Indlela yokwenza indawo yakho neendwendwe zilungele imililo yehlathi

La macebiso eengcali anokukunceda unciphise imingcipheko uze ufundise iindwendwe ngokhuseleko.
Ngu-Airbnb nge-5 Aga 2022
Lifundeka ngemizuzu eyi-2
Ihlaziywe nge-8 Aga 2024

Ukhuseleko Lwababuki Zindwendwe neendwendwe yinto ebaluleke kakhulu kuthi. I-Trust & Safety Advisory Coalition isebenzisane neInternational Association of Fire Chiefs (IAFC) ukuze inikezele ngezi zinto ziluncedo zenkqubo yeReady, Set, Go!

Nangona le nkqubo isekelwe eMerika, amacebiso ayo ayasebenza kwiindawo ezininzi ezichaphazelwe yimililo yehlathi emhlabeni wonke. Nanga amacebiso ambalwa eIAFC okunciphisa imingcipheko nokufundisa iindwendwe ngokhuseleko kumlilo wehlathi.

Ukunciphisa imingcipheko yomlilo wehlathi

Ukuceba kwangaphambili kunokunceda ekukhuseleni wena, iindwendwe zakho nendlu yakho. I-IAFC icebisa ukuba uthathe la manyathelo:

  • Susa izityalo ezinokhula kwi-30 feet (iimitha eziyi-9) ukusuka kwindlu yakho, kwigaraji nakwezinye izakhiwo zendlu yakho ukuze ube nendawo ekhuselekileyo.
  • Sebenzisa izinto eziqinileyo—njengesamente, amatye okanye izitena—eziyi-5 feet (iimitha eziyi-1.5) ukujikeleza umzantsi wendlu yakho.
  • Sebenzisa izityalo ezingakhawulezi zitshe, ezikhulela ezantsi neziyimifuno xa utyala kwiindawo ezikufuphi nendlu yakho.
  • Susa amasebe ajinga ezantsi ukuze kubekho umgama oyi-6 feet (iimitha eziyi-2) phakathi kwengca, amatyholo nemithi emide.

Bhalisela imiyalezo yeemeko zongxamiseko kwindawo ekuyo indlu yakho ukuze uhlale usazi. Imibutho emininzi yasekuhlaleni, yengingqi nekarhulumente welizwe inayo le nkonzo. Hlola iiwebhusayithi zayo ukuze ufumane iinkcukacha.

Ukufundisa iindwendwe ngozikhusela kumlilo wehlathi

Iindwendwe ezisuka kwiindawo ezingaqhelanga ukungachaphazelwa yimililo yamahlathi zisenokungaziqondi izinto eziyingozi. Ungazinceda zilungele ingozi ngala macebiso avela kwi-IAFC:

  • Faka inkcazelo esisiseko ngexesha lomlilo wehlathi lengingqi uze nemiqathango yokutsha kwimithetho yekhaya lakho.
  • Yiba noludwe lweenombolo zokuqhakamshelana zemeko yongxamiseko zasekuhlaleni kwindawo ebonakalayo kwindlu yakho, njengakwifriji okanye phezu kwetafile.
  • Nika iindwendwe imephu yengingqi ebonisa ngokucacileyo idilesi yendlu yakho, amagama eendlela ezikufutshane, iindlela eziliqela zokuphuma neendawo ezinokukhuseleka. Faka igama lengqingqi yakho.
  • Khuthaza iindwendwe ukuba zibhalisele ukufumana imiyalezo yeemeko zongxamiseko yasekuhlaleni zize zihlale zisazi ngemililo ekhoyo, nokuba umlilo wehlathi awukho kufutshane nendlu yakho.
  • Chazela iindwendwe ukuba akunyanzelekanga ukuba zilinde ukuyalelwa ukuba mazihambe. Zisenokudinga ixesha elingakumbi lokuhamba kuloo ndawo ukuba aziqhelananga nayo.

Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngokulungiselela imililo yamahlathi, ungaqhakamshelana nesebe lomlilo lasekuhlaleni. Ukuba useMerika, ungaya, nakuReady, Set, Go! ukuze uyiqonde ngakumbi imililo yamahlathi uze wenze indlela yokumelana nayo.

Ukuhoya ukurhoxiswa

Ipolisi yokurhoxa oyikhethileyo kwindlu yakho ngokuqhelekileyo yiyo egqiba ekubeni iindwendwe zibuyiselwe imali ngokubhukisha okurhoxisiweyo na, ngaphandle kokuba wena nondwendwe nivumelana ngenye indlela. Ukuba isiganeko esikhulu kwindawo ebhukishiweyo siyakuthintela okanye siyakwalela ngokusemthethweni ukubhukisha ukuba kugqitywe, kusenokusebenza Ipolisi Yeziganeko Ezikhulu Eziphazamisayo ka-Airbnb. 

Xa kusebenza Ipolisi Yeziganeko Ezikhulu Eziphazamisayo, ungakurhoxisa ukubhukisha ngaphandle kokubhataliswa iimali ezimele zibhatalwe okanye ufumane imiphumo emibi, ibe ikhalenda yendlu iza kuvalwa ngezo ntsuku. Iindwendwe ezineendawo ezizibhukishileyo ezichaphazelekileyo nazo zinokurhoxisa zize zibuyiselwe yonke imali yazo. Ukuba wena okanye iindwendwe zakho zirhoxisa ukubhukisha okubhatalelwayo yipolisi, awuzukubhatalwa.

Inkcazelo ekweli nqaku isenokuba itshintshile emva kokuba lipapashiwe.
Airbnb
5 Aga 2022
Ngaba oku bekuluncedo?