Qhubeka uye phambili ukuze ufikelele kwiziphumo ezicetyisiweyo
    Lo mxholo awufumaneki ngolwimi olukhethileyo, ngoko siwenze wafumaneka ngolona lwimi esinalo olusondeleyo kolwakho.

    Izinto ezinokusetyenziswa ezifunwa zindwendwe

    Indawo enezinto ezifunekayo inokuba yeyona nto itsala iindwendwe.
    Ngu-Airbnb nge-19 Nov 2020
    Lifundeka ngemizuzu eyi-3
    Ihlaziywe nge-17 Nov 2021

    Izinto eziphambili

    • Hlola izinto ezinokusetyenziswa eziyi-10 eziphambili ezithandwayo ngoku, kuquka indawo eyamkela izilwanyana zasekhaya, i-wifi, indawo yokupaka simahla nezinye

    • Lungisa izinto zakho ezinokusetyenziswa ukuze uqiniseke ukuba iindwendwe ziyakufumana xa zikhangela

    • Fumana okungakumbi kwisikhokelo sethu esipheleleyo sokufaka indlu eza kuphumelela

    Ngokutsho kophando lwabathengi olwenziwe nguAirbnb, abahambi abaninzi bathi izinto ezinokusetyenziswa yinto ebaluleke kakhulu ukuze uhambo lube mnandi. Le nto ibaluleke ngakumbi ngoku, njengoko iindwendwe zikhangela iindawo zokuhlala ixesha elide.

    Ngaphezu koko, amaxesha amaninzi iindwendwe ziyazihluza iziphumo zokukhangela kwazo ukuze zifumane izinto ezinokusetyenziswa eziyi-10 eziphambili. Ukuze ube phambili kwiziphumo zokukhangela, qinisekisa ukubauyazifaka okanye uzilungise izinto zakho ezinokusetyenziswa ukuze uquke ezi kwindlu yakho ukuba unazo. Ukucinga kakuhle ngendlela oyilungisa ngayo indawo yakho nokufaka izinto ezinokusetyenziswa ezithandwayo kwindlu yakho kuza kukunceda ube phambili phakathi kwezindlu ezininzi.

    Hlola ezi zinto zinokusetyenziswa eziyi-10 eziphambili

    Xa zikhangela izindlu, iindwendwe ezininzi zisebenzisa izihluzi ukuze ziveze kuphela izindlu eziquka izinto ezinokusetyenziswa ezizifunayo, ngoko qinisekisa ukuba uquka ezininzi kangangoko kunokwenzeka kwindlu yakho. Iindwendwe zidla ngokukhangela izindlu ezinezi zinto:*

    1. Indawo elungele izilwanyana zasekhaya
    2. I-wifi
    3. Indawo yokupaka yasimahla
    4. Ipuli
    5. I-jacuzzi
    6. Ikhitshi
    7. Umatshini okhupha umoya obandayo okanye oshushu
    8. Into eyenza kufudumale
    9. Umatshini wokuhlamba impahla
    10. I-TV okanye iitshaneli ezibhatalelwayo

      Thenga izinto ezifunekayo

      Iindwendwe zilindele ukufumana iphepha langasese, isepha yokuhlamba izandla neyomzimba, iitawuli nezinto zebhedi, ngoko qinisekisa ukuba indawo yakho inazo zonke ezi zinto ziyimfuneko. UAirbnb ucebisa ukuba ubuncinane ubenazo ezi zinto:

      • Itawuli enye yondwendwe ngalunye
      • Umqamelo omnye wondwendwe ngalunye
      • Izinto zebhedi zondwendwe ngalunye

      Sivile kwiindwendwe nokuba zifuna ukukwazi ukucoca ngoxa zisahleli. Nceda iindwendwe zihlale kamnandi zize zikhuseleke ngokufaka izinto zokucoca kwindawo yakho ezinokuzizebenzisa, eziquka:

      • Iitawuli zamaphepha ezinokulahlwa
      • Iiglavu ezilahlwayo
      • Into yokucoca iindawo ezininzi
      • Amalaphu okanye ispreyi sokubulala iintsholongwane
      • Into yokunciphisa iintsholongwane yezandla

