Ukulungisa iisetingi neentsuku ofumaneka ngazo
Ukwenza ikhalenda yakho nezicwangciso zezindlu ezininzi zibe sexesheni kufuna ulungelelwano. Izixhobo zamashishini okwamkela iindwendwe zakwa-Airbnb zikunceda ulungise izindlu eziliqela ngexesha elinye.
Ukusebenzisa i-multi-calendar
I-multi-calendar ikuvumela ukuba ujonge uze ulawule iintsuku ezifumaneka ngazo zonke izindlu zakho kwindawo enye. Ukuba neendlela ezahlukeneyo zokubhukisha kunceda ekutsaleni iindwendwe ezingakumbi. Izindlu ezinokubhukishwa ukuba kuhlalwe iintsuku eziyi-28 nangaphezulu nokuba kuhlalwe ixesha elifutshane zenze inganiso engumyinge oyi-45% nangaphezulu ngo-2022 kunezindlu ezamkele kuphela iindwendwe eziza kuhlala ixesha elifutshane.*
Nazi iisetingi ezinokunceda izindlu zakho zivele kwiziphumo ezingakumbi zokukhangela indawo.
- Ixesha ofumaneka ngalo: Vula ikhalenda yakho ukuya kutsho kwiinyanga eziyi-24 uze ubeke isaphulelo sababhukishe kwangethuba ukuze utsale abantu abangakumbi abanokubhukisha kwixesha elizayo.
- Ukubhukisha ukuqala namhlanje: Vumela iindwendwe ukuba zibhukishe ngosuku eziza kungena ngalo uze ufake isaphulelo onokusikhupha xa sele kuza kungenwa. Yamkela abahambi abangakumbi, njengabo basenokuba bakumgama okufuphi ngemoto.
- Ezona ntsuku zimbalwa zinokuhlalwa: Yehlisa ezona ntsuku zimbalwa zinokuhlalwa ukuze uncede izindlu zakho zivele xa kukhangelwa iindawo zokuhlala ixesha elifutshane uze ugcwalise iintsuku ezikwikhalenda yakho.
- Ezona ntsuku zininzi zohambo: Yandisa ezona ntsuku zininzi zinokuhlalwa ezizintsuku eziyi-28 okanye ngaphezulu, ukuze izindlu zakho zifaneleke xa kukhangelwa iindawo zokuhlala ixesha elide.
Iindawo ekunokuhlalwa ixesha elide kuzo ziyathandwa kwa-Airbnb. Iindawo ezibhukishwe iintsuku eziyi-28 nangaphezulu zibe yi-18% yazo zonke iintsuku ezibhukishwe ngoJulayi, ngoAgasti nangoSeptemba 2023.**
Ukulungisa izinto ezininzi
Endaweni yokungena kwindlu nganye, lungisa iintsuku ofumaneka ngazo ngokulungisa izinto ezininzi ngaxeshanye kwezi ndidi:
- Inani leentsuku zohambo
- Isaphulelo seentsuku eziza kuhlalwa
- Ipolisi yokurhoxa
Ungalungisa nezinye izinto zezindlu zakho ngokulungisa izinto ezininzi ngaxeshanye kwezi ndidi:
- Izinto ezinokusetyenziswa
- Uhlobo lwendlu
- Imali emele ibhatalwe neendleko
- Ingingqi
- Indlela yokubhalisa xa kufikwa
- Imithetho yekhaya eqhelekileyo
- Iinkcukacha zengingqi
Ukuze ulungise izinto ezininzi ngexesha elinye:
Qinisekisa ukuba ukhethe ukusebenzisa izixhobo zamashishini okubuka iindwendwe, ezifumaneka kwikhompyutha kuphela.
Yiya kwindawo ethi Izindlu uze ukhethe zonke izindlu ofuna ukuzitshintsha.
Cofa indawo ethi Gcina.
- Tshintsha izinto ofuna ukuzitshintsha uze ucofe indawo ethi Gcina.
*Isekelwe kwinkcazelo ka-Airbnb yezindlu ezisebenzayo ukususela ngoJanuwari ukuya kuDisemba 2022
**Ngokwengxelo yengeniso ka-Airbnb 2023 yekota ye-3
Ukuba usebenzisa i-software ekonekthwe kwiAPI, uza kukwazi ukuzisebenzisa ezi zinto kwi-software yakho ukuba inkampani enikezela ngazo izenze zafumaneka. Ukuba ayiyenzanga loo nto, qhakamshelana nayo ukuze wazi ukuba ziza kufumaneka nini.
Inkcazelo ekweli nqaku isenokuba itshintshile emva kokuba lipapashiwe.