Iimvume Ezintsha Zomntu Okuncedisayo nokubhatalwa lula

Lawula izinto Umntu Okuncedisayo anokukwazi ukuzenza, uze wahlulelane ngemali oyibhatalwayo kuAirbnb.
Ngu-Airbnb nge-11 Jun 2024
Lifundeka ngemizuzu eyi-2
Ihlaziywe nge-11 Jun 2024

Umyalezo womhleli: Eli nqaku lipapashwe njengenxalenye Yezintsha NgoMeyi ZeAirbnb 2023. Inkcazelo isenokuba itshintshile emva kokuba lipapashiwe. Funda ngemveliso yethu yakutshanje.

Ukuba Nombuki Zindwendwe Oncedisayo kunokwenza ukwamkela iindwendwe kungachithi xesha lakho elininzi uze ukonwabele ngakumbi. Angaba ngummelwane, lilungu lentsapho, umhlobo, okanye umntu omqeshileyo. Abantu Abakuncedisayo banokukunceda ulawule ikhalenda yakho, ulungise indlu yakho uze uphendule iindwendwe.

Usichazele ukuba ufuna ukukwazi ukugqiba ukuba zeziphi iimvume Ababuki Zindwendwe Abancedisayo abanokuba nazo kwindlu yakho uze wahlulelane ngemali oyibhatalwayo xa ubhukishwa, ngokuthe ngqo kuAirbnb. Sizilungisile izixhobo zethu Zababuki Zindwendwe Abancedisayo ukuze kube lula ngakumbi ukubuka iindwendwe.

Ukufumana izixhobo zakho zokuncedisa ekubukeni iindwendwe

Yiya kwithebhu Yezindlu uze ukhethe indlu. Yiya kwicandelo Lababuki Zindwendwe Abancedisayo ukuze ufumane inkcazelo Ngababuki Zindwendwe Abancedisayo, usete iimvume zabo, uze ubeke imali abamele bayibhatalwe.

Unokukwazi nokumema Ababuki Zindwendwe Abancedisayo abatsha. Ukuze bamkele isimemo sakho, kufuneka bavule iakhawunti ka-Airbnb.

Mema Umbuki Zindwendwe Oncedisayo, usete iimvume zakhe, uze wenze isimemo sakho silungele wena kwicandelo elintsha Lababuki Zindwendwe Abancedisayo.

Ukuseta iimvume Zababuki Zindwendwe Abancedisayo

Xa umema Umbuki Zindwendwe Oncedisayo, uza kucelwa ukuba ukhethe ukuba yintoni anokukwazi ukuyenza ukuze akuncede ulawule indlu yakho. Izinto onokukhetha kuzo ziquka: 

  • Ukufumana zonke iimvume, ukulawula ikhalenda nendlu, ukususa nokubeka iimvume zabanye Ababuki Zindwendwe Abancedisayo, ukuthumela imiyalezo kwiindwendwe, ukujonga imali oyibhatalwayo nengxelo yemali engenileyo nephumileyo, ukuthumela nokulawula izicelo zokubuyiselwa imali egameni lakho Kwiziko Lezemali naphantsi kweInshorensi yomonakalo Yombuki Zindwendwe*

  • Ukungena kwikhalenda nakwimiyalezo, ukujonga ikhalenda nokuthumelela iindwendwe imiyalezo 

  • Ukungena kwikhalenda, ukujonga ikhalenda neenkcukacha zokubhalisa xa kufikwa nezokuphuma 

Bonke Ababuki Zindwendwe Abancedisayo baza kuvela Njengababuki Zindwendwe Abancedisayo kwindlu yakho, ngaphandle kwabo bakwazi ukungena kwikhalenda kuphela. Ababuki Zindwendwe abancedisayo abanazo zonke iimvume banokuzibeka njengababuki Zindwendwe abaphambili kwindlu, okanye ungakhetha ukubabeka ngokwakho. Ungatshintsha iimvume Zababuki Zindwendwe Abancedisayo nanini na.

Ukwahlulelana ngemali ebhatalwayo Nababuki Zindwendwe Abancedisayo kuAirbnb

Ungakhetha ukwahlulelana ngenxalenye yemali yakho Nombuki Zindwendwe Oncedisayo omnye okanye abangakumbi. Emva kokuba ufake imali omele uyibhatalwe oza kwahlulelana ngayo aze noMbuki Zindwendwe Oncedisayo aqinisekise, uza kubhatalwa imali yokubhukisha emva kokuba iindwendwe zingenile. Kwezinye iindawo kusebenza imiqathango yokwahlulelana ngemali oyibhatalwayo. Fumana iinkcukacha ezingakumbi

Ezi zixhobo zokuncedisa ekubukeni iindwendwe ziyinxalenye Yezinto Ezintsha KuMeyi 2023 zakwa-Airbnb, ezinezinto eziyi-25 eziphuculiweyo Zababuki Zindwendwe.

Lawula iimvume Zombuki zindwendwe oncedisayo nokubhatalwa

Zilungise ngoku

Inkcazelo ekweli nqaku isenokuba itshintshile emva kokuba lipapashiwe.

*Ababuki Zindwendwe Abancedisayo bezindlu eziseJapan abakwazi ukwenza, ukulawula okanye ukulungisa izicelo zezinto ezonakeleyo okanye ezilahlekileyo Kwiziko Lezemali okanye izicelo zokubuyiselwa imali phantsi kweInshorensi yokukhuselwa kombuki zindwendwe kumonakalo egameni Lababuki Zindwendwe.

I-Inshorensi yokukhuselwa kombuki zindwendwe kumonakalo ayiyopolisi yeinshorensi. Ayibakhuseli Ababuki Zindwendwe abaneendawo zokuhlala eJapan, apho kusebenza i-Inshorensi Yababuki Zindwendwe baseJapan. Kubabuki Zindwendwe abaneendawo zokuhlala kwimimandla yaseTshayina, kusebenza i-Inshorensi Yokukhusela Ababuki Zindwendwe baseTshayina. Zonke iimali zezinto ezikhuselwayo zichazwe ngokweedola zaseMerika.

Kwizindlu eziseWashington state, izinto ezifuneka kuAirbnb phantsi kweInshorensi yokukhuselwa kombuki zindwendwe kumonakalo zibhatalelwa yipolisi yeinshorensi ethengwe nguAirbnb. 

I-Inshorensi Yokukhuselwa kombuki zindwendwe kumonakalo inemimiselo, imiqathango nezinto engazibhataleliyo ngaphandle kwakuBabuki Zindwendwe abahlala okanye abanendawo yokuhlala eseOstreliya. Kubabuki Zindwendwe abanjalo, i-Inshorensi yokukhuselwa kombuki zindwendwe kumonakalo ixhomekeke kule mimiselo, kule miqathango nezi zinto zingabhatalelwayo.

Inkcazelo ekweli nqaku isenokuba itshintshile emva kokuba lipapashiwe.

Airbnb
11 Jun 2024
Ngaba oku bekuluncedo?