      Soloko ucinga ngokhuseleko

      Ukwenza izinto zokuzikhusela ezibalulekileyo kunokunceda ekukhuseleni iindwendwe zakho nendawo yakho. Cinga ngokuquka ezi zinto zilandelayo kwindawo yakho:

      • Ialam yomsi
      • Ialam yomoya otyhefayo
      • Into yokucima umlilo
      • Izixhobo zoncedo lokuqala
      • Indlela ekucetywe ukwenziwa ngayo xa kukho imeko yongxamiseko neenombolo zasekuhlaleni

      Ceba kwangaphambili usebenzisa amacebiso avela kwimibutho yezempilo nokhuseloko emhlabeni wonke

      Yenza iindlela zokungena zibe phambili

      Iindwendwe ezidinga izinto ezinceda kungeneke lula zikhangela izinto ezinokusetyenziswa ezikhethekileyo kakhulu. Indawo yokungena engenazitepsi, iminyango neepaseji ezibanzi ngakumbi (ubuncinane ivuleke kangangeeintshi eziyi-32), nebhedi enokuphakama okufikelelekayo zezinye nje zezinto eziza kwenza indlu yakho ifaneleke. Izindlu ezineendlela zokungena zibekwa ekuqaleni xa kukhangelwa kuAirbnb, ngoko kububulumko ukuzenza zibe phambili kwizinto zakho ezinokusetyenziswa nakwiifoto.

      Lungiselela abantu abasebenzela ekhaya

      Nokuba iindwendwe zifuduka okwexeshana ukuze zisondele ngakumbi kwintsapho yazo okanye zifuna ithuba lokufunda ngendawo entsha, inkcazelo ka-Airbnb ibonisa ukuba iindwendwe zisebenzela ekhaya ngakumbi ngoku kunakuqala.

      Iindwendwe zifuna izindlu eziza kuzivumela zisebenzele ekhaya okanye zifuduke okwexeshana, ngoko kubalulekile ukucinga ngezinto ezinokuzidinga ukuze zihlale kamnandi, kuquka:

      • I-wifi ekhawulezayo nesebenza kakuhle
      • Iindawo ezinokuhlala kuzo zisebenzise ilaptop
      • Indawo ekhanya kakuhle
      • Amakhitshi anento yonke
      • Izinto ezisetyenziswa eofisini

      Funda indlela yokulungisa indawo yakho ukuze ilungele abantu abasebenzela ekhaya

      Yenza izinto ezilungele abantwana nezilwanyana zasekhaya zibe phambili

      Iindwendwe ezingakumbi zihamba neentsapho zazo zonke. Ukwamkela abantwana kunye nezilwanyana zasekhaya kunokwenza indlu yakho ibe nomtsalane ngakumbi.

      Ukuze uncede abazali nabantu abanezilwanyana zasekhaya bangahambi nezinto ezinkulu umgama omde, usenokwenza zibe phambili izinto ezinokusetyenziswa eziquka:

      • Ibhedi nesitulo sokutyisela usana
      • Ibhafu
      • Umatshini okhupha umoya obandayo okanye oshushu
      • Umatshini wokuhlamba okanye owokomisa impahla
      • Izinto zokucoca ezingakumbi
      • Izinto zokogquma ifenitshala
      • Izitya zokutya namanzi zezilwanyana zasekhaya
      • Iitawuli zokosula iinyawo zezilwanyana zasekhaya emnyango

      Faka izinto ezimbalwa ezibonisa ukuba ucinga ngazo

      Enye yezona ndlela ziphambili zokuphucula izimvo zakho kukonwabisa iindwendwe ngezinto ezinokusetyenziswa ezimbalwa ezongezelelekileyo, njengezinto zokutya kwisidlo sakusasa okanye izinto zokwenza ikofu. Ukususela kwizinto zokutya ezimbalwa ukuya kwizinto zokudlala kwipuli, zininzi iindlela zokwenza indawo yakho ibe kwizinga eliphezulu.

      Awuqinisekanga ukuba zintoni eziza kuthandwa zindwendwe? Yiva ukuba kunjani ukuba lundwendwe kwindawo yakho ngokuhlala kuyo usuku olunye. Ngokuqinsekileyo uza kuphawula into enye okanye ezimbini onokuzongeza ukuze iindwendwe zihlale kamnandi.

