Qhubeka uye phambili ukuze ufikelele kwiziphumo ezicetyisiweyo

    Ukubeka imali yakho yokucoca

    Ukutshintsha imali yakho ngokwentsuku ezahlukeneyo eziza kuhlalwa kunokukunceda ukhuphisane namanye.
    Ngu-Airbnb nge-9 Nov 2021
    Lifundeka ngemizuzu eyi-2
    Ihlaziywe nge-17 Nov 2021

    Izinto eziphambili

    Siyaqonda ukuba ukubeka ixabiso lakho yenye yezinto ezinzima xa ubuka iindwendwe. Ukulibeka kakuhle kunokwenza umahluko ekubeni uza kubhukishwa okanye ungabhukishwa. Ixabiso lakho losuku, nazo naziphi na ezinye iimali ezongezelelekileyo, kufuneka zihambiselane kakuhle nokubhatalela iindleko zakho zokubuka iindwendwe nokufanelekela izinto eziza kufunyanwa zindwendwe zakho.

    Ukuze ukwazi ukuyenza kakuhle le nto, ubuyazi ukuba unokubeka imali yakho yokucoca ngokusekelwe kwixesha undwendwe eliza kulihlala?

    Faka imali yokucoca kwindlu yakho

    Imali yakho yokucoca ngokuqhelekileyo ibhatalela ukuqoqosha olindele ukukwenza emva kokwamkela naluphi na undwendwe, njengokondlula iibhedi ngezinto zebhedi ezicocekileyo, ukusula iitafile nezinye iindawo nokucoca iisinki namathobhi. Imali yokucoca inokukunceda ubhatalele ukucocelwa yinkampani yokucoca nokuthenga izinto zokucoca.

    Kuxhomekeke kwindlela okhetha ukulibeka ngayo ixabiso, ungakhetha ukwenza neyiphi na (okanye ungenzi nenye) kwezi zinto zilandelayo:

    • Ukufaka imali enye yokucoca kuzo zonke iindwendwe, nokuba ziza kuhlala ixesha elingakanani
    • Ukufaka imali yokucoca ephantsi xa kuza kuhlalwa ixesha elifutshane njengosuku oluyi-1 okanye eziyi-2, nokugcina ixabiso lakho elifanayo kuzo zonke ezinye iintsuku eziza kuhlalwa
    • Faka imali yesilwanyana sasekhaya ukuze ubhatalele iindleko zokucoca xa ubuka iindwendwe ezinezilwanyana zasekhaya

    Imali yokucoca ayifumaneki Kubabuki Zindwendwe abaneendawo zokuhlala kwimimandla yaseTshayina.

    Ukuzilungiselela ukuze uphumelele

    Kubalulekile ukulawula izinto ezilindeleke ukuba ziqukwe kwixabiso lakho lokucoca nezinto (ukuba zikhona) ocela ukuba zizenze iindwendwe. Ungathanda ukuba iindwendwe zifake izitya ezimdaka kumatshini wokuhlamba izitya, okanye zisuse izinto zebhedi ebhedini ngaphambi kokuba zihambe? Ukuba kunjalo, cinga ngokubiza imali yokucoca encinci kakhulu—okanye ungayibizi kwayona.

    Xa ubiza imali eninzi, iindwendwe zisenokulindela ukuphuma kwindlu yakho ngendlela ebeziza kuphuma ngayo kwigumbi lasehotele.

    Kwimeko enqabileyo yokuba indawo okanye izinto zakho zonakaliswe lundwendwe ngoxa lusahleli, IAirCover ikhusela Ababuki Zindwendwe kumonakalo nge$1 miliyoni, kuquka ukucoca okungalindelekanga. Ungacela ukubuyiselwa imali Kwiziko lethu Lezemali.

    Ezinye izinto ofanele uzikhumbule xa ufaka imali yokucoca:

    • Zimisele ukuba imali yokucoca uyisebenzisele ukubhatala iindleko zokucoca—kungekhona ukuzenzela imali engakumbi
    • Ukuba umtsha ekubukeni iindwendwe, khawucinge ngokuma kancinci ngokubiza imali yokucoca de ube nezimvo ezintle ezimbalwa eziza kutsala abantu ukuba babhukishe

    I-inshorensi yomonakalo yombuki zindwendwe ayiyo ipolisi yeinshorensi. Ayibakhuseli Ababuki Zindwendwe ababuka iindwendwe kwiindawo ngoAirbnb Travel, LLC, or okanye Ababuka Iindwendwe kwimimandla yaseTshayina okanye eJapan. Ukhumbule ukuba yonke imida yokukhuselwa ichazwe ngokweedola zaseMerika ibe kukho eminye imimiselo, imiqhathango nezinto ezingaqukwanga.

    Inkcazelo ekweli nqaku isenokuba itshintshile emva kokuba lipapashiwe.

    Izinto eziphambili

    Airbnb
    9 Nov 2021
    Ngaba oku bekuluncedo?