Ezintsha Ngo-Oktobha 2024

Ezintsha Ngo-Oktobha 2024

Ukwazisa Ngenethiwekhi Yababuki Zindwendwe Abancedisayo

Ngoku ungaqesha umbuki zindwendwe oncedisayo ukuze akuncedise. Ngaphezu koko, fumana iindlela ezingakumbi zokwenza kube lula ngakumbi ukubuka iindwendwe nokuceba uhambo.
Amakhadi eeprofayile zababuki zindwendwe abancedisayo, ngalinye linefoto, igama, indawo akuyo, umlinganiselo weendwendwe neminyaka yamava ombuki zindwendwe.

Ngoku ababuki zindwendwe abancedisayo abaphambili kwa-Airbnb bangakubukela iindwendwe

Izikrini zika-Airbnb ezibonisa iiprofayile ezahlukahlukeneyo zababuki zindwendwe abancedisayo ezinengxelo emfutshane, inani lezindlu zabo, umlinganiselo weendwendwe nenani leminyaka bebuka iindwendwe.
Qesha umntu onokusebenzisana naye wasekuhlaleni okumgangatho ophezulu ukuze ahoye indawo neendwe ndwe zakho. Ababuki zindwendwe abancedisayo ngababuki zindwendwe abanamava abanengxelo esemagqabini kuAirbnb.

Fumana umbuki zindwendwe oncedisayo ofanelekileyo, kwi-app

Izikrini zika-Airbnb ezibonisa iiprofayile ezahlukahlukeneyo zababuki zindwendwe abancedisayo ezinengxelo emfutshane, inani lezindlu zabo, umlinganiselo weendwendwe nenani leminyaka bebuka iindwendwe.
Khetha umbuki zindwendwe oncedisayo, bona amava akhe, niqalise ukusebenza kunye uze ulawule ukubhatalwa—yonke le nto kwindawo enye.

Ababuki zindwendwe abancedisayo banokwenza into enye okanye yonke into

Ukwenza indlu yakho
Ukufota iifoto zendlu
Ukubeka amaxabiso neentsuku ofumaneka ngazo
Ukuthumela imiyalezo kwiindwendwe
Ukulawula ukubhukisha kwakho
Ukunceda iindwendwe ukwindawo ubuqu
Coca uze uhoye indawo yakho
Ukulungisa nokuhombisa indlu ngaphakathi
Ukufumana iimvume zokubuka iindwendwe
Izinto ezifumanekayo ezikhethekileyo
 

Izinto ezilungisiweyo ezingakumbi zokukunceda ubuke iindwendwe

Ingeniso yakho, ngoku enenkcazelo eluncedo ngakumbi

Izikrini zika-Airbnb ezibonisa ideshibhodi yengeniso zize zikubonise amanyathelo okwenza ingxelo ekhethekileyo.
Yenza iingxelo zengeniso ezikhethekileyo, uzihluze ngokohlobo lwengeniso uze uyibone lula imali oza kuyibhatalwa ezayo.

Zifikile izinto ezilungisiweyo zemiyalezo

Izikrini zika-Airbnb ezibonisa incoko yemiyalezo phakathi kombuki zindwendwe nondwendwe neethempleyithi ezintsha zeempendulo ezikhawulezayo onokukhetha kuzo.
Ncokola ngendlela esebenza ngakumbi ngeempendulo ezikhawulezayo ezintsha, iimpendulo ezikwincoko, ukulungisa nokubuyisa umyalezo osele uthunyelwe.
 

Ukuceba uhambo okwenzelwe wena

Ukukhangela okuqala ngendawo ofuna ukuya kuyo

Izikrini zika-Airbnb ezibonisa indlela yokukhangela eyenziwe ngokutsha neendawo ezintsha ezicetyiswayo, nemephu enamacebiso okukhangela afanelekileyo neendawo ezibangela umdla ezikufuphi.
Nciphisa indlela okhangela ngayo ngeendawo ezicetyiswayo, izindlu ezibukwe kutshanje, neendawo ezibangela umdla kwiimephu.

Izihluzi ezintsha, zonke zilungiselelwe wena

Izikrini zika-Airbnb ezibonisa indlela yokusebenzisa izihluzi ezilungisiweyo nezihluzi ezintsha ezicetyiswayo.
Ngoku kukho izihluzi ezicetyiswayo ngokusekelwe kwindlela ohamba ngayo. Kwaye izihluzi ezenziwe ngokutsha zifakwa zize zisuswe ngokukhawuleza.

Izinto eziphambili ezenzelwe wena zikunika yonke inkcazelo

Izikrini zika-Airbnb ezibonisa iphepha lendlu, emva koko liye ezantsi ukuze ubone izinto ezintsha eziphambili ezenzelwe wena.
Kulula ukuthelekisa iindawo ngezinto eziphambili ezintsha ezizezona zibalulekileyo kuwe, njengezinto ezinokusetyenziswa ezifunekayo nezinto ezikufuphi.

Ezo zizinto zethu Ezintsha Ngo-Oktobha

Indlela umntu oyisebenzisayo avakalelwa ngayo isenokwahluka ngokwengingqi.
Ababuki zindwendwe abakwiNethiwekhi Yababuki Zindwendwe Abancedisayo badla ngokuba nemilinganiselo ephezulu, amaxabiso okurhoxa aphantsi, namava okubuka iindwendwe kuAirbnb. Imilinganiselo isekelwe kwizimvo zeendwendwe zezindlu ababuka kuzo iindwendwe okanye abangababuki zindwendwe abancedisayo kuzo ibe isenokungazimeli iinkonzo ezikhethekileyo zombuki zindwendwe oncedisayo.
Inethiwekhi Yababuki Zindwendwe Abancedisayo ixhaswa nguAirbnb Global Services Limited, nguAirbnb Living LLC, nanguAirbnb Plataforma Digital Ltda. Ifumaneka kwiindawo ezithile kuphela. Funda okungakumbi.