Qhubeka uye phambili ukuze ufikelele kwiziphumo ezicetyisiweyo

    Ukuqonda iisetingi zekhalenda nezokubhukisha

    Faka ixesha ofumaneka ngalo uze uncede ufumane ukubhukishwa okufunayo.
    Ngu-Airbnb nge-1 Dis 2020
    Lifundeka ngemizuzu eyi-2
    Ihlaziywe nge-26 Aga 2021

    Izinto eziphambili

    • Gcina indlu yakho isexesheni ukuze ubhukishwe ngendlela oyifunayo nangexesha ofuna ngalo

    • Dibanisa iikhalenda zakho ukuze uphephe ukurhoxa nokohlwaywa

    • Lungisa iisetingi zekhalenda yakho

    • Fumana okungakumbi kwisikhokelo sethu esipheleleyo sokufaka indlu eza kuphumelela

    NjengoMbuki Zindwendwe, iisetingi zekhalenda yakho nezokubhukisha zikwenza ulilawule ngokupheleleyo ixesha oza kwamkela ngalo iindwendwe nokuba uzamkela qho kangakanani—enoba kungeempela-veki ezimbalwa ngonyaka, ngosuku ngalunye okanye ngelinye ixesha. Ukuzazi kakuhle ezi zixhobo zimbini kunokukunceda uliqhube lula ngakumbi ishishini lakho lokubuka iindwendwe—uze uzenze zonwabe neendwendwe zakho.

    Ikhalenda esexesheni ikwakunceda uphephe ukurhoxisa ukubhukisha—into enokuphumela ekubeni wohlwaywe zize neendwendwe zakho zingabi nexesha elimnandi. Nantsi indlela yokuseta iisetingi zekhalenda nezokubhukisha eziza kukulungela wena nendlu yakho:
    Ndisebenzisa iisetingi zekhalenda yam nezokubhukisha ukuze ndenze uhlobo lwendlu endiye ndiyikhangele xa ndinohambo—indlu endinokuyibhukisha ngokukhawuleza ndize ndingene kuyo kwangethuba.
    Kevino,
    EMexico City, eMexico

    Ukuseta iintsuku ofumaneka ngazo

    NjengoMbuki Zindwendwe kubalulekile ukugcina ikhalenda yakho isexesheni—xa uneentsuku ezininzi ofumaneka ngazo, neendwendwe ziza kuba neentsuku ezininzi ezinokukhetha kuzo.

    Ukukunceda ube neentsuku ezininzi ofumaneka ngazo kwiindwendwe zibe kwangaxeshanye zikulungele nawe, senze izinto ozithandayo zokubhukisha onokuzilungiselela wena. ISuperhost uKevino usebenzisa ezi zinto ukuze:

    • Asete ixesha lokubhukisha elingazivumeliyo iindwendwe ukuba zibhukishe ngaphezulu kweenyanga eziyi-3 kwixesha elizayo. “Le nto indinceda ndililawule ngakumbi ixabiso lam njengoko unyaka uhamba ukuze ndiqinisekise ukuba lihlala lukhuphisana namanye.”
    • Azivale ngokwakhe iintsuku azilungiselele intsapho okanye abahlobo abaze kumbona. “Ndinazo nezinye iindwendwe ezithanda ukubuya nyaka ngamnye ngexesha elifanayo, ngoko amaxesha amaninzi ndiye ndizivale ezo ntsuku.”
    • Abeke ixabiso ngokusekelwe ekufunweni kweendawo kulo ngingqi. “Ndidla ngokubiza imali engakumbi ngo-Oktobha nangoNovemba, iinyanga ezilixesha elixakekileyo eMexico City ngenxa yamatheko amaninzi aye enziwe. Wonke umntu ufuna ukuba lapha ngeDay of the Dead!”
    • Abeke amaxesha athile okubhalisa xa kufikwa nawokuphuma. “Iindwendwe zingaqalisa ukubhalisa xa zifika ukususela ngo-2:00 emva kwemini zize ziphume nanini na ngaphambi ko-12:00 emva kwemini—ndifuna iindwendwe zam zizive ngathi zinexesha lokuphola zize zifumane isidlo sakusasa ngaphambi kokuba zihambe. Ndinayo nendawo etshixwayo apho iindwendwe zinokubeka khona iibhegi zazo ukuba zisafuna ukuhlala esixekweni emva kwexesha lokuphuma.”

