Lawula ikhalenda yakho
Iindwendwe zingayifumana indlu yakho kwiziphumo zokukhangela zingekapheli iiyure eziyi-24 emva kokuba uyipapashile. Ikhalenda yakho ivulwa ngokuzenzekelayo. Kubalulekile ukuba ulungise iintsuku ofumaneka ngazo ngoko nangoko, uze ukhethe ipolisi yakho yokurhoxa nendlela iindwendwe eziyibhukisha ngayo indawo yakho.
Ukulungisa ukufumaneka kwakho
Vala ikhalenda yakho ngeentsuku ongazokwazi ukubuka iindwendwe ngazo. Le nto iyayifihla indlu yakho kwindawo ekukhangelwa kuyo ize ikuncede uphephe ukurhoxisa ukubhukisha.
UFelicity, ilungu leQumrhu Labacebisi Lababuki Zindwendwe noyiSuperhost eNew South Wales, eOstreliya uthi,“Unikezela ngenkonzo kundwendwe lwakho, ibe kufuneka wenze konke okusemandleni akho ukuze uluhloniphe.”
Thatha la manyathelo ukuze ulawule ukufumaneka kwakho.
Seta ukuba iindwendwe zingabhukisha nini kwangaphambili. Ungamkela ukubhukisha kwangolo suku de kube lixesha elithile, okanye ufune ukuba iindwendwe zibhukishe ukuya kutsho kwiintsuku ezisixhenxe ngaphambi kokubhalisa xa kufikwa.
Dibanisa iikhalenda zakho. Ukudibanisa ikhalenda yakho ka-Airbnb nazo naziphi na ezinye iikhalenda kukunceda ulawule ucwangciso lwakho lokubuka iindwendwe uze uphephe ukubhukishwa kabini.
Khetha ipolisi yokurhoxa. Nguwe ogqibayo ukuba ungathanda ukuba bhetyebhetye kangakanani okanye ukuba ngqongqo kangakanani ukuba undwendwe luyarhoxa. Khetha ekusebenzelayo.
- Gcina ikhalenda yakho isexesheni. Le nto inceda ukuthintela ukurhoxisa ukubhukisha nokufumana izohlwayo neemali ezimele zibhatalwe.
Ukugqiba ngexesha iindwendwe ezinokuhlala ngalo
Thatha isigqibo sokuba ufuna iindwendwe zingene zize ziphume nini nexesha olikhethayo phakathi kokubhukisha.
Seta ezona ntsuku zimbalwa nezona zininzi zinokuhlalwa. Unokwenza ubude beentsuku zohambo ezikhethekileyo ngeentsuku ezithile. Landela imithetho nemimiselo yasekuhlaleni.
Chaza ixesha lakho lokulungiselela. Udinga ixesha elingakanani wena okanye abantu abacocayo phakathi kweendwendwe? Ababuki Zindwendwe abaninzi bavumela iindwendwe ukuba zibhukishe ngosuku eziphuma ngalo ezinye iindwendwe. Ezinye zivala usuku olunye okanye ezimbini ngaphambi nangasemva kokubhukisha ngakunye.
Beka ixesha lokubhalisa xa kufikwa nelokuphuma. Khetha indlela iindwendwe ezinokufika ngayo ngaphambi kwexesha nokuba zinokuhamba emva kwexesha elingakanani. Ungakwazi nokubeka ixesha lokuphela kwexesha lokubhalisa xa kufikwa ukuba awufuni iindwendwe zifike emva kwexesha.
Ukukhetha indlela ezinokubhukisha ngayo iindwendwe
Unokwamkela ukubhukisha ngokuzenzekelayo okanye ngokuzenzela ngokwakho. Kulula ukulungisa le setingi nanini na.
Uvel' Ubhukishe uvumela nabani na ozifikelelayo izinto ozifunayo kwiindwendwe aze avumelane nemithetho yekhaya lakho ukuba azibhukishele ngokuzenzekelayo iintsuku ezifumanekayo kwikhalenda yakho. Iindwendwe zisakwazi ukuqhakamshelana nawe ukuba zinemibuzo.
Izicelo zokubhukisha zikunika iiyure eziyi-24 zokwamkela okanye ungamkeli isicelo sondwendwe ngaphambi kokuba siphelelwe lixesha. Le nto ikunika ixesha lokuqinisekisa ukuba iindwendwe ziyayazi imithetho okanye izinto ezikhethekileyo, njengezitepsi ezinyukayo eziya kwindawo yokungena ekuphela kwayo. Ukuba uvumela izicelo zokubhukisha ziphelelwe lixesha, iintsuku eziceliweyo ziyavalwa kwikhalenda yakho de uphinde uzivule.
Nokuba yeyiphi indlela yokubhukisha oyikhethayo, gcina ikhalenda yakho isexesheni ukuze uphephe ukucwangcisa ukungqubana nokurhoxisa.
Inkcazelo ekweli nqaku isenokuba itshintshile emva kokuba lipapashiwe.