Indlela esebenza ngayo iAirCover Yababuki Zindwendwe

Ukukhuselwa ngokupheleleyo kusoloko kuqukiwe kwaye kusimahla, nanini na ubuka iindwendwe.
Ngu-Airbnb nge-11 Mey 2022
Lifundeka ngemizuzu eyi-5
Ihlaziywe nge-16 Aga 2024

I-AirCover Yababuki Zindwendwe ikukhusela ngokupheleleyo sihlandlo ngasinye usamkela iindwendwe. Iquka ukuqinisekiswa kokuba lungubani undwendwe, ukuhlolwa kokubhukisha, i-inshorensi yomonakalo kumntu obebhukishile ye$1 miliyoni yeedola zaseMerika, neinshorensi yomonakalo ye$3 miliyoni yeedola zaseMerika, nokukhuselwa kwezinto zakho zexabiso, iimoto ezipakiweyo nezikhephe kwindlu yakho.

Ukuqinisekiswa kokuba lungubani undwendwe

Intsapho yethu isekelwe ekuthembaneni. Yiloo nto zonke iindwendwe ezibhukishayo kufuneka zigqibe inkqubo yethu yokuqinisekisa ukuba zingoobani. Xa siqinisekisa ukuba lungubani undwendwe, siqinisekisa inkcazelo ethile yobuqu, njengegama lalo elisemthethweni, idilesi, inombolo yefowuni, okanye ezinye iinkcukacha zokuqhakamshelana.

Xa undwendwe luqinisekisiwe, luza kufumana ibheji ethi luqinisekisiwe. Le nto iboniswa kuAirbnb wonke njengebheji ebomvu enophawu lokutikisha ecaleni kwefoto yeprofayile yalo. Ukongezelela, sisenokuhlola izinto undwendwe lwaseMerika olukhe lwazenza.

Fumana iinkcukacha ezingakumbi ngokuqinisekiswa kokuba lungubani undwendwe

Itekhnoloji yokuhlola ukubhukisha

Ipolisi Yethu Engokuphazanyiswa Kwentsapho iyazalela iipati ezingavumelekanga neziphazamisayo. Sisebenzisa iteknoloji yokuhlola ukubhukisha ukuze sincedise ekunyanzeliseni le polisi nasekunciphiseni amathuba okubakho kweepati eziphazamisayo.

Le nkqubo ijonga izinto ezahlukahlukeneyo—kuquka uhlobo lwendlu ebhukishwayo, ixesha eliza kuhlalwa, umgama ophakathi kwendawo undwendwe olukuyo nendawo ekuyo indlu, nokuba kubhukishwe ngomzuzu wokugqibela na, phakathi kwezinto ezingakumbi ezininzi ezijongwayo—ukuze kubonwe ukuba ukubhukisha kufuneka kuvaliwe na.

Fumana iinkcukacha ezingakumbi ngeteknoloji yokuhlola ukubhukisha

I$3 miliyoni yeedola zaseMerika Yokukhuselwa kombuki zindwendwe kumonakalo

Kangangeminyaka engaphezu kweshumi, uAirbnb uye wanikezela ngeendlela eziphambili zokukhusela Ababuki Zindwendwe kumonakalo. Ukukhuselwa kombuki zindwendwe kumonakalo, okuyinxalenye yeAirCover Yababuki Zindwendwe, kuquka ezi zinto zokukhusela ukuba undwendwe aluwubhataleli umonakalo oluwenze kwindawo yakho okanye kwizinto zakho ngoxa beluhleli kwindawo yakho:

