Yenze ibe nguAirbnb.
Imali ongayenza
Yenze ibe nguAirbnb lula Ngokuqalisa KuAirbnb
Uncedwa uze uboniswe yiSuperhost uwedwa nayo
Siza kukudibanisa neSuperhost kwingingqi yakho, eza kukukhokela ukususela kumbuzo wakho wokuqala ukuya kundwendwe lwakho lokuqala—ngefowuni, ngokufowuna ngevidiyo okanye ngeencoko.
Undwendwe olunamava xa kubhukishwa okokuqala
Xa kubhukishwa okokuqala, ungakhetha ukwamkela undwendwe olunamava olukhe lwahlala kathathu ubuncinane luze lube nerekhodi entle kuAirbnb.
Uncedo olukhethekileyo oluvela kuAirbnb
Ababuki Zindwendwe abatsha bacofa kube kanye ukuze bakwazi ukufumana abantu Abanceda Intsapho abaqeqeshwe ngokukhethekileyo abanokunceda ngento yonke ukususela kwiingxaki zeakhawunti ukuya ekuncedeni ekubhataleni.
Ufuna indawo ongabuka kuyo iindwendwe?
Zama iiflethi ezilungele uAirbnb
UNani
Umhlali Nombuki Zindwendwe eDallas, TX
UJeff noAmador
Abahlali Nababuki Zindwendwe eSan Diego, CA
UBuddy
Umhlali Nombuki Zindwendwe eDenver, CO
Siye sabambisana nabantu bezakhiwo eziziflethi kuyo yonke iMerika ukuze ukwazi ukuqesha indawo yokuhlala uze uqeshishe ngayo kuAirbnb ngamanye amaxesha. Umbuki zindwendwe oqhelekileyo ufumene i-$3650 ngonyaka ibe wamkele iindwendwe iintsuku eziyi-28. *
*Imali eqhelekileyo yengeniso Yombuki Zindwendwe ibonisa umyinge wengeniso Yababuki Zindwendwe kwizakhiwo zeeflethi ezilungele uAirbnb zaseMerika phakathi kukaJan1 ukuya kuDisemba 31, 2023, ngokwenkcazelo ka-Airbnb yengeniso efunyanwa Ngababuki Zindwendwe.
Yenze ibe nguAirbnb ngokukhuselwa ngokupheleleyo
Airbnb | Abakhuphisana naye | |
---|---|---|
Ukuqinisekiswa kokuba lungubani undwendwe | ||
Inkqubo yethu yokuqinisekisa ejonga yonke into ihlola iinkcukacha ezifana negama, idilesi, isazisi sikarhulumente nezinye izinto ukuze iqinisekise ukuba zingoobani iindwendwe ezibhukisha kuAirbnb. | ||
Ukuhlolwa kokubhukisha | ||
Iteknoloji eyeyethu kuphela ihlola izinto ezininzi ekubhukisheni ngakunye ize ingakuvumeli ukubhukisha okuthile okubonisa amathuba aphezulu okuba kuza kubakho iipati eziphazamisayo nokonakaliswa kwendlu. | ||
Ukhuseleko lomonakalo lwe$3M yeedola zaseMerika | ||
UAirbnb ukubuyisela imali ngomonakalo owenziwe zindwendwe kwindlu yakho nakwizinto zakho ibe uquka ezi zinto nazo zikhuselwayo zikhethekileyo: | ||
Imizobo nezinto ezixabisekileyo | ||
Imoto nesikhephe | ||
Umonakalo owenziwe zizilwanyana zasekhaya | ||
Ukulahlekelwa yingeniso | ||
Ukucoca kugutyulwa | ||
I$1M yeedola zaseMerika yokubhatalela umonakalo | ||
Ukhuselwe kwimeko engaqhelekanga yokuba undwendwe lonzakale okanye izinto zalo zonakaliswe okanye zibiwe. | ||
Inombolo yokhuseleko esebenza oko | ||
Ukuba nanini na uziva ungakhuselekanga, kukho indawo oyicofa kube kanye kwi-app yethu ukuze ufumane abantu abaqeqeshelwe ukhuseleko ngokukhethekileyo, imini nobusuku. |
Ukuthelekisa kusekelwe kwinkcazelo kawonke-wonke nepapashwe simahla yimibutho ehamba phambili ekhuphisanayo efumaneka ukususela nge-22/10. Fumana iinkcukacha nezinto ezingaqukwanga apha.
Iimpendulo,
zemibuzo yakho
Indawo yam imfanele uAirbnb?
Iindwendwe zakwa-Airbnb zinomdla kuzo zonke iintlobo zeendawo. Sinezindlu ezincinci, izindlu zamaplanga, izindlu ezakhiwe emthini, nezinye. Negumbi elingasetyenziswayo linokuba yindawo entle yokuhlala.
Kufuneka ndibuke iindwendwe ngalo lonke ixesha?
Akunyanzelekanga—ikhalenda yakho ilawulwa nguwe. Ungamkela iindwendwe kube kanye ngonyaka, iintsuku ezimbalwa ngenyanga, okanye amaxesha amaninzi.
Ndimele ndidibane kangakanani neendwendwe?
Ixhomekeke kuwe. Abanye Ababuki Zindwendwe bakhetha ukuthumelela iindwendwe imiyalezo ngamaxesha abalulekileyo kuphela—njengokuthumela umyalezo omfutshane xa zifika—ngoxa abanye bekuvuyela ukudibana neendwendwe zabo ubuso ngobuso. Uza kufumana indlela eza kulungela wena neendwendwe zakho.
Athini amacebiso okuba Ngumbuki Zindwendwe ophum' izandla kuAirbnb?
Ukufumana izinto ezisisiseko kuhamba indima ende. Gcina indawo yakho icocekile, uphendule iindwendwe ngokukhawuleza, uze unikise ngezinto eziyimfuneko, njengeetawuli ezicocekileyo. Abanye Ababuki Zindwendwe bayakuthanda ukufaka nezinto abazithandayo, njengokufaka iintyatyambo ezintsha okanye ukuthumela uludwe lweendawo ezikufutshane ezinokubukwa—kodwa akunyanzelekanga.
Qhubeka ufunda ukuze ufumane amacebiso angakumbi okubuka iindwendwe
Zeziphi iimali zeAirbnb?
UAirbnb udla ngokuqokelela imali ebhatalelwa ukusebenzisa uAirbnb engatshintshiyo eyi-3% yemali epheleleyo yokubhukishwa xa ubhatalwa. Enye imali siyiqokelela kwiindwendwe xa zibhukisha. Kwiingingqi ezininzi, uAirbnb uqokelela aze abhatale irhafu yokuthengisa neyokhenketho ngokuzenzekelayo egameni lakho.
Funda okungakumbi ngeemali ezimele zibhatalwe