Dibanisa ikhalenda yakho ka-Airbnb kwezinye iiwebhusayithi
Ukuba ubuka iindwendwe kwezinye iwebhsayithi, ungadibanisa zonke iikhalenda zakho zokubuka iindwendwe ukuze iindwendwe zingabhukishi iintsuku ezifanayo. Ngokomzekelo, xa usuku lubhukishwa kwikhalenda enye, luza kuvalwa ngokuzenzekelayo kwenye—ukuze iintsuku zakho zihlale zisexesheni kuze kube lula ngakumbi ukulawula ukubuka iindwendwe.
Indlela okusebenza ngayo ukuthumela ikhalenda yakho yakwa-Airbnb
Siza kukunika iURL oza kuyifaka kwikhalenda yenye iwebhusayithi—le nto iza kuthumela inkcazelo ekwikhalenda yakho ka-Airbnb kwenye iwebhusayithi (ngokomzekelo, uVRBO okanye uBooking.com), okanye ungayithumela kwikhalenda yakho yobuqu (njengoGoogle okanye uApple).
Wakuba uyithumele, izinto ozitshintshayo kwikhalenda yakho ka-Airbnb ziza kuvezwa ngokuzenzekelayo kwikhalenda yenye iwebhusayithi, kuxhomekeka kwiisetingi zaloo webhusayithi.
Ukuze uthumele ikhalenda:
Thumela ikhalenda kwikhompyutha
- Yiya kwindawo ethi Ikhalenda uze ukhethe ikhalenda yendlu ofuna ukuyitshintsha
- Cofa indawo ethi Iintsuku ofumaneka ngazo
- Phantsi kwendawo ethi Dibanisa iikhalenda, cofa kwindawo ethi Thumela ikhalenda ka-Airbnb
- Kopa ilinki, uze uyifake kwenye ikhalenda yakho ye-iCal
Thumela ikhalenda kwi-app ka-Airbnb
- Cofa kwindawo ethi Iprofayile uze ucofe kwindawo ethi Tshintshela ekubukeni iindwendwe
- Cofa kwindawo ethi Ikhalenda uze ukhethe ikhalenda yendlu ofuna ukuyitshintsha
- Cofa kwindawo ethi Iisetingi uze ucofe kwindawo ethi Iintsuku ofumaneka ngazo
- Phantsi kwendawo ethi Konektha iikhalenda, cofa kwindawo ethi Ukuthumela ikhalenda ka-Airbnb

Thumela ikhalenda kwibhrawuza yefowuni
- Yiya kwindawo ethi Ikhalenda uze ukhethe ikhalenda yendlu ofuna ukuyitshintsha
- Cofa kwindawo ethi Iintsuku ofumaneka ngazo
- Phantsi kwendawo ethi Konektha iikhalenda, cofa kwindawo ethi Ukuthumela ikhalenda ka-Airbnb
- Kopa ilinki, uze uyifake kwenye ikhalenda yakho ye-iCal
Ufuna ukuncedwa ngakumbi? Ekubeni iwebhusayithi nganye inendawo eyahlukileyo yokufaka iURL, kusenokufuneka uyifumane loo nkcazelo kwicandelo loncedo laloo webhusayithi. Ngokomzekelo, funda indlela yokuthumela ikhalenda yakho ka-Airbnb kuGoogle kunye noApple ukuze ubone ukubhukisha kwakho kwikhalenda yakho yobuqu.
Indlela okusebenza ngayo ukufaka ikhalenda kwenye iwebhusayithi
Kuza kufuneka ufumane iURL kwikhalenda yenye iwebhusayithi uze uyifake kuAirbnb. Kwiiwebhusayithi ezininzi, ungayifumana le nto kwicandelo elenzelwe ukufaka nokuthumela ikhalenda. Icebiso: Qinisekisa ukuba iURL iphela ngaba nobumba .ics, kuba ezinye iiURL azizukusebenza.
Funda indlela yokufaka ikhalenda evela kuVRBO, uBooking.com, kunye noTripadvisor.