  • I-$3 miliyoni yeedola zaseMerika yokukhuselwa kumonakalo: Oku kukhusela kuquka ikhaya lakho nezinto ezikulo.
  • Ukukhuselwa kwezinto zobugcisa nezinto ezixabisekileyo: Sikhusela izinto zobugcisa zexabiso, ijuwelari, nezinto eziqokelelwayo ezinokubuyiselwa imali ukuba zonakele.
  • Ukukhuselwa kweemoto nezikhephe: Siyazikhusela iimoto, izikhephe nezinye izithuthi ezihamba emanzini ozipakayo okanye ozigcina endlini yakho.
  • Ukukhuselwa kumonakalo owenziwa sisilwanyana sasekhaya: Siyawubhatalela umonakalo owenziwe sisilwanyana sasekhaya.
  • Ukucocisisa: Siyayibuyisa imali yokucocisisa okongezelelekileyo okufunekayo ukuze kusuwe amabala namavumba omsi.
  • Ukukhuselwa ekulahlekelweni yingeniso: Siyakubuyisela imali elahlekileyo kuba urhoxise ukubhukisha okuqinisekisiweyo kuka-Airbnb ngenxa yomonakalo obangelwe lundwendwe
  • Inombolo yoncedo esebenza oko: Ukuba nanini na uziva ungakhuselekanga, kukho indawo oyicofa kube kanye kwiapp yethu ukuze ufumane abantu abaqeqeshelwe ukhuseleko ngokukhethekileyo, imini nobusuku.

Fumana iinkcukacha ezingakumbi ngokukhuselwa koMbuki Zindwendwe kumonakalo

Ukubuyiselwa imali okulula

Ukuba undwendwe lonakalisa indawo okanye izinto zakho, wena (okanye Umbuki Zindwendwe Oncedisayo onemvume epheleleyo yokungena egameni lakho) ungaya Kwiziko lethu Lezemali ukuze ufake isicelo sokubuyiselwa imali ngamanyathelo nje ambalwa, emva koko uyilandelele lula le nkqubo ukususela ukufakeni isicelo ukuya ekubhatalweni. Isicelo sakho siza kuthunyelwa kundwendwe kuqala. Ukuba undwendwe aluphenduli okanye lubhatale zingekapheli iiyure eziyi-24, uza kukwazi ukubandakanya uAirbnb. IiSuperhost (ezinezindlu ezingaphandle kwephondo laseWashington eMerika) zihoywa kuqala zize zibuyiselwe imali ngokukhawuleza.

I$1 miliyoni yeedola zaseMerika eyi-inshorensi yomonakalo kumntu obebhukishile

I-inshorensi yomonakalo kumntu obebhukishile, eyinxalenye yeAirCover Yababuki Zindwendwe, ikukhusela kwimeko engaqhelekanga yokuba undwendwe lonzakale okanye konakale izinto zalo okanye zibiwe ngoxa luhleli kwindawo yakho. Abantu abakuncedisa ubuke iindwendwe, Njengababuki Zindwendwe Abancedisayo nabantu abacocayo, nabo baqukiwe.

I-inshorensi yomonakalo kumntu obebhukishile iyakukhusela ukuba uye wafunyaniswa unetyala lezi zinto:

  • Ukwenzakala kondwendwe (okanye kwabanye)
  • Umonakalo okanye ukubiwa kwezinto zondwendwe (okanye ezabanye)
  • Umonakalo owenziwe lundwendwe (okanye ngabanye abantu) kwiindawo ezisetyenziswa ngumntu wonke, njengeendawo zokwamkela iindwendwe nezindlu eziselumelwaneni

Ukuba ufuna ukufaka ibango, vela nje usebenzise ifomu yethu yokufaka ibango lomonakalo. Siza kuthumela inkcazelo osinike yona kwinkampani yeinshorensi esiyithembileyo ibe iza kubeka umntu oza kujongana nebango lakho. Uza kusombulula ibango lakho esebenzisa imimiselo yepolisi yeinshorensi.

Ukuba Ungumbuki Zindwendwe Kwinto Enokonwatyelwa, ukhuselwa yi-Inshorensi yomonakalo yomntu Okwizinto Ezinokonwatyelwa.

Fumana iinkcukacha ezingakumbi ngeInshorensi yomonakalo kumntu obebhukishile

I-inshorensi yomonakalo yombuki zindwendwe eyi-AirCover Yababuki Zindwendwe I-inshorensi yomonakalo kumntu obebhukishile, kunye neInshorensi yomonakalo kumntu okwizinto ezinokonwatyelwa azisebenzi Kubabuki Zindwendwe abaneendawo zokuhlala okanye izinto ezinokonwatyelwa eJapan, apho kusebenza I-inshorensi Yababuki Zindwendwe baseJapan kunye neInshorensi Yezinto Ezinokonwatyelwa yaseJapan, okanye Kubabuki Zindwendwe abaneendawo ezisebenza ngoAirbnb Travel LLC. Kubabuki Zindwendwe abaneendwawo zokuhlala okanye izinto ezinokonwatyelwa kwimimandla yaseTshayina, kusebenza I-inshorensi Yababuki Zindwendwe baseTshayina. Ukhumbule ukuba zonke iimali zezinto ezikhuselwayo zichazwe ngokweedola zaseMerika.

