Ideshibhodi yengeniso yenza kufumaneke inkcazelo entsha ebalulekileyo

Ngoku ungenza iingxelo ezikhethekileyo uze uhluze ngokohlobo lwengeniso.
Ngu-Airbnb nge-16 Okt 2024
Lifundeka ngemizuzu eyi-2
Ihlaziywe nge-16 Okt 2024

Ukuqonda ingeniso yakho kunokukunceda uqhube ishishini lokubuka iindwendwe eliphumelela ngakumbi. Yiyo loo nto sifaka izinto kwideshibhodi yengeniso, eyenziwe kucingwa ngengxelo yombuki zindwendwe.

  • Iingxelo ezikhethekileyo: Yenza iingxelo zengeniso zayo nayiphi na indlu okanye iintsuku ozifunayo.
  • Hluza ngokohlobo lwengeniso: Bona ingeniso yakho ngokwendawo ekuhlelwe kuyo, ngokwemali ongayisebenzisa, ngeemali ezibuyisiweyo, nangokungakumbi.
  • Amakhadi engeniso: Siza kukuxelela xa imali oyibhatalwayo isendleleni.

Nantsi indlela yokusebenzisa izinto oza kuzifumana kwideshibhodi yengeniso, kuqalwa ngezinto ezintsha.

Iingxelo ezikhethekileyo ezintsha

Yenza iingxelo ezikhethekileyo zayo nayiphi na indlu okanye iintsuku ozifunayo. UAirbnb usakunika ingxelo yenyanga neyonyaka ukususela kwinyanga owaqalisa ngayo ukubuka iindwendwe.

Ingxelo nganye ikubonisa ingxelo yengeniso yakho epheleleyo eyahlulahluliweyo, iimali ezitsaliweyo, nemali epheleleyo oyibhatelweyo. Ungakwazi nokukhetha ukuquka:

  • Iindlela zokubhatalwa ezibonisa ingeniso epheleleyo kwiakhawunti nganye obhatalwa kuyo
  • Ingxelo yeencukacha zamanani ebonisa iintsuku ezibhukishiweyo nomyinge weentsuku ezihlaliweyo

Emva kokuba ukhethe izinto oza kuziquka, ungadawunlowuda okanye uthumele iPDF yengxelo ukuze uyingcine.

Okuhluza okutsha ngokohlobo lwengeniso

Hluza ingeniso yakho ngohlobo xa uhlola imali engenileyo nephumileyo okanye ebhatelweyo. Ezi ntlobo ziquka:

  • Iindawo
  • Izinto Ezinokonwatyelwa
  • Imali engasetyenziswa
  • Imali esetyenziswayo

Ungakwazi nokuhluza ingxelo yemali engenayo nephumayo ngosuku, ngendlu, nangendlela yokubhatalwa.

Amakhadi engeniso amatsha

Ikhadi lengeniso livela kwideshibhodi yengeniso xa imali oyibhatalwayo isendleleni. Ibonisa:

  • Indlela yokubhatalwa
  • Imali engenileyo nephumileyo
  • Ixesha ekuqikelelwa ukuba iza kulithatha ukuze ihoywe

Vula ingxelo yemali engenileyo nephumileyo ukuze ubone iinkcukacha ezingakumbi.

Itshati yengeniso ecofekayo

Itshati yengeniso ephezulu kwideshibhodi ibonisa:

  • Imali oyenzileyo kwiinyanga ezintandathu ezidlulileyo
  • Imali oyenzileyo ukuza kuthi ga ngoku kule nyanga
  • Imali ekuqikelelwa ukuba uza kuyenza kwiinyanga ezintlanu ezizayo ngokusekelwe ekubhukisheni okuzayo

Yandisa itshati ukuze ubone ingeniso yakho yenyanga okanye yonyaka, uze usebenzise isihluzi ukuze ubone ngokwendlu.

Ngezantsi kwetshati yengeniso ecofekayo, ingxelo yeencukacha ibonisa inani leentsuku ezibhukishwayo nomyinge weentsuku ezihlalwayo.

Ushwankathelo lwengeniso lubonisa ingeniso yakho epheleleyo, imali etsaliweyo, nemali epheleleyo ebhatelweyo ukususela nge-1 kaJanuwari walo nyaka.

Iisetingi namaxwebhu

Uphawu lweempahla ngasekunene ngasentla kwideshibhodi yengeniso lwenza ukwazi ukufikelela:

  • Kwiindlela zokubhatalwa nemithetho yokwahlukanisa imali
  • Kwiinkcukacha zomrhafi nakumaxwebhu erhafu
  • Iingxelo zengeniso zayo nayiphi na indlu okanye iintsuku
  • Iminikelo ka-Airbnb.org eqhubekayo eyipesenti yemali nganye oyibhatalwayo ukuze uncede abantu ngamaxesha obunzima

Fikelela kwangaphambili namhlanje ukuze uzame izinto ezintsha zedeshibhodi yengeniso.

Indlela umntu oyisebenzisayo avakalelwa ngayo isenokwahluka ngokweendawo.

Inkcazelo ekweli nqaku isenokuba itshintshile emva kokuba lipapashiwe.

Airbnb
16 Okt 2024
Ngaba oku bekuluncedo?