Dlulela kumxholo
    Qhubeka uye phambili ukuze ufikelele kwiziphumo ezicetyisiweyo

    Kutheni zirhoxisiwe nje Izinto Ezinokonwatyelwa zakwa-Airbnb endisa iindwendwe kuzo?

    NgoMatshi 11, 2020, uMbutho Wezempilo Wehlabathi (iWHO) ubhengeze ukuqhambuka kweCOVID-19 njengobhubhane wehlabathi lonke. Ngokusekelwe kwisikhokelo soorhulumente kunye neengcali zempilo yoluntu sokuba qelele kwabanye abantu, Izinto Ezinokonwatyelwa zakwa-Airbnb ziye zanqumamiswa ukususela ngoMatshi 18, 2020, kwaye ziza kuqhubeka zinqumamisiwe ubuncinane de kube ngoJuni 14, 2020 kumazwe amaninzi ukuze intsapho yethu ibe sempilweni ize ikhuseleke.

    Sikholelwa ukuba kuyimfuneko ukuthatha eli nyathelo lexesha elifutshane ukuze sibe negalelo ekunciphiseni ukusasazeka kwale ntsholongwane, size kangangexesha elide senze abantu bazithembe izinto ezinokonwatyelwa njengendlela yokudibana nabanye abantu ehlabathini lonke.

    Into eza kwenzeka ngokubhukisha

    Ukuba ubhukishele ixesha laphakathi kukaMatshi 18 noJuni 14, 2020, oko kubhukisha kuye kwarhoxiswa ngokuzenzekelayo. Iindwendwe zakho zibuyiselwe yonke imali yazo, kuquka imali yokusebenzisa uAirbnb. Iindwendwe ezibhukishileyo ziza kufumana ikuphoni ye$25 yokujoyina into enokonwatyelwa kwixesha elizayo.

    Ukubhukisha izinto ezinokonwatyelwa emva kukaJuni 14

    Iindwendwe zingabhukisha naliphi na ixesha elifumanekayo kwikhalenda yakho emva kukaJuni 14, 2020. UAirbnb uza kuqhubeka eyibeke esweni le meko ehlabathini lonke, kwaye siza kuyazisa intsapho yethu ukuba imeko iyatshintsha.

    Iipolisi zokurhoxisa Izinto Ezinokonwatyelwa zakwa-Airbnb

    Xa ziphinde zavunyelwa Izinto Ezinokonwatyelwa ze-Airbnb, ipolisi yokurhoxiswa kwezinto ezinokonwatyelwa iza kusebenza kuyo nantoni na erhoxiswayo. Ukurhoxiswa okunxulumene neCOVID-19 kuyaqwalaselwa phantsi kwepolisi yeemeko ongenakuzinceda. Hlola inqaku lethu leemeko ongenakuzinceda zeCOVID-19 ukuze ufunde ngeemeko ezinento yokwenza neCOVID-19.

    Ngaba ulufumene uncedo obulufuna?