Indlela oza kubhatalwa ngayo ngokubuka iindwendwe

Funda izinto ezisisiseko ngexesha nendlela oza kubhatalwa ngayo.
Ngu-Airbnb nge-12 Feb 2020
Lifundeka ngemizuzu eyi-2
Ihlaziywe nge-15 Aga 2024

UAirbnb wenza kube lula ukufumana imali oyibhatalwayo, esiyibiza ngokuba kukubhatalwa, ngamanyathelo nje ambalwa.

Indlela oza kubhatalwa ngayo

Uyazikhethela indlela ongathanda ukuyifumana ngayo imali oyenza ngokubuka iindwendwe. Iindlela onokukhetha kuzo zixhomekeka kwindawo okuyo. Iindlela zokubhatalwa ziquka:

  • Iakhawunti yebhanki
  • Indlela Efika Kwangoko
  • Ukuthunyelwa kwemali ngebhanki kwamanye amazwe
  • Amakhadi eMastercard ekufakwa imali kuwo kwaPayoneer
  • U-PayPal
  • I-Western Union

Ukuze usete ukubhatalwa, faka indlela yokubhatalwa phantsi kwendawo ethi Ukubhatalwa & ukubhatalwa kwiisetingi zeakhawunti yakho yokubuka iindwendwe. Kuza kusetyenziswa indlela oyikhethayo kuzo zonke iimali oza kuzibhatalwa de uyitshintshe.

Kusenokufuneka ufake inkcazelo yakho yerhafu ukuze sikwazi ukukuthumelela amaxwebhu erhafu achanileyo. Awuqinisekanga ukuba le nto iyasebenza kuwe? Funda okungakumbi ngeefomu zerhafu

Ngoxa indlela yakho yokubhatalwa isaqinisekiswa, iza kubonakala isalindile. Inkqubo yokuqinisekisa inokuthatha ukuya kutsho kwiintsuku eziyi-10—ngaphandle kokuba ukhetha indlela Efika Kwangoko, eqinisekiswa ngoko nangoko.

Imali oza kuyibhatalwa

Khetha nakuphi na ukubhukisha kwikhalenda yakho ukuze ubone ukuba undwendwe lubhatale malini nengeniso yakho ngelo xesha lihleliweyo. Yihla uye ngezantsi kweenkcukacha zokubhukisha ezenzelwe wena zezindlu ezinezinto eziquka:

  • Ixabiso lakho losuku lokuhlala kondwendwe
  • Nayiphi na imali onganyanzelekanga ukuba uyibize yokucoca, yezilwanyana zasekhaya okanye yeendwendwe ezongezelelekileyo
  • Iirhafu zokuhlala
  • Imali ebhatalwa lundwendwe nemali ebhatalwa ngumntu obuka iindwendwe
  • Imali eza kufunyanwa Ngoncedisayo, ukuba ukhona omfakileyo
  • Iyonke imali oza kuyibhatalwa

Ababuki Zindwendwe abaninzi babhatala imali ebhatalwa ngumntu obuka iindwendwe eyi-3%. Le mali emele ibhatalwe inceda ukubhatalela iindleko zika-Airbnb zeemveliso neenkonzo ezikunceda ukwazi ukwabelana ngendawo yakho nabanye abantu, njengokuncedwa kwabathengi imini nobusuku. Funda okungakumbi ngemali oyibhatalela ukusebenzisa uAirbnb

Ukuba imali oyibhatelweyo ingaphantsi kunaleyo ubuyilindele, kusenokuba kungenxa yezaphulelo ozifakileyo okanye ngenxa yokurhoxiswa kokubhukisha okanye ukutshintshwa kwakho. Kusenokutsalwa iimali zokusebenzisa ibhanki kwiindlela ezithile zokubhatalwa, nangona ezininzi zifumaneka ngaphandle kweendleko ezongezelelekileyo.

Ixesha oza kubhatalwa ngalo

Imali oyenzayo ngokubuka iindwendwe uyibhatalwa malunga neeyure eziyi-24 emva kwexesha lokubhalisela ukufika kweendwendwe zakho. Ukuba iza kungena nini kanye kanye imali kwiakhawunti yakho kuxhomekeke kwindlela yokubhatalwa oyikhethileyo.

Iindlela zokubhatalwa ezifumanekayo namaxesha aqhelekileyo okufika kwemali aquka:

  • Indlela Efika Kwangoko: imizuzu eyi-30 okanye ngaphantsi
  • U-Payoneer: iiyure eziyi-24 okanye ngaphantsi
  • U-PayPal: usuku olunye lokushishina
  • I-Western Union: usuku olunye lokushishina (lungahluka ngokwelizwe/ngokwengingqi)
  • Imali efakwa kwibhanki yakho: iintsuku zokushishina eziyi-3 ukuya kweziyi-5
  • Imali efakwa kwibhanki yamanye amazwe: iintsuku zokushishina eziyi-3 ukuya kweziyi-7

Xa ubuka iindwendwe eziza kuhlala iintsuku eziyi-28 nangaphezulu, uAirbnb uthumela ingeniso yakho kanye ngenyanga, eqalisa malunga neeyure eziyi-24 emva kokubhalisela ukufika kondwendwe lwakho. Ungayibona imeko yokubhatalwa kwakho kwideshibhodi yengeniso nanini na. Funda okungakumbi ngokubhatalwa

Inkcazelo ekweli nqaku isenokuba itshintshile emva kokuba lipapashiwe.
Airbnb
12 Feb 2020
Ngaba oku bekuluncedo?