    Ungasebenzisa izinto ozithandayo zokubhukisha ukuze:

    • Ukhethe ixesha olifunayo ukuze ulungiselele iindwendwe. Ngokomzekelo, abanye Ababuki Zindwendwe abakuvumeli ukubhukisha kwangolo suku okanye usuku olulandelayo kuba bafuna ixesha elingakumbi lokulandela inkqubo yokucoca ephuculiweyo enamanyathelo ayi-5.
    • Usete elona xesha lifutshane nelona xesha lide linokuhlalwa. Abanye Ababuki Zindwendwe bafuna kuhlalwe ubuncinane iintsuku ezimbini, ngoxa abanye befuna kuhlalwe ubuncinane iveki okanye ngaphezulu ngexesha elixakekileyo kwiingingqi zabo.
    • Udibanise ikhalenda yakho ka-Airbnb nezinye iikhalenda ezikwi-intanethi ukuze uqinisekise ukuba usoloko ukwazi ukubhukisha okuzayo.

    Ukukhetha indlela eziyibhukisha ngayo indawo yakho

    Iindwendwe zinokubhukisha indawo yakho ngenye kwiindlela ezimbini: ngokuVel' Ubhukishe okanye ngokuthumela isicelo sokubhukisha.

    Uvel' Ubhukishe uvumela iindwendwe ezizifikelela zonke izinto ozifunayo nezivumelanayo nemithetho yekhaya lakho ukuba ziyibhukishe kwangoko indawo yakho nangeziphi na iintsuku ezifumanekayo. Ababuki zindwendwe abasebenzisa esi sixhobo badla ngokuphawula ukunyuka kokubhukishwa ngenxa yendlela ekulula ngayo ukuba iindwendwe zibhukishe.*

    Ndenza uvavanyo apho ndaqala ndafaka indlu yam inesetingi yokufaka isicelo sokubhukisha ndaza emva koko ndavula Uvel' Ubhukishe. Xa kukho Uvel' Ubhukishe, ndabhukishwa ngakumbi.
    Kevino,
    EMexico City, eMexico

    Ukuthumela isicelo sokubhukisha kudla ngokuthandwa ngaba Babuki Zindwendwe:

    • Ixesha abafumaneka ngalo alazeki kwangaphambili ncam
    • Abaneendawo ezinezinto ezikhethekileyo, njengezinto zakudala kakhulu, abafuna ukuzichazela iindwendwe ngaphambi kokuba zibhukishe
    • Abaneendawo zeendwendwe ezifuna ukuhlala iintsuku eziyi-28 nangaphezulu

    Ezi zisetingi nje ezimbalwa kwezininzi esinethemba lokuba ziza kukunceda ulawule ngakumbi ixesha nendlela indawo yakho ebhukishwa ngayo, ukuze ubuke iindwendwe ngendlela elungele wena.

    *Ngokwenkcazelo yethu kwa-Airbnb eqokelelwe phakathi kukaOktobha 2018 noMatshi 2020.

    Izinto eziphambili

    • Gcina indlu yakho isexesheni ukuze ubhukishwe ngendlela oyifunayo nangexesha ofuna ngalo

    • Dibanisa iikhalenda zakho ukuze uphephe ukurhoxa nokohlwaywa

    • Lungisa iisetingi zekhalenda yakho

    • Fumana okungakumbi kwisikhokelo sethu esipheleleyo sokufaka indlu eza kuphumelela

    Airbnb
    1 Dis 2020
    Ngaba oku bekuluncedo?