Vula iakhawunti
Ukuvula iakhawunti ka-Airbnb kusimahla kwaye kulula. Ukuze ubhalise, yiya ku- Airbnb.com, okanye udawunlowude i-app ka-Airbnb kwiApp Store okanye kuGoogle Play.
Iindlela ezininzi zokuvula iakhawunti
Ungavula iakhawunti entsha kwikhompyutha okanye kwifowuni, okanye kwi-app ka-Airbnb usebenzisa nayiphi na kwezi zinto zilandelayo:
- Idilesi yeimeyile
- Inombolo yefowuni
- Iakhawunti kaFacebook okanye kaGoogle
- I-Apple ID
- I-Naver (yaseMzantsi Korea)
Izinto ezifunekayo ngaphambi kokuba ubhukishele uhambo
Emva kokuvula iakhawunti, siza kudinga inkcazelo engakumbi ngaphambi kokuba ukwazi ukubhukisha indawo yokuhlala okanye Into Enokonwatyelwa, ngoko qiniseka ukuba ugqibile ukuseta iakhawunti yakho.
Izinto ezifunekayo ngaphambi kokuba ubuke iindwendwe
Kuza kufuneka uqinisekise ukuba unguwe nyhani ngaphambi kokuba uqalise ukubuka iindwendwe. Onke amalungu entsapho kufuneka alandele le nkqubo.
Ukuba sele unayo enye iakhawunti
Ukuba uneakhawunti engaphezu kwenye ka-Airbnb, ngelishwa awukwazi ukudibanisa iiakhawunti. Kodwa ke, ungayicima okanye uyenze ingasebenzi le akhawunti ungayisebenzisi kangako. Funda okungakumbi ngento omele uyenze ukuba uneakhawunti ezininzi.
Amanqaku asondele kweli
Ukuqalisa kuAirbnb
Nokuba ufuna ukubhukisha indawo yamaphupha akho ekude nekhaya okanye ufuna ukubuka iindwendwe Kwinto Enokonwatyelwa yakwa-Airbnb emva kwendl…- Undwendwe
Ukukonekta uFacebook noGoogle kuAirbnb
Yiya kwiprofayile yakho ukuze ukonekte iiakhawunti zakho zikaFacebook noGoogle kwiakhawunti yakho ka-Airbnb. - Undwendwe
Izinto ezifunekayo ukuze ubhukishe
Emva kwezinto ezibalulekileyo (igama, i-imeyile nenombolo yefowuni) sifuna inkcazelo engakumbi ukuze ubhukishe indawo oza kuhlala kuyo.