I-inshorensi yomonakalo kumntu obebhukishile Neinshorensi yomonakalo yomntu okwizinto ezinokonwatyelwa zibhatalelwa yenye inkampani yeinshorensi. Ukuba ubuka iindwendwe eUK, i-inshorensi yomonakalo kumntu obebhukishile Nepolisi yeinshorensi yomonakalo yomntu okwinto enokonwatyelwa ibhatalelwa yiZurich Insurance Company Ltd. ibe ilungiswe yaza yenziwa yasebenza ngaphandle kokuba babhataliswe imali eyongezelelekileyo Ababuki Zindwendwe baseUK nguAirbnb UK Services Limited, ummeli omiselweyo weAon UK Limited, ogunyaziswe nolawulwa yiFinancial Conduct Authority. Inombolo yokubhalisa yeFCA ka-Aon ngu-310451. Ungayibona le nto ngokuya kwiFinancial Services Register okanye ngokuqhakamshelana neFCA kule nombolo 0800 111 6768. Iipolisi zomonakalo kumntu obebhukishile Neeinshorensi zomonakalo zomntu okwizinto ezinokonwatyelwa ezikwiAircover Yababuki Zindwendwe zilawulwa yiFinancial Conduct Authority. Iimveliso neenkonzo ezishiyekileyo azizizo iimveliso ezilungiselelwe yiAirbnb UK Services Limited. FPAFF609LC

Kwi-EU, ezi polisi zilungiswe zaza zenziwa zasebenza ngaphandle kokuba kubhataliswe imali eyongezelelekileyo ukuze kuncedakale Ababuki Zindwendwe bakwi-EU yiAirbnb Marketing Services SLU, inkampani esebenzisana noAon Iberia Correduría de Seguros y Reaseguros, SAU, egunyaziswe nelawulwa nguAutoridad de Control de la Dirección General de Seguros y Fondos de Pensiones, ebhaliswe ngenombolo ye-serial ethi-J0170. 

I-Aon Iberia Correduría de Seguros y Reaseguros SAU isebenza njengenkampani encedisa iEU, efaka isandla ekusasazeni i-inshorensi kumazwe akwiEU phantsi kwenkululeko yokulawulwa kweenkonzo ukuze inikezele ngeenkonzo phantsi kweSpanish Insurance Distribution Law, i-Inshorensi Distribution Directive, nezinye izinto ezifunwa ngumthetho okanye ezikuwo. Ngaphandle kokuchaphazela igunya lelizwe elinikezela ngeenkonzo zeinshorensi, ilizwe elililungu elijongene nokulawulwa kweAon buBukumkani baseSpain neGunya Elongameleyo, iGeneral Directorate of Insurance and Pension Funds, elisePaseo de la Castellana 44, 28046 – eMadrid.

Ukukhuselwa kombuki zindwendwe kumonakalo akuyoinshorensi ibe akunanto yakwenza neInshorensi yomonakalo kumntu obebhukishile. Kwizindlu ezikwiphondo laseWashington, izinto ezifuneka kuAirbnb phantsi kokukhuselwa kombuki zindwendwe kumonakalo zibhatalelwa yipolisi yeinshorensi ethengwe nguAirbnb. Kubabuki Zindwendwe abahlala okanye abanendawo yokuhlala engaphandle kwaseOstreliya, kusebenza le Mimiselo Yokukhuselwa Kombuki Zindwendwe Kumonakalo. Kubabuki Zindwendwe abahlala okanye abanendawo yokuhlala eseOstreliya, ukukhuselwa kombuki zindwendwe kumonakalo kuxhomekeke Kwimimiselo Yokukhuselwa Kombuki Zindwendwe Kumonakalo Kwabantu Abayisebenzisayo baseOstreliya

Inkcazelo ekweli nqaku isenokuba itshintshile emva kokuba lipapashiwe.

Airbnb
11 Mey 2022
Ngaba oku bekuluncedo?