Iqumrhu Labacebisi Lababuki Zindwendwe
Eli Qhumrhu iquka Ababuki Zindwendwe abayi-23 emhlabeni wonke abamela ilizwi lentsapho yethu Yababuki Zindwendwe.
Dibana namalungu
Ukuthanda kwabo ukubuka iindwendwe, ukunceda kwabo kwiintsapho zasekuhlaleni neembono ezikhethekileyo kunceda ekuphuculeni ukonwatyelwa kuka-Airbnb Ngababuki Zindwendwe.
Dandara Buarque
Ndiyinkokheli Yentsapho Nonozakuzaku oyiSuperhost eMaceió, eBrazil. Ndimthanda kakhuIu uAirbnb kuba undenza ndikwazi ukuba neencoko ezinentsingiselo nabantu abaninzi abaneenenkcubeko ezahlukeneyo.
Dolly Duran
Ndaqalisa ukubuka iindwendwe kwisitudiyo esincinci ekhayeni lam eliseFlorida ngo-2017 ukuze ndincedise ekubhataleni ityala lendlu. Ndinceda kwizindlu ezininzi ibe ndikwanguye noNozakuzaku oyiSuperhost, ndinceda Ababuki Zindwendwe abatsha baqalise.
Rachel Melland
Iphantse ibe yiminyaka elishumi ndaqalisa ukubuka iindwendwe kwiintente ezikwifama yethu Kwipaki Yelizwe eseEngland’s Peak District, kodwa ndisakuthanda nangoku ukubona iindwendwe zivuya xa zifika. Ndikwangunozakuzaku oyiSuperhost.
Annik Rauh
Ekubeni indlu yam ka-Airbnb kwisiqithi saseJamani iRügen ikwiikhilomitha eziyi-400 ukusuka kwidolophu yasekhaya iBrandenburg an der Havel, ndiyakuthanda ukwenza iindwendwe zibe nexesha elimnandi ndingekho mna. Ukunxibelelana neendwendwe akuphelelanga nje ekusebenziseni amagama!
Buka iprofayileJue Murugu
Ukubuka iindwendwe ndikuthande ukususela ngo-2015! Ndiyinkokheli Yentsapho Nonozakuzaku oyiSuperhost eNairobi, ibe ndiyavuya ukubona abanye babantu endibancedileyo basiba ziSuperhost.
Buka iprofayileKatie Mead
Ndakuqala ngo-2014 ukonwabela ukuba nguMbuki Zindwendwe. Njengonozakuzaku oyiSuperhost Nenkokheli Yentsapho, ndiye ndanceda Ababuki Zindwendwe basekuhlaleni ndaza ndalwela imithetho esengqiqweni eLake Arrowhead, eKhalifoniya.
Buka iprofayileKeshav Aggarwal
Ngo-2019, ndaqalisa ukubuka iindwendwe kwinto enokonwatyelwa yobugcisa yasesitratweni yakwa-Airbnb eDelhi, eIndiya ibe ndisandul 'ukuqalisa into etsha yokubuka iindwendwe kwiindawo ezikhethekileyo, ezenziwe ngomhlaba. Njengenkokheli Yentsapho Kwizinto Ezinokonwatyelwa, ndiyakuvuyela ukwakha ubuhlobo nabantu abaneenkcubeko ezahlukeneyo.
Buka iprofayileMauricio Bernal Cruz
Njengomntu ozingcayo ngokuba ngowaseMexico Nenkokheli Yentsapho, ndiyixabisa gqitha indawo endihlala kuyo, ibe ndiyakuthanda ukukhuthaza abanye ukuba bazive besekhaya. Ndibe nguMbuki Zindwendwe ka-Airbnb ukususela ngo-2019.
Buka iprofayileRie Matsumura
Ndiyazingca ngokuba ndiye ndamkela iindwendwe ezineenkcubeko ezahlukeneyo eziza eOkinawa, eJapan ukususela ngo-2016. Ndisebenze Njengenkokheli Yentsapho ukususela ekuqaleni, ndisebenzela ukwandisa amathuba okubuka iindwendwe kwesi siqithi.
Buka iprofayileSarah Huang (Yang-Fen)
Ndaba nguMbuki Zindwendwe eAdelaide, eOstreliya ngo-2016. Ngoku Ndingunozakuzaku oyiSuperhost Nenkokheli Yentsapho enentetho yakwa-Airbnb endizenzele yona ethi: “Ukufunda kwabanye, ukwabelana nabanye, ukusebenzela abanye.”
Buka iprofayileTatiya Uttarathiyang
Ndiyinkokheli Yentsapho eThailand ibe ndiyayithanda indlela uAirbnb awenza ube mncinci ngayo umhlaba. Ndiqale ukubuka iindwendwe ngo-2013 njengento nje yokuzonwabisa, ibe ngoku ndinguMbuki Zindwendwe noMbuki Zindwendwe Oncedisayo kwiindawo Nezinto Ezinokonwatyelwa isigxina.
Buka iprofayileMarielle Térouinard
Ukubuka iindwendwe kukwenza wazi ihlabathi lonke, ibe kum, loo nto iyamangalisa. Ndijoyine uAirbnb ngo-2013 kwilali encinci ekufutshane neChartres, eFransi, ibe ngoku Ndiyinkokheli Yentsapho nevolontiya.
