Ixesha oza kubhatalwa ngalo

    Imali oyenzayo ngokubuka iindwendwe ngokuqhelekileyo iza kuthunyelwa kuwe kwiiyure eziyi-24 emva kwexesha elibekiweyo lokuphuma kondwendwe lwakho. Elona xesha iza kungena ngalo imali yakho kwiakhawunti yakho iza kuxhomekeka kwindlela yokubhatalwa oyikhethileyo.

    Umzekelo, imali idla ngokungena kwiakhawunti yakho kwiintsuku eziyi-7 zokushishina xa ifakwa ebhankini, lungaphelanga usuku oluyi-1 lokushishina xa ifakwa kuPayPal nakumakhadi akwaPayoneer—nangona elona xesha lixhomekeke kwindawo ekuyo iakhawunti yakho. Xa ubuka iindwendwe eziza kuhlala ixesha elide (iintsuku eziyi-28 nangaphezulu), uAirbnb udla ngokuthumela ingeniso kanye ngenyanga, ukuqalisa kwiiyure eziyi-24 emva kokufika kondwendwe lwakho.

    Ungahlola ukuba kumaxa ndawoni ukubhatalwa kwakho Kwingxelo Yemali Engenayo Nephumayo nanini na.

    Inkcazelo ekweli nqaku isenokuba itshintshile emva kokuba lipapashiwe.

    Izinto eziphambili

    Airbnb
    12 Feb 2020
    Ngaba oku bekuluncedo?