UAirbnb ubabhatalisa malini ababuki zindwendwe?

Ukuqonda imali ebhatalelwa ukusebenzisa uAirbnb kunokukunceda usete indlela yokubeka amaxabiso.
Ngu-Airbnb nge-16 Nov 2020
Lifundeka ngemizuzu eyi-2
Ihlaziywe nge-19 Sep 2024

Ababuki zindwendwe abaninzi babhatala i-3% yemali ebhatalelwa ukusebenzisa uAirbnb ekubhukisheni ngakunye. 

Imali oyibhatalela ukusebenzisa uAirbnb yipesenti ye:

  • Ixabiso lakho losuku lenani elipheleleyo leentsuku ezibhukishiweyo
  • Naziphi na iimali ezongezelelekileyo ezimele zibhatalwe ozifakayo, njengemali yokucoca okanye imali yesilwanyana sasekhaya

Imali oyibhatalela ukusebenzisa uAirbnb itsalwa ngokuzenzekelayo sihlandlo ngasinye ubhatalwa. Unokwahlulelana ngezinye iimali neendwendwe okanye ungayibhatala yonke ngokwakho.

Ixabiso elahlulahluliweyo

Le ndlela yokubhatala ezinye iimali yeyona ixhaphakileyo. Ababuki zindwendwe abaninzi abanendlu enye kuphela babhatala imali eyahlulahluliweyo eyi-3%.*

Iindwendwe ezininzi zibhatala ngaphantsi kwe-14.2% yemali epheleleyo yokubhukisha, kodwa izinto ezahlukahlukeneyo zinokuyenza ibe phezulwana. Ngokomzekelo, ukuba undwendwe lubhatala ngenye imali yelizwe kunaleyo ibekwe ngumbuki zindwendwe kuloo ndlu, lusenokubhatala imali engakumbi.

Imali emele ibhatalelwe ngumbuki zindwendwe kuphela

Le ndlela ayixhaphakanga. Ababuki zindwendwe babhatala yonke imali ebhatalelwa ukusebenzisa uAirbnb, ngokuqhelekileyo eyi-14% ukuya kwi-16% yemali epheleleyo yokubhukisha.**

Imali ebhatalwa ngababuki zindwendwe bodwa iyafuneka kwizindlu eziqhelekileyo ezibuka iindwendwe ezifana neehotele kunye neendawo ezinomntu oncedisayo. Kwakhona ubhatala imali ebhatalwa ngumbuki zindwendwe kuphela ukuba usebenzisa i-software yokulawula indlu ukuze ukonekthe kuAirbnb—ngaphandle kokuba uninzi lwezindlu zakho ziseMerika, eKhanada, eMexico, eBahamas, eArgentina, eUruguay okanye eTaiwan.

Ungakhetha ukubhatala imali ebhatalwa ngumbuki zindwendwe kuphela njengendlela yokubeka amaxabiso ukuba ungathanda ukwenza lula indlela elahlulahlulwe ngayo ixabiso elibonwa zindwendwe.

Imibuzo neempendulo ngemali oyibhatalela ukusebenzisa uAirbnb

*Abanye babhatala ngakumbi, kuquka abanye ababuki zindwendwe abanezindlu eItali.

**Ababuki zindwendwe abaneepolisi ezingqongqo kakhulu zokurhoxa basenokubhatala imali engakumbi, ibe imali ebhatalwayo xa kuza kuhlalwa iintsuku eziyi-28 okanye ezingakumbi isenokuba ngaphantsi.

Inkcazelo ekweli nqaku isenokuba itshintshile emva kokuba lipapashiwe.

Airbnb
16 Nov 2020
Ngaba oku bekuluncedo?