Buka iprofayileClaudia Pattarini
Ukususela ekuqaleni kwam ukubuka iindwendwe ngo-2015, ndaseka iqela Lentsapho yakwa-Airbnb yaseLake Como nabanye Ababuki Zindwendwe baseItali. Ndiza nokungakhethi mntu, ukwenza izinto zingabizi nokuhlonipha indalo ekubukeni iindwendwe.
Buka iprofayileDaniel Chamillard
Ndiqale ukubuka iindwendwe ngo-2012 ibe ngoku ndikuthanda kakhulu! NjengoNozakuzaku oyiSuperhost eSpeyini, ndikhuthaza abantu ukuba babe yinxalenye yale nto imnandi.
Buka iprofayileDeirdre Gower
Ndiqale ukubuka iindwendwe Kwizinto Ezinokonwatyelwa zakwa-Airbnb ngo-2014. NdiyiNkokheli Yentsapho eKapa, eMzantsi Afrika ibe ndikhuthaza kakhulu ukuhamba okulungele wonke umntu.
Jonga iprofayileDelphine Bresson
Ukususela ngo-2020, ndiye ndamkela iindwendwe kwilali ekufutshane eFontainebleau Forest eFransi. Njengenkokeli yentsapho yam, ndisoloko ndikhangela iindlela zokukhuthaza ukuhamba ngendlela ekhusela indalo.
Buka iprofayileFelicity Stevens
Ndineminyaka engaphezu kwelishumi ndisamkela iindwendwe kwindawo yethu eSydney. Ndiyakuthanda ukunciphisa imiphunga engcolisayo, ukugcina izinto eziluncedo nokunciphisa inkcitho.
Buka iprofayileJennifer Schnier
Ndiqale ukubuka iindwendwe ngo-2018 kwiGeorgian Bay Biosphere yaseKhanada, elona chwebakazi elinamanzi acocekileyo elikhulu emhlabeni wonke. Ndenza Into Enokonwatyelwa yohambo olungangcolisi indalo ibe ndibonisa ngeendlela zokungangcolisi indalo kwiindwendwe ezisemhlabeni wonke.
Buka iprofayileKirk Brown
Ndaqalisa ukuba ngumbuki zindwendwe oncedidsayo ngo-2020 nomhlobo wam eAtlanta ibe saba ziSuperhost ezenza ingeniso kungekudala emva koko. Ndikwanceda ndize ndixhase Ababuki Zindwendwe abatsha kule webhusayithi.
Buka iprofayileNadia Giordani
Ndaba nguMbuki Zindwendwe ngo-2016, emva kokwakha indlu yam encinci yokuqala. Ngoku ndixhasa enye indlu ibe kuyandivuyisa ukufumana ithuba lokudibana Nababuki Zindwendwe njengeNkokheli Yentsapho eAtlanta.
Buka iprofayileEnoch Choi
Ndaqala ukubuka iindwendwe ebudeni beOlimpiki Yasebusika ka-2018 ibe ndibe Ngumbuki Zindwendwe Nonozakuzaku ukususela ngoko. Ndipapashe incwadi yamacebiso namabali. Ndiyakuthanda ukunceda Ababuki Zindwendwe abadala kwizinto abazenzayo ukuze benze imali, ibe bangaphezu kwehafu Ababuki Zindwendwe bam abathi nabo bakhuthazwe ukuba benze loo nto nabo.
Buka iprofayileRonaldo Monge
Ndizalelwe ibe ndikhulele ePuerto Rico ibe ndaqala ukubuka iindwendwe ngo-2015 kwigumbi lam elingasebenziyo eChicago. Ngoku ndifundisa Ababuki Zindwendwe, Ababuki Zindwendwe Abancedisayo ibe ndiyiSuperhost enebhongo. Ndinazo Nezinto Ezinokonwatyelwa zakwa-Airbnb ezintlanu ezahlukeneyo.
Buka iprofayileYajaira Sosa
Ubomi bam bebunento yokwenza nokubuka iindwendwe kwakudala ngaphambi kokuba ndiqalise ukubuka iindwendwe kuAirbnb ngo-2015. Ndiyinkokheli Yentsapho eDominican Republic ibe ndisebenzisana nabanye Ababuki Zindwendwe.
Buka iprofayileImibuzo edla ngokubuzwa
Zintoni ekufuneka zenziwe Liqhumrhu?
Iqumrhu Labacebisi Lababuki Zindwendwe linceda ekwenziweni kweepolisi, iinkqubo neemveliso ezinento yokwenza Nababuki Zindwendwe.
LIsebenza njani noAirbnb?
Iqumrhu Labacebisi Lababuki Zindwendwe limela ilizwi lentsapho Yababuki Zindwendwe neenkokeli zakwa-Airbnb. Lithatha inxaxheba kwiiklasi zokufundiswa veki nganye kunye namaqela ahlukeneyo ka-Airbnb.
Likhethwa njani?
Ababuki Zindwendwe bakhethwe ngokusekelwe kumava abo, ukubuka kwabo iindwendwe okusemagqabini nendima abayidlalileyo kwiintsapho zabo.