Dlulela kumxholo
    Qhubeka uye phambili ukuze ufikelele kwiziphumo ezicetyisiweyo

    Ipolisi Yemeko Ongenakuyinceda iyasebenza kukubhukisha kwam ngexesha lobhubhane weCOVID-19?

    Icebiso: Kufuneka ufikelele iimeko ezithile ukuze urhoxise phantsi kwePolisi yethu Yemeko Ongenakuyinceda, kodwa ungarhoxisa nangokwepolisi yokurhoxa yombuki zindwendwe wakho. Ngoxa ukhangela iindawo zokuhlala, sebenzisa isihluzi esithi Ukurhoxa okubhetyebhetye ukuze sikuncede ukhethe indawo yokuhla ekulungeleyo.

    Inqaku lethu elisemthethweni liyichaza ngokweenkcukacha indlela iPolisi Yemeko Ongenakuyinceda esebenza ngayo xa kurhoxiswa ngenxa yeCOVID-19.

    Nalu ushwankathelo lokukunceda ubone ukuba ukubhukisha kwakho kuyafaneleka.

    Ukubhukisha kwakho kuyafaneleka ukuba zonke ezi zinto ziyinyani

    • Ubhukishe ngaphambi okanye nge 14 kaMatshi 2020
      • kwaye usuku lokungena lukwiintsuku eziyi-45 ezizayo ukususela namhlanje
      • ibe awukarhoxisi
      • kwaye awukabhaliseli ukufika
      • ibe ubhubhane ukwenza ungakwazi ukugqiba ukubhukisha kwakho

    Ukuba zonke ezi zinto ziyinyani, ungakurhoxisa ngokwakho kwaye uza kunikwa iindlela zokurhoxisa nokubuyiselwa imali onokukhetha kuzo xa urhoxisa. Ukuze urhoxise phantsi kwale polisi, kuza kufuneka ubonise ngobungqina bamaxwebhu okanye ungqine ukuba awukwazi ukukugqiba ukubhukisha kwakho ngenxa yeCOVID-19.

    Qaphela: Ukuba ugula yiCOVID-19, ungarhoxisa phantsi kwale polisi kungakhathaliseki ukuba zithini iinkcukacha zokubhukisha kwakho ngokuqhakamshelana neqela elinceda intsapho. Uza kucelwa ukuba ungqine oku ngamaxwebhu.

    Ukubhukisha kwakho akufaneleki ukuba urhoxisa ngenxa yeCOVID-19 ibe enye yezi zinto zilandelayo ziyinyani

    • Bekubhukishwe emva kwe-14 kaMatshi 2020 okanye
    • Usuku lokungena lukwiintsuku ezingaphezulu kweziyi-45 ukususela namhlanje okanye
    • Sele kurhoxisiwe okanye
    • Sele ubhalisele ukufika

    Ukuba awufaneleki uze urhoxise, imali oza kuyibuyiselwa iza kuxhomekeka kwipolisi yokurhoxa yombuki zindwendwe wakho ibe siza kukubonisa imali oza kuyibuyiselwa ngaphambi kokuba uqinisekise ukurhoxisa. Kule meko, imali emele ibhatalwe umbuki zindwendwe nemali emele ibuyiselwe kundwendwe ikhutshwa ngokwepolisi yokurhoxisa yombuki zindwendwe obuyamkele ngokuya ububhukisha.

    Qaphela: Xa ukubhukisha kurhoxiswa, uAirbnb unika umbuki zindwendwe nayiphi na imali amele ayibhatalwe aze abuyisele undwendwe imali olumele luyibuyiselwe ngokwepolisi yokurhoxisa yombuki zindwendwe. Ngenxa yeso sizathu, akuzukuqukwa ukubhukisha okurhoxiswe ngaphambi kokwaziswa kwepolisi okanye ukwandiswa kwexesha esebenza ngalo.

    Izinto ezongezelekileyo onokukhetha kuzo ukuba ukubhukisha kwakho akufaneleki

    Ukuba uhambo lwakho lunokutshintshwa, unokucinga ngokusebenzisana nombuki zindwendwe wakho ukuze utshintshe ukubhukisha kube ngelinye ixesha.

    Unokuqhakamshelana nombuki zindwendwe wakho ukuze ucele ukubuyiselwa imali eyongezelelekileyo, ibe ukuba uyavuma, angasebenzisa Iziko Lezemali ukuze akuthumelele imali ngendlela ekhuselekileyo.

    Amanqaku asondele kweli
    Ngaba ulufumene uncedo obulufuna?