Ukuze udibanise ikhalenda:
Faka ikhalenda kwikhompyutha
- Yiya kwindawo ethi Ikhalenda uze ukhethe ikhalenda yendlu ofuna ukuyitshintsha
- Cofa indawo ethi Iintsuku ofumaneka ngazo
- Kwindawo ethi Dibanisa iikhalenda, cofa kwindawo ethi Ukufaka iikhalenda
- Faka iURL yekhalenda yakho yenye indawo (umz: yeVRBO) kwindawo yedilesi yekhalenda
- Thiya ikhalenda igama uze ucofe kwindawo ethi Gcina
Faka ikhalenda kwi-app ka-Airbnb
- Cofa kwindawo ethi Iprofayile uze ucofe kwindawo ethi Tshintshela ekubukeni iindwendwe
- Cofa kwindawo ethi Ikhalenda uze ukhethe ikhalenda yendlu ofuna ukuyitshintsha
- Cofa kwindawo ethi Iisetingi uze ucofe kwindawo ethi Iintsuku ofumaneka ngazo
- Kwindawo ethi Dibanisa iikhalenda, cofa kwindawo ethi Ukufaka iikhalenda
- Faka iURL yekhalenda yakho yenye indawo (umz: yeVRBO) kwindawo yedilesi yekhalenda
Faka ikhalenda kwi-app ka-Airbnb
- Cofa kwindawo ethi Iprofayile uze ucofe kwindawo ethi Tshintshela ekubukeni iindwendwe
- Cofa kwindawo ethi Ikhalenda uze ukhethe ikhalenda yendlu ofuna ukuyitshintsha
- Cofa kwindawo ethi Iisetingi uze ucofe kwindawo ethi Iintsuku ofumaneka ngazo
- Kwindawo ethi Dibanisa iikhalenda, cofa kwindawo ethi Ukufaka iikhalenda
- Faka iURL yekhalenda yakho yenye indawo (umz: yeVRBO) kwindawo yedilesi yekhalenda
Faka ikhalenda kwibhrawuza yefowuni
- Yiya kwindawo ethi Ikhalenda uze ukhethe ikhalenda yendlu ofuna ukuyitshintsha
- Cofa kwindawo ethi Iintsuku ofumaneka ngazo
- Kwindawo ethi Dibanisa iikhalenda, cofa kwindawo ethi Ukufaka iikhalenda
- Faka iURL yekhalenda yakho yenye indawo (umz: yeVRBO) kwindawo yedilesi yekhalenda
- Thiya ikhalenda igama uze ucofe kwindawo ethi Gcina
Indlela iintsuku ezivaliweyo ezivela ngayo kwikhalenda yakho ka-Airbnb nakwezinye
Iintsuku ozivalayo—okanye ezibhukishiweyo kuAirbnb—ziza kuvalwa kwikhalenda yenye iwebhusayithi. Ikhalenda yakho ka-Airbnb iza kuquka iintsuku ezivaliweyo kwiisetingi zeentsuku ofumaneka ngazo, ixesha lokulungiselela, iintsuku ezingenakubhukishwa nezona ntsuku zimbalwa zinokuhlalwa.
Iintsuku ezibhukishwe kwikhalenda yenye iwebhusayithi ziza kuvalwa ngokuzenzekelayo kuAirbnb xa uzikonekte kwikhalenda yakho ka-Airbnb. Kodwa ke, iintsuku ozivala kwenye ikhalenda zisenokuvalwa okanye zingavalwa kuAirbnb.
Ufuna ukuncedwa ngakumbi? Yiya kwamanye amaziko oncedo ngendlela yokuvala ikhalenda kuVRBO, kuBooking.com, kunye noTripadvisor.
Ukuhlaziya ikhalenda edityanisiweyo
Ikhalenda yakho ka-Airbnb izihlaziya ngokuzenzekelayo qho emva kweeyure eziyi-2, ize ifake inkcazelo ekwezinye iikhalenda ozifakileyo. Ukuze ujonge ixesha ofumaneka ngalo ngaphambi kweeyure eziyi-2, ungaya kwikhalenda yakho edityanisiweyo uze ukhethe indawo ethi Hlaziya.
Ukuba ufake iikhalenda ezininzi, zisenokuzihlaziya ngokuzenzekelayo ngamaxesha ahlukeneyo. Siza kukubonisa ixesha lakutshanje ikhalenda nganye ehlaziyiwe ngalo, ibe nawe ungazihlaziya ngokwakho.
Qaphela ukuba sikwazi ukucela ukuhlaziywa kwenye iwebhusayithi izihlandlo ezithile—ukuba uyagqitha kwezo zihlandlo, kuza kufuneka ulinde ukuzihlaziya ngokuzenzekelayo okulandelayo.
Ukuze kuhlaziywe ikhalenda yakho efakiweyo:
Hlaziya ikhalenda kwikhompyutha
- Yiya kwindawo ethi Ikhalenda uze ukhethe ikhalenda yendlu ofuna ukuyitshintsha
- Cofa indawo ethi Iintsuku ofumaneka ngazo
- Kwindawo ethi Dibanisa iikhalenda, cofa kwindawo ethi Faka iikhalenda
- Khetha ikhalenda yakho oyifakileyo (umz: VRBO) uze ucofe kwindawo ethi Hlaziya Ikhalenda
Lungisa ikhalenda kwi-app ka-Airbnb
- Cofa kwindawo ethi Iprofayile uze ucofe kwindawo ethi Tshintshela ekubukeni iindwendwe
- Cofa kwindawo ethi Ikhalenda uze ukhethe ikhalenda yendlu ofuna ukuyitshintsha
- Cofa kwindawo ethi Iisetingi uze ucofe kwindawo ethi Iintsuku ofumaneka ngazo
- Kwindawo ethi Dibanisa iikhalenda, cofa kwindawo ethi Ukufaka iikhalenda
- Khetha ikhalenda yakho oyifakileyo (umz: VRBO) uze ucofe kwindawo ethi Hlaziya Ikhalenda
Lungisa ikhalenda kwi-app ka-Airbnb
- Cofa kwindawo ethi Iprofayile uze ucofe kwindawo ethi Tshintshela ekubukeni iindwendwe
- Cofa kwindawo ethi Ikhalenda uze ukhethe ikhalenda yendlu ofuna ukuyitshintsha
- Cofa kwindawo ethi Iisetingi uze ucofe kwindawo ethi Iintsuku ofumaneka ngazo
- Kwindawo ethi Dibanisa iikhalenda, cofa kwindawo ethi Ukufaka iikhalenda
- Khetha ikhalenda yakho oyifakileyo (umz: VRBO) uze ucofe kwindawo ethi Hlaziya Ikhalenda
Lungisa ikhalenda kwibhrawuza yefowuni
- Cofa kwindawo ethi Ikhalenda uze ukhethe ikhalenda yendlu ofuna ukuyitshintsha
- Cofa kwindawo ethi Iintsuku ofumaneka ngazo
- Kwindawo ethi Dibanisa iikhalenda, cofa kwindawo ethi Ukufaka iikhalenda
- Khetha ikhalenda yakho oyifakileyo (umz: VRBO) uze ucofe kwindawo ethi Hlaziya Ikhalenda
Sifaka ukuya kutsho kwiminyaka eyi-2 yenkcazelo. Awukwazi ukuyimisa le khalenda ifakiweyo. Ukuba ufuna ukuyimisa, qala ekuqaleni uze ucime ikhalenda. Ukuze ususe ikhalenda edityanisiweyo, cofa kwindawo ethi Lungisa nethi Susa Ikhalenda.
Amanqaku asondele kweli
- Umbuki zindwendwe
Ukudibanisa iikhalenda zezindlu zika-Airbnb ezininzi
Ukuba unezindlu ezininzi kuAirbnb (umz: indlu yonke negumbi elikuloo ndlu), ungazidibanisa iikhalenda zazo zika-Airbnb ukuze zingabhukishwa … - Umbuki zindwendwe
Ukulungisa ikhalenda yakho Yombuki Zindwendwe
Ungalawula ukufumaneka kweentsuku ngokwakho kwikhalenda okanye ngokuzenzekelayo. Funda indlela yokulawula ukubhukisha okulinde ukuqinisekisw… Ndingayikhuphela njani ikhalenda yam Yezinto Ezinokonwatyelwa zakwa-Airbnb?
Ungakhetha ukuba ukhuphele zonke izinto zakho ezinokonwatyelwa zibe yikhalenda enye, ukhethe izinto ezinokonywatyelwa ezimbalwa zibe yikhale…