      Uludwe lwezinto ezifunekayo

      Izinto ezinokusetyenziswa ezifunekayo:

      • Iphepha langasese
      • Isepha yezandla neyomzimba
      • Itawuli enye yondwendwe ngalunye
      • Izinto zebhedi zebhedi nganye
      • Umqamelo omnye wondwendwe ngalunye
      • Izinto zokucoca

      Izinto ezinokusetyenziswa eziphambili ezikhangelwa zindwendwe:*

      • Indawo elungele izilwanyana zasekhaya
      • I-wifi
      • Indawo yokupaka yasimahla
      • Ipuli
      • I-jacuzzi
      • Ikhitshi
      • Umatshini okhupha umoya obandayo okanye oshushu
      • Into eyenza kufudumale
      • Umatshini wokuhlamba impahla
      • I-TV okanye iitshaneli ezibhatalelwayo

      Izinto zokukhusela:

      • Ialam yomoya otyhefayo
      • Ialam yomsi
      • Into yokucima umlilo
      • Izixhobo zoncedo lokuqala
      • Indlela ekucetywe ukwenziwa ngayo xa kukho imeko yongxamiseko neenombolo zasekuhlaleni

      Izinto ezinokusetyenziswa zokungena:

      • Indawo yokungena engenazitepsi
      • Iindawo zokungena ezivulekileyo (ubuncinane zibe ngu-32”)
      • Iipaseji ezivulekileyo (ubuncinane zibe ngu-36”)
      • Igumbi lokuhlambela ekungenekayo kulo

      Izinto ezingakumbi ezithandwayo zindwendwe:

      • Iphepha langasese elongezelelekileyo, izinto zebhedi neetawuli
      • Izinto zokuhlamba ezibalulekileyo ezifana neshampu ne-conditioner
      • Isepha yokuhlamba izitya nezinto zokucoca
      • Izinto zokutya ezibalulekileyo ezifana nomatshini wokwenza ikofu, izinto zokupheka, izitya namacephe
      • Iiglasi zewayini
      • Izinto ezibalulekileyo zokupheka ezifana netyuwa, ipepile neoyile
      • Ikofu, iti
      • Isidlo sakusasa esilula okanye izimuncumuncu
      • Iihengari
      • Ii-adapter neetshaja

      Izinto ezinokusetyenziswa ngabantu abasebenzela ekhaya:

      • I-wifi ekhawulezayo nesebenza kakuhle
      • Indawo ezinokuhlala kuyo zisebenzise ilaptop
      • Indawo ekhanya kakuhle
      • Amakhitshi anento yonke
      • Izinto ezisetyenziswa eofisini

      Izinto ezinokusetyenziswa ezilungele intsapho nezilwanyana zasekhaya:

      • Ibhedi nesitulo sokutyisela usana
      • Ibhafu
      • Umatshini okhupha umoya obandayo okanye oshushu
      • Umatshini wokuhlamba okanye owokomisa impahla
      • Izinto zokucoca ezingakumbi
      • Izinto zokogquma ifenitshala
      • Izitya zokutya namanzi zezilwanyana zasekhaya
      • Iitawuli zokosula iinyawo zezilwanyana zasekhaya emnyango

      *Ngokusekelwe kwinkcazelo ka-Airbnb eye yabala ezona zinto zinokusetyenziswa zikhangelwe kakhulu ukususela nge-1 kaSeptemba 2020 ukuya kutsho kwi-1 kaSeptemba 2021.

        Inkcazelo ekweli nqaku isenokuba itshintshile emva kokuba lipapashiwe.

        Izinto eziphambili

        • Hlola izinto ezinokusetyenziswa eziyi-10 eziphambili ezithandwayo ngoku, kuquka indawo eyamkela izilwanyana zasekhaya, i-wifi, indawo yokupaka simahla nezinye

        • Lungisa izinto zakho ezinokusetyenziswa ukuze uqiniseke ukuba iindwendwe ziyakufumana xa zikhangela

        • Fumana okungakumbi kwisikhokelo sethu esipheleleyo sokufaka indlu eza kuphumelela
        Airbnb
        19 Nov 2020
        Ngaba oku bekuluncedo?