Qhubeka uye phambili ukuze ufikelele kwiziphumo ezicetyisiweyo

    Cela ukubuyiselwa imali

    Ukuba ufuna ukucela ukubuyiselwa imali ngaphambi okanye emva kohambo lwakho, izicelo zokubuyiselwa imali nokuba yimalini zenziwa Kwiziko Lezemali lethu.

    Sicebisa ukuba uthethe nombuki zindwendwe wakho ngemali ofuna ukubuyiselwa nokuba yimalini usebenzisa imiyalezo oyifumeneyo noyithumeleyo yakwa-Airbnb ngaphambi kokuba ufake isicelo Kwiziko Lezemali. Kodwa ke, ukuba nobabini anide nifikelele kwisivumelwano kwiiyure eziyi-72, uza kubona ukuba ungakhetha ukucela uAirbnb ukuba angenelele.

    Phawula: Uneentsuku eziyi-60 emva kosuku ophume ngalo zokuba ufake isicelo Kwiziko Lezemali.

    Ukuba unengxaki ebudeni bexesha olihleliyo, ungathumelela umbuki zindwendwe wakho isicelo sokubuyiselwa imali. Ungacela ukubuyiselwa enye yemali yakho ukuba ufuna ukuqhubeka uhlale okanye ungacela umbuki zindwendwe wakho ukuba akubuyisele yonke imali yakho ukuba kubhetele ukurhoxise ukubhukisha kwakho.

    Ngaba ulufumene uncedo obulufuna?