UAirbnb ngowomntu wonke

Nantsi indlela esakha ngayo uAirbnb ofikeleleka ngakumbi

Into esisebenzela kuyo

Sifuna ukwenza ukuhamba kungakhethi kuze kufikeleleke kumntu wonke. Lo msebenzi awupheli, kodwa nantsi indlela esiwenza ngayo ukuza kutsho ngoku.

Ukuphuculwa kokuchana

Amaxesha amaninzi iindwendwe ezidinga iindlela zokungena zixhomekeke kwiifoto ukuze ziqinisekise ukuba indlu iza kuzilungela. Yiyo loo nto sifuna ukuba ababuki zindwendwe bafake iifoto zazo zonke iindlela zokungena abanazo, ibe yiloo nto izindlu zinendawo ekhethekileyo yokuveza ezi foto.

Imigangatho yokufikeleleka kwi-intanethi

Sisebenzela ekuhambiselaneni nemigangatho yokufikeleleka kwi-intanethi echazwe kwi-Web Content Accessibility Guidelines. Sithenga nezixhobo zokuvavanya ngokuzenzekelayo ukuze sibhaqe iingxaki ezingakumbi.

Izindlu ezingakumbi ezineendlela zokungena

Sisebenza nzima ukuze sibe nezindlu ezingakumbi ezineendlela zokungena kuAibrnb ibe senza kube lula ukuzifumana ngokuphucula iindlela zethu zokukhangela, kuquka izihluzi ekulula ngakumbi ukuzisebenzisa neefoto ezingcono kwiphepha leziphumo zokukhangela.

Izinto ezinokonwatyelwa ezifikelelekayo

Izinto ezinokonwatyelwa—ezifikeleleka ngakumbi ezikhokelwa zingcali zasekuhlaleni—ziyeza.

Amacebiso eendwendwe

Siyayazi ukuba ukufumana indawo yokuhlala okanye into enokonwatyelwa enezinto ozifunayo kunokuba nzima. Nanga amacebiso ambalwa okuqinisekisa ukuba uhambo lwakho luhamba kakuhle kangangoko kunokwenzeka.

Fumana indawo ekufaneleyo

Sebenzisa izihluzi zokukhangela ukuze uveze kuphela iindawo okanye izinto ezinokonwatyelwa ezineendlela zokungena ozifunayo. Xa ufumene izindlu ezimbalwa, yiya kwindawo ethi “Iindlela zokungena” kwindlu nganye uze ujonge iifoto neengcaciso zezinto ezibalulekileyo kuwe.

Thetha nabo basenokuba ngababuki zindwendwe

Ukuba unento ethile ekuxhalabisayo, qiniseka ukuba uthumelela umbuki zindwendwe umyalezo ngaphambi kokubhukisha ukuze uqiniseke ukuba uza kukwazi ukukwamkela. Ungawuthumela umyalezo wakho kwilinki ethi “Qhakamshelana nombuki zindwendwe” kwiphepha lendlu okanye into enokonwatyelwa yakhe.

Nceda ezinye iindwendwe

Yintoni obungathanda ukuyazi ngaphambi kokuba ubhukishe? Chazela iindwendwe ezidinga iindlela zokungena oko mazikulindele ngokubhala uluvo oluneenkcukacha.

Amacebiso ababuki zindwendwe

Nazi iindlela ezimbalwa onokunceda ngazo iindwendwe ezineziphene

Yenza kube lula ukungena kwindlu yakho

Kusenokwenzeka ukuba awuqondi ukuba indlu yakho sele inazo iindlela ezenza kungeneke lula—njengeminyango ebanzi—okanye ungazifaka ezinye zezi zinto ngaphandle kokusebenza kakhulu okanye iindleko. Funda ukuba ungazinceda njani iindwendwe ezingakwazi ukuhamba kakuhle.

Faka iifoto zeendlela zokungena

Faka iifoto zeendlela zakho zokungena ukuze ubonise ngendawo yakho kwiindwendwe ezingaphezulu kwe-70 000 ezidinga iindlela zokungena ezikhangela iindawo kuAirbnb nyanga nganye. Ukuze uqalise, yiya kwindawo ethi Lawula Indawo Yakho apho uza kuyifumana khona indlu ongathanda ukufaka kuyo iindlela zokungena. Qiniseka ukuba ubhala ingcaciso yefoto kwifoto nganye uze uhlole amacebiso ethu eefoto.

Funda ngezilwanyana ezincedayo

Izilwanyana ezincedayo zinceda abantu abaneziphene ezahlukeneyo, ibe uAirbnb ineepolisi ezizivumelayo kwiimeko ezininzi. Funda indlela yokunceda iindwendwe ezinezilwanyana ezincedayo.

Ukufikeleleka kwa-Airbnb

Amaqela azinikeleyo

UAirbnb unamaqela azimisele ekuncedeni ukwenza iimveliso ezinokusetyenziswa ngumntu wonke. Iinjineli nabantu abahombisa izindlu kula maqela zisebenzela ukuphucula iinkqubo zokuhombisa zika-Airbnb zize zifundise abanye njengoko sifunda kwintsapho yethu.

Uphando oluqhubekayo

Senza uphando kubantu abaneziphene kwaye sisebenzisana qho neengcali ezijongene nokufikeleleka ukuze zisincede sakhe uAirbnb obacingelayo abantu ekusenokuba nzima ukufikelela kwiindawo ezithile kubo. Funda okungakumbi about participating in a research study.

Imibuzo edla ngokubuzwa

Ndingazisebenzisa njani izihluzi zokukhangela?

Sebenzisa izihluzi zokukhangela ukuze unciphise onokukhetha kuzo xa ukhangela indawo yokuhlala. Ungazisebenzisa ezi zihluzi ukuze uveze kuphela izindlu ezineendlela zokungena ezithile. Funda okungakumbi

Ndingazinceda njani iindwendwe ezineziphene?

Indawo yakho kusenokwenzeka ifikeleleka ngakumbi kunokuba ucinga. Qala ngokuhlola uludwe lwethu lweendlela zokungena onokuzifaka kwindlu yakho. Funda okungakumbi

Ndingenza njani ukuze ndibe ngumbuki zindwendwe?

Ukuba unendawo eneendlela zokungena, singavuya xa unokuba ngumbuki zindwendwe wakwa-Airbnb. Funda ngokuba ngumbuki